bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 4
Mark 4
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 5 →
1
Wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle. Kwahlanganisana kuye indimbane enkulu, wada yena wangena emkhombeni, wahlala elwandle; saye sonke isihlwele siphezu kolwandle emhlabeni.
2
Wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso. Wayesithi kubo ekufundiseni kwakhe,
3
Phulaphulani; Yabona, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela;
4
kwathi ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zezulu zayidla zayigqiba.
5
Enye yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; yantshula ke kwaoko, ngenxa yokuba ingenabunzulu bamhlaba;
6
Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha; yathi ngenxa yokuba ingenangcambu, yoma kwaphela.
7
Yimbi yawa phakathi kwemithana enameva, yaza imithana enameva yakhula, yayiminxa, ayaba nasiqhamo.
8
Embi yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo, yahluma, yaqhama; yavelisa enye amashumi amathathu, enye amashumi amathandathu, nekhulu enye.
9
Wathi kubo, Lowo uneendlebe zokuva makeve.
10
Ke kaloku, xa abeyedwa, abo babemphahlile, ndawonye nabalishumi elinababini, bambuza umzekeliso lowo.
11
Uthe ke kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo;
12
ukuze bebona babone, bangaqiqi; besiva ke beve, bangaqondi; hleze babuye baguquke, baxolelwe izono zabo.
13
Wathi kubo, Aniwazi na lo mzekeliso? Nothini na ke ukuyazi imizekeliso yonke?
14
Uhlwayela imbewu yelizwi.
15
Aba ke basendleleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba basendleleni, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo.
16
Ngokukwanjalo ngaba abo bahlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa; abathi, bakuliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya;
17
babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko.
18
Aba bahlwayelweyo emithaneni enameva ngaba; abo balivayo ilizwi,
19
Aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingene ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.
20
Abo bahlwayelwe kuwo umhlaba omhle ngaba; bathi bona balivayo ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo, omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.
21
Wayesithi kubo, Isibane esi sikha siziswe ukuze sibekwe ngaphantsi kwesitya yini na, nokuba kuphantsi kwesingqengqelo? nengabekwa phezu kwesiphatho sezibane?
22
Akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakala; kananjalo akubangakho nto ifihliweyo ingafihlelwa ukuba ize ekuhleni.
23
Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.
24
Wayesithi kubo, Yilumkeleni into eniyivayo; umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa ngawo nani, kongezwe kuni nina nivayo.
25
Kuba osukuba enako, uya kunikwa; nosukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.
26
Uthe ke, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni;
27
Ubusuku nemini alale, avuke, ize imbewu intshule, ikhule engazi ukuba njani na.
28
Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo; kuqala ibe likhaba, kwalandela isikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini;
29
Xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna.
30
Uthe ke, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kuthelekisa ngamzekeliso mni na?
31
Bunjengokhozo lwemostade, oluthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni;
32
luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi wawo.
33
Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva.
34
Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe.
35
Kwangaloo mini kwakuhlwa, athi kubo, Masiwele siye ngaphesheya.
36
Basindulula isihlwele, bamthabatha esemkhombeni ngoko. Kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye.
37
Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku.
38
Ke yena ebesemva emkhombeni, elele emqamelweni; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?
39
Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Yithi tu, uthi tu. Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu.
40
Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Yini na ukuba ningabi nalukholo?
41
Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle?
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16