bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 1
Mark 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 2 →
1
Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo.
2
Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa, Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.
3
Ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Wulungiseni umendo weNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo.
4
Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono.
5
Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem, baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo.
6
Waye ke uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; Wadla iinkumbi nobusi basendle;
7
Wayeshumayela esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe.
8
Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.
9
Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho.
10
Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu livulekile, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe.
11
Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.
12
Uthe kwaoko uMoya wamkhuphela entlango.
13
Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mane, ehendwa nguSathana; waye kunye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungiselela.
14
Ke kaloku emveni kokufakwa kukaYohane entolongweni, weza uYesu kwelaseGalili, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo,
15
esithi, Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.
16
Uthe ke, ehamba ngaselwandle lwaseGalili, wabona uSimon, noAndreya umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; ngokuba babengababambisi beentlanzi.
17
Wathi kubo uYesu, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.
18
Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela.
19
Ehambele phambili kancinane, wabona uYakobi, lo kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe, besemkhombeni wabo, belungisa iminatha yabo.
20
Wababiza kwaoko, bamshiya uyise uZebhedi enqanaweni nabaqeshwa, bamlandela.
21
Bangena eKapernahum; wathi kwaoko ngomhla wesabatha, wangena endlwini yesikhungu, wafundisa.
22
Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.
23
Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wadanduluka wathi,
24
besithi, Siyeke; Yintoni na enathi nawe, Yesu waseNazarete? uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye, ungoyiNgcwele kaThixo.
25
Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye.
26
Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye.
27
Bakhwankqiswa ke bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Yeyiphi imfundiso entsha? kuba oomoya abangcolileyo aba ubathethela ngegunya, bamthobele.
28
Lwaphuma ke kwaoko udumo lwakhe; lwaya kuwo wonke ummandla welaseGalili.
29
Bakuba bephumile endlwini yesikhungo, bangena endlwini kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.
30
Ke umkhwekazi kaSimon wayelele phantsi ebanjwe yicesina, baza bamxelela kwaoko.
31
Wasondela kuye, wayibamba ngesandla, wayiphakamisa; yamyeka kwaoko icesina, wabalungiselela.
32
Ke kaloku, kwakuhlwa, xa litshonayo ilanga, bazisa kuye bonke ababesifa, nababephethwe ziidemon.
33
Waye umzi wonke uhlanganisene ndawonye emnyango apho.
34
Waphilisa babaninzi ababesifa zizifo ngezifo; wakhupha needemon ezininzi; waye engazivumeli iidemon ukuba zithethe, kuba bezimazi.
35
Uthe ke kusasa, kusemnyama, wavuka, waphuma, wemka waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho.
36
Bamlandela ooSimon nabo babenaye.
37
Bathe bakumfumana bathi kuye, Bonke bayakufuna.
38
Wathi kubo, Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko.
39
Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon.
40
Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.
41
uYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; Hlambuluka.
42
Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka.
43
Wamkhalimela, wamndulula kwaoko;
44
Athi kuye, Lumka ungaxeleli bani nanye into; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze oko wamisayo uMoses, ngenxa yokuhlanjululwa kwakho, kube bubungqina kubo.
45
Ke yena, akuphuma, waqala ukuyivakalisa kakhulu nokuyibhengeza loo ndawo, ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena mzini ekuhleni; waba ngaphandle ezindaweni eziziintlango; babesithi beze kuye bevela ngeenxa zonke.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16