bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 14
Mark 14
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 15 →
1
Ke kaloku bekuza kubakho ipasika, izonka ezingenagwele, emveni kweentsuku ezimbini; baye ke ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbamba ngenkohliso, bambulale.
2
Babesithi ke, Kungabi ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge ebantwini.
3
Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubon’ ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza iselwa, wamgalela entloko.
4
Kwaye ke kukho abathile abacaphukayo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo?
5
Kuba la mafutha bekungathengiswa ngawo ngeedenariyo ezingaphezu kwamakhulu amathathu, kuphiwe amahlwempu. Baye bamkrokrela.
6
Uthe ke uYesu, Myekeni; yini na ukuba nimkhathaze? Undenzele umsebenzi omhle.
7
Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam.
8
Yena ukwenzile abenako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam.
9
Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
10
uYuda Sikariyoti, omnye kwabeshumi elinababini, wesuka waya kubabingeleli abakhulu, ukuba amnikele kubo.
11
Bakuva ke oko, bavuya, bamthembisa ngokumnika imali. Wayefuna ukuba angathini na ukumnikela ngexesha elimlungeleyo.
12
Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, xa bekubingelelwa imvana yepasika, bathi kuye abafundi bakhe, Unga singaya kulungisa phi na, ukuze uyidle ipasika?
13
Ususa babini kubafundi bakhe, athi kubo, Hambani niye kuwo umzi; nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni.
14
Xa athe angena, nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam?
15
Yena wonibonisa igumbi eliphezulu, elikhulu, landlelwe lalungiswa; silungiseleleni apho.
16
Baphuma abafundi bakhe abo baya kungena kuwo umzi, bafumana kunjengoko wayebaxelele, bayilungisa ipasika.
17
Kwathi kwakuhlwa, eze nabalishumi elinababini.
18
Bakubon’ ukuba bahleli, bayadla, wathi uYesu, Inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha, lowo ke udla nam.
19
Baqala ke ukuba buhlungu, nokuthi kuye ngabanye, Ingaba ndim, yini na? Wathi omnye, Ingaba ndim na?
20
Uphendule ke wathi kubo, Ngomnye kwabeshumi elinababini, lowo ke uthi nkxu nam esityeni.
21
uNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.
22
Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.
23
Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke.
24
Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi.
25
Inene ndithi kuni, Andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo.
26
Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.
27
Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu.
28
Ke emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili.
29
Wathi ke uPetros kuye, Nokuba baya kukhubeka bonke, mna nakanye.
30
Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.
31
Kwaba kukhona wathetha wancamisa, esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Kwangokunjalo batsho nabo bonke.
32
Bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane. Athi kubafundi bakhe, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndithandaze;
33
Wathabatha uPetros noYakobi noYohane, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu.
34
Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde.
35
Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo.
36
Wayesithi, Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe.
37
Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda na nelixa libe linye?
38
Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
39
Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi.
40
Uthe akubuya wabafumana bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo; baye bengazi into abangamphendula yona.
41
Ubuye okwesithathu, athi kubo, Lalani ngoku niphumle. Kwanele, ilixa lifikile; yabonani, uNyana woMntu uyanikelwa ezandleni zaboni.
42
Vukani, sihambe; yabonani, lowo undingcatshayo usondele.
43
Kwaoko, esathetha, uthi qatha uYuda, owayengoweshumi elinababini, enendimbane enkulu, inamakrele neentonga, isuka kubo ababingeleli abakhulu, nakubabhali, nakuwo amadoda amakhulu.
44
Ke kaloku lowo umngcatshayo ubebanike umqondiso, esithi, Endithe ndamanga, nguye; mbambeni, nimrhole nimnqandile.
45
Efikile, uye kuye kwaoko, athi, Rabhi, Rabhi; wamanga.
46
Baza bamsa izandla, bambamba.
47
Uthe ke omnye kwababemi khona, warhola ikrele, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe.
48
Waphendula uYesu wathi kubo, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, nanga niphumele isihange?
49
Bendinani imihla ngemihla etempileni ndifundisa, anandibamba; kodwa kunje, ukuze zizaliseke izibhalo.
50
Bamshiya ke bonke, babaleka.
51
Walandelwa yindodana ethile, ithe yambu ilinen entle emzimbeni; abafana bambamba.
52
Ithe yayilahla ilinen entle leyo, yabaleka kubo ize.
53
Bamrholela uYesu kumbingeleli omkhulu, bahlanganisana kuye bonke ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nababhali.
54
Waza uPetros wamlandela, ebekele kude, wada waya ngaphakathi entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu; waye ehleli phantsi ndawonye namadindala, esotha umlilo.
55
Baye ke ababingeleli abakhulu, nayo intlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina ngaye uYesu bokuze bambulalise; akafumana nto.
56
Kuba babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye, baye ubungqina babo bungayelelani.
57
Besuka ke abathile, bengqina ubuxoki ngaye, besithi,
58
Thina samva yena esithi, Mna ndiya kuyichitha le tempile yenziweyo ngezandla, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engenziwe ngazandla.
59
Baye bungayelelani kwangokunjalo nobabo ubungqina.
60
Wesuka wema phakathi umbingeleli omkhulu, wambuza uYesu, esithi, Akuphenduli nento le na? bangqina ntoni na aba ngawe?
61
Wahlala wathi tu, akaphendula. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu, uNyana waLowo ungowokubongwa?
62
Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu.
63
Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina?
64
Nikuvile ukunyelisa; nithini na nina? Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe.
65
Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; aza amadindala ammbetha.
66
Kuthi, akubon’ ukuba uPetros usentendelezweni ezantsi, kweza esinye sezicakazana zombingeleli omkhulu.
67
Ithi yakumbona uPetros esotha, yamjonga, yathi, Nawe ubunaye uYesu waseNazarete.
68
Wakhanyela ke esithi, Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena. Waphuma waya evarandeni; yalila inkuku.
69
Waphinda umkhonzazana wambona, waqala ukuthi kwababemi khona, Lo ngowakubo.
70
Waphinda wakhanyela. Kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona bathi kuPetros, Inyaniso, ungowabo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo.
71
Waqala ke ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu nimthethayo.
72
Yalila okwesibini inkuku. Walikhumbula ke uPetros ilizwi, abelithethile uYesu kuye, lokuthi, Ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Wathi akucinga, walila.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16