bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 25
Proverbs 25
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 26 →
1
Nezi ikwazizafobe zikaSolomon ezaqokelelwa ngamagosa kakumkani uHezekiya wakwaJuda:
2
Isihomo sikaThixo siphuhliswa zizinto eziyimfihlakalo; kambe ke sona isidima sokumkani kukuphengulula imicimbi.
3
Njengokuphakama kwesibhakabhaka nobunzulu bomhlaba, zikwanjalo ukungabi nakugocagocwa iingcamango zookumkani.
4
Wakuyicwenga isiliva, nengcibi itsho ikwazi ukuyisebenzisa;
5
akukhiqwa amaphakathi aphuthileyo, ulawulo lokumkani lutsho ludume ngokuzinza.
6
Xa ukomkhulu musa ukuzigqatsa; sukuhlala endaweni yezikhulu.
7
Kaloku kubhetele ukuba yena athi: “Nyukela apha,” kunokuba akususe kwindawo yezikhulu amatshawe ebukele.
8
Sukungxamela enkundleni ngento oyibonileyo, hleze kuvele omnye umntu nabungqina bumbi, utsho uhlazeke ke wena.
9
Xa usematyaleni nommelwane wakho musa ukudiz' imfihlelo oyixelelweyo,
10
hleze uvelwe utsho uphoxeke, kuze ke ukuba negama elibi kwakho kuthane mbende nawe.
11
Amazwi afanelekileyo nqwa neeapile zegolide ezithiwe nca kwisiliva.
12
Isilumkiso esiwa kwindlebe evayo sifana necici legolide nesidanga segolide ecikizekileyo.
13
Umthunywa onyanisekileyo kwabo bamthumayo uhlaziya inkosi yakhe oku kwekhephu ngexa lokuvuna.
14
Umntu ozigwagwisa ngokupha omnye isipho angenaso ufana namafu anomoya angenamvula.
15
Umlawuli uyacengeka ngumntu onomonde, namazwi athambileyo amenza anikezele.
16
Wakufumana ubusi butye uzilinganisela, hleze bubuye wakubutya gqitha.
17
Malungaquqi gqitha unyawo lwakho kwammelwana, hleze akruquke nguwe, akucaphukele.
18
Umntu otshonisa ummelwana wakhe ngobungqina obubuxoki uyingozi nqwa negqudu, umkhonto, okanye utolo.
19
Ukuthembela ngomntu ongathembekanga xa usenkathazweni kufana nezinyo elonakeleyo nonyawo oluqhwalelayo.
20
Ukuculela umntu oneenzingo kufana nokumhambisa ze mhla kubandayo, okanye kunjengokonakalisa isoda ngokuyixuba neviniga.
21
Xa ufumana utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya; lwakunxanwa, luphe amanzi.
22
Ngokwenjenjalo ke woba uluqhubela enguqukweni, *noNdikhoyo wokuvuza.
23
Umoya wasentla uzisa imvula, kodwa ke yona intlebendwane iza nengxabano.
24
Akunani kwaukuhlala wedwa noba kuphezu kwendlu, ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.
25
Iindaba ezimnandi ezivela kwelikude zihlaziya oku kwamanzi abandayo emntwini odiniweyo.
26
Akoyiswa sisikhohlakali umntu olungileyo loo nto ifana nequla eligxobhekileyo okanye nomthombo ongcolisekileyo.
27
Ukubutya kakhulu ubusi akulunganga; kukwanjalo ukuhlala uzifunela imbeko.
28
Umntu owoyiswayo kukuzilawula usesichengeni oku kwesixeko esindonga ziwileyo.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31