bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 13
Mark 13
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 14 →
1
Kwakubon’ ukuba uyaphuma etempileni, uthi omnye umfundi wakhe kuye, Mfundisi, uyawabona na la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?
2
Waphendula uYesu wathi kuye, Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
3
Ke kaloku, akubon’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, malunga netempile, bambuza ngasese uPetros, noYakobi, noYohane, noAndreya, besithi,
4
Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto? uya kuba yini na umqondiso, xa zonke ezo zinto ziya kuzaliseka?
5
Wabaphendula uYesu waqala ukuthi, Lumkani ningalahlekiswa mntu;
6
Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; balahlekise abantu abaninzi.
7
Xa nithe neva iimfazwe namarhe eemfazwe, musani kuba navuso; kanti kona ukuphela akukabikho.
8
Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho neendlala neenkathazeko; ziingqaleko ke zenimba ezo.
9
Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala; Niya kubethwa ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo.
10
Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.
11
Xa sukuba ke benirhola, beninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga; uMoya oyiNgcwele.
12
Ke kaloku umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele unyana; bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise;
13
niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; kodwa onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.
14
Ke kaloku, xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi apho lingamele ukuba likhona (umfundi makaqiqe), ngelo xesha mabathi abo bakwelakwaYuda basabele ezintabeni;
15
Ophezu kwendlu ke makangehli aye endlwini, angangeni aye kuthabatha into endlwini yakhe;
16
Nalowo usentsimini makangabuyeli emva, aye kuthabatha ingubo yakhe.
17
Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!
18
Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi sebusika.
19
Kuba yona loo mihla iya kuba yimbandezelo, engazanga ibekho enjalo kwasekuqalekeni kwendalo awayidalayo uThixo, kwada kwakalokunje;
20
Kanjalo ukuba iNkosi ibingayinqamlelanga loo mihla, bekungayi kubakho mntu usindayo; koko ithe ngenxa yabanyulwa ebanyulileyo, yayinqamlela imihla leyo.
21
Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu; nanko ekho; musani ukukholwa nguye;
22
Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka.
23
Lumkani ke nina; yabonani, ndinixelele izinto zonke ngenxa engaphambili.
24
Ngaloo mihla, emva kwaloo mbandezelo, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo;
25
Iinkwenkwezi zezulu ziya kuwa, athi namandla asezulwini azanyazanyiswe.
26
Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli.
27
Uya kuzithuma ngelo xesha izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathele esiphelweni somhlaba, kuse esiphelweni sezulu.
28
Fundani kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo.
29
Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona ezo zinto zisihla, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.
30
Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho.
31
Liya kudlula izulu nehlabathi, kodwa amazwi am akayi kudlula.
32
Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise.
33
Lumkani, hlalani nilindile, nithandaze; ngokuba anilazi ukuba linini na ixesha elo;
34
njengokuba wathi umntu ehambela kwelinye, eshiya indlu yakhe, wabanika igunya abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe, waza umgcini-mnyango wamwisela umthetho ukuba alinde.
35
Phaphani ngoko, ngokuba ningakwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa;
36
hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele.
37
Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16