bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 11
Mark 11
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 12 →
1
Ke kaloku, bakusondela eYerusalem, eBhetefage naseBhetani, eNtabeni yemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe,
2
Athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; mkhululeni nize naye.
3
Nokuba ubani uthe kuni, Yini na ukuba nikwenze oko? yithini iNkosi iyalifuna; wothi kwaoko alithumele apha.
4
Basuka ke baya, balifumana ithole libotshelelwe ngasemnyango ngaphandle, ekuhlanganeni kweendlela; bayamkhulula ke.
5
Baye abathile kwababemi khona besithi kubo, Nenza ntoni na, nilikhulula nje ithole?
6
Bathetha ke kubo njengoko uYesu ebebawisele umthetho ngako; baza babandulula.
7
Balizisa ithole kuYesu; baziphosa iingubo zabo phezu kwalo; wahlala phezu kwakhe.
8
Ke kaloku abaninzi bazandlala iingubo zabo endleleni; baye ke abanye bexhuzula amahlamvu emithini, bewandlala endleleni.
9
Baye abo babehamba ngaphambili, nabo babelandela, bedanduluka, besithi, Hosana; Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.
10
Mabubongwe ubukumkani bukabawo wethu uDavide, obuzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!
11
uYesu wangena eJerusalem, waya endlwini kaThixo, waza wasingasinga izinto zonke, kwaza kwakuhlwa, waphuma waya eBhetani nabalishumi elinababini.
12
Uthe ngengomso, bakubon’ ukuba baphumile eBhetani, walamba.
13
Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo. Akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingekafiki ixesha lamakhiwane.
14
Waphendula uYesu wathi kuwo, Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade. Beva abafundi bakhe.
15
Bakufika eJerusalem, waza uYesu wangena endlwini kaThixo, wabakhupha ababethengisa nababethenga endlwini kaThixo, wazibhukuqa neetafile zabatshintshi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe.
16
Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya.
17
Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange.
18
Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangathini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe.
19
Kwathi kwakuhlwa, waphuma waya ngaphandle komzi.
20
Kwakusa, xa babedlula, bawubona umkhiwane womile ukususela ezingcanjini.
21
Ekhumbule uPetros, wathi kuye, Rabhi, khangela, umkhiwane owuqalekisileyo womile.
22
Uphendule ke uYesu wathi kubo, Yibani nokholo kuThixo.
23
Inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle; engathandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka; woba nako oko akuthethayo.
24
Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo.
25
Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.
26
Ke, ukuba anixoleli nina, naye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu.
27
Babuya beza eYerusalem; kuthi, akubon’ ukuba uyahamba etempileni, kufike kuye ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu;
28
bathi kuye, Uzenza ezi zinto ngagunya lini na? Ngubani na okunike eli gunya lokwenza ezi zinto?
29
Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kunibuza zwi-nye, ze nindiphendule; ndonixelela ke, ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
30
Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? ndiphendule.
31
Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini; Wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
32
Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini; baye besoyika abantu; kuba bonke babebambe ukuthi uYohane ubengumprofeti inene.
33
Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Waphendula uYesu wathi kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16