bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Proverbs 14
Proverbs 14
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 15 →
1
Umfazi onobulumko uyawakha umzi wakhe; kanti ke yena ongenangqondo uyawuchitha ngezakhe izandla.
2
Ohlonela uNdikhoyo uhamba ngokuthe tye; ke yena omdelayo iindlela zakhe ziphambukile.
3
Umntu onekratshi ukuthetha kwakhe kumhlisela ukohlwaywa; ke wona amazwi esilumko ayasikhusela.
4
Apho kungekho nkabi zankomo umkhombe wesitali uba zé; ngamandla enkabi yenkomo kunokuzuzwa ingeniso eninzi.
5
Ingqina elinyanisekileyo alibuthethi ubuxoki, kodwa ke lona elixokayo liphuphuma lulwimi.
6
Umgxeki ubufuna ancame ubulumko, kanti ke yena umntu oqiqayo uluzuza lula ulwazi.
7
Musa ukutshomana nomntu osisiyatha, kuba awuyi kuzuza nto ibhadlileyo emlonyeni wakhe.
8
Ubulumko bomntu onengqondo bumenza ayichane indlela yakhe; ukumatha komntu osisityhakala kubanga inkohliso.
9
Idini letyala elenziwa zizimathane yintlekisa, kanti ke abathe ngqo baxhamla imvisiswano.
10
Intliziyo nganye iyabazi obayo ubukrakra, kanti akukho bani wahlulelana nayo ngovuyo lwayo.
11
Umzi womntu okhohlakeleyo uya kutshatyalaliswa; ke wona umzi womntu othe ngqo uyabalasela.
12
Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini, kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.
13
Nokuba ubani uyahleka usenokuba nomva-ndedwa, nesiphelo soko kuchwayita sibe sisingqala.
14
Umntu onganyanisekanga uvuna loo nto ayilimileyo, kanti nomntu olungileyo utya isimilo sakhe.
15
Umntu ongaqondiyo ukholelwa yinto yonke; kanti ke yena oqiqayo uhlab' ekhangele.
16
Umntu onengqondo uhlala egcisile, ayiphephe inkathazo; ke sona isityhakala asikhathali, siyatyhuthuza.
17
Umntu ocaphuka msinya wenza izinto zobudenge; umntu onobuqhophololo uyathiywa.
18
Umntu ongaqondiyo uvuna ubutyhakala; ke yena onengqondo uthiwa jize ngolwazi.
19
Abantu abagwenxa baya kuqubuda phambi kwabo balungileyo, bakhahlele emasangweni amalungisa.
20
Ihlwempu libukulwa nditsho nangummelwane; kanti ke yena umntu omi kakuhle unezihlobo ezininzi.
21
Umntu omdelelayo ummelwane wakhe uyona, kambe ke olenzela ububele ihlwempu, hayi inyhweba yakhe!
22
Abayi kulahleka na abo bayila ububi? Inceba nenyaniso ikwabo baceba okulungileyo.
23
Ekubulalekeni kukusebenza kukho umvuzo; ke yena olibala kukuncokola wambathwa bubuhlwempu kuphela.
24
Abantu abazizilumko bathiwa jize ngobutyebi; ke bona ubutyhakala beziyatha buvelisa ubutyhakala.
25
Ingqina elinyanisekileyo liyabasindisa abantu; kodwa ke lona elixokayo liyakhohlisa.
26
Umntu omhlonelayo uNdikhoyo unenqaba eluqilima; nabantwana bakhe bazimela kuyo.
27
Isiseko sobomi kukuthobela uNdikhoyo; umntu kuyamphephisa kwizirhintyelo zokufa.
28
Ubuhandiba bokumkani buxhomekeke kubuninzi babantu bakhe; kambe bengekho abantu bokulawulwa itshawe alinto.
29
Umntu onomonde uba nengqiqo; kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge.
30
Umntu ozolileyo uba nempilo; ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.
31
Umntu ocinezela ihlwempu ugxeka uMdali walo; ke yena obalungiselelayo abahlelelekileyo udumisa uMdali.
32
Umntu okhohlakeleyo ubhangiswa bububi bakhe; kanti ke yena olilungisa unenqaba azimela ngayo nasekufeni.
33
Ubulumko busekhaya kumntu obhadlileyo; kanti buyazibika naphakathi kweziyatha.
34
Ubulungisa buyasiphakamisa isizwe; ke sona isono lihlazo nakwesiphi na isizwe.
35
Ukumkani uyakholiswa liphakathi elilumkileyo, kodwa umsindo wakhe uyavutha kowenza okuziintloni.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31