bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 3
Mark 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 4 →
1
Wabuya wangena endlwini yesikhungu; Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo.
2
Baye ke bemlalele ukubona ukuba womphilisa na ngesabatha; ukuze bammangalele.
3
Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi.
4
Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Bathi tu ke bona.
5
Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, saphila ke isandla sakhe, saba ngesinye.
6
Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise.
7
Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya elwandle; yamlandela inkitha enkulu yaseGalili nakwelakwaYuda
8
naseYerusalem, nakwaIdume, naphesheya kweYordan; NakwelaseTire neTsidon, inkitha enkulu, yakuva ukuba zininzi kwazo izinto abezenza, yeza kuye.
9
Waza wathi kubafundi bakhe, umkhonjana umlinde ngenxa yendimbane, hleze bamxinzelele phantsi.
10
Kuba wayephilise abantu abaninzi; ngokokude bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise bonke ababenezibetho;
11
Nabo oomoya abangcolileyo babesithi, xa sukuba bembona, bawe phantsi kuye, bakhale, besithi, Wena unguye uNyana kaThixo.
12
Wabakhalimela ukuba bangamtyhili.
13
Unyuke ke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; beza kuye.
14
Wamisela abalishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuba abathume baye kushumayela;
15
nokuba negunya lokuphilisa izifo, nelokukhupha iidemon;
16
Kwaye uSimon awamthiya ngokuba nguPetros;
17
noYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi; Waza wabathiya igama elinguBhowanerges, oko kukuthi, oonyana beendudumo;
18
noAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon umKanan,
19
NoYuda Sikariyoti, lowo wamngcatshayo naye, bangena endlwini.
20
Kwabuya kwahlanganisana isihlwele, ngokokude bangabi nakutya isonka.
21
Bakuva ke oogxa bakhe, baphuma besiya kumbamba; kuba babesithi, Uyageza.
22
Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, UnoBhelezebhule;
23
Wababizela kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angathini na uSathana ukukhupha uSathana?
24
Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani;
25
nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu;
26
NoSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile.
27
Akukho bani unako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo; andule ke ukuyiphanga indlu yakhe.
28
Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo;
29
Ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade.
30
Kuba besithi, Unomoya ongcolileyo.
31
Bafika ngoko abazalwana bakhe nonina, bema ngaphandle, bathumela kuye bembiza.
32
Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna.
33
Wabaphendula wathi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam?
34
Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, wathi, Nanku uma nabazalwana bam.
35
Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaThixo, lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16