bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 9
Proverbs 9
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 10 →
1
Ubulumko buyakhile indlu yabo, bayenzela iintsika ezisixhenxe.
2
Ubulumko buxhelile, bayixuba newayini; kwaye netafile sebuyidekile.
3
Buthume izicakazana ukuba zime ezindulini, zazise apho edolophini, zithi:
4
“Yizani nonke, nina bangaqondiyo.” Kanti ke kwabaswele ukuqonda buthi:
5
“Ngenani nitye ukutya endikulungisileyo, nisele newayini endiyixubileyo.
6
Lahlani ubuyatha, khon' ukuze niphile; hambani ngendlela yeengqondi.
7
“Othethisa umgxeki uzibizela ukuthukwa; okhalimela isikhohlakali udibana nokunyeliswa.
8
Sukuziduba ngokululeka umgxeki kuba wosuka akucaphukele; kambe ke wakululeka isilumko sitsho sikuhloniphe.
9
Wakusifundisa isilumko sitsho silumke ngaphezulu. Ukuba uyalicebisa ilungisa litsho longeze ulutho kulwazi lwalo.
10
“Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo; umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo.
11
Mna bulumko ndoyenza ibe mininzi imihla yakho, ndiyongeze iminyaka yobomi bakho.
12
Xa usisilumko woncedwa bubulumko bakho; kanti xa ungumgxeki iya kuba nguwe kanye ohluphekayo.”
13
Umfazi onguNobudenge usoloko engxola; yindlavinikazi engazi nto.
14
Uthanda ukuhlala emnyango endlwini yakhe okanye kwiindawo eziphezulu edolophini,
15
ufike selemana ekhwaza abantu abadlula ngendlela, behamba bexakeke yimicimbi yabo,
16
esithi: “Yizani apha nonke, nina bangaqondiyo!” Kwabaswele ukuqonda uthi:
17
“Akamnandi ngako amanzi abiweyo! Kanti ke nokutya okutyiwa ekufihlekeni kokona kunencasa.”
18
Abamphulaphulayo abaqondi ukuba kukufa okubalindele apho; abazi ukuba abo bakhe bamtyelela xa kungokunje bakwelabafileyo.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31