bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 12
Mark 12
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 13 →
1
Waza waqala ukuthetha nabo ngemizekeliso. Ubani watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye.
2
Wathi ngelo xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso.
3
Basuka bona bambamba, bamtyabula, bamndulula elambatha.
4
Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula ehlazekile.
5
Wabuya wathuma omnye; naye bambulala, nabanye abaninzi; inxenye beyityabula, inxenye beyibulala.
6
Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.
7
Kodwa abo balimi bathetha bodwa besithi, Yindlalifa le; yizani simbulale, libe lelethu ilifa.
8
Bamthabatha ke, bambulala, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya.
9
Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso.
10
Anisilesanga na esi sibhalo; Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo;
11
Le nto yenziwe yiNkosi, yaye iyamangalisa emehlweni ethu?
12
Baza bafuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka.
13
Bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha kwakhe.
14
Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo ufundisa ngayo ngenyaniso, kuKesare, akunjalo?
15
Sirhole, okanye masingaphi? Ke yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo, ndiyibone.
16
Bayizisa. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? Bathi ke bona kuye, NgokaKesare.
17
Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Baye bemangaliswa nguye.
18
Kwafika kuye nabaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko; bambuza, besithi.
19
Mfundisi, uMosis wasibhalela wathi: “Ukuba ozalana nothile uthe wafa waza washiya umfazi wakhe waza akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu ozalana naye.
20
Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa akashiya mbewu.
21
Uthe ke owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu; nowesithathu wenjenjalo.
22
Bamzeka ke bosixhenxe; abashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi.
23
Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba bosixhenxe babenaye engumfazi.
24
Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo?
25
Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; banjengezithunywa ezisemazulwini.
26
Ngokusingisele kwabafileyo, ukuba baya kuvuka, anilesanga na encwadini kaMoses, ethetha ngetyholo, okokuba wathi uThixo kuye, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi?
27
AkaThixo wabafileyo, unguThixo wabaphilileyo. Nina ke ngoko niyalahleka kakhulu.
28
Kwafika omnye wakubabhali; wabeva bebuzana; waqonda ukuba ubaphendule kakuhle. Wambuza esithi, Owona mthetho uphambili kuyo yonke nguwuphi na?
29
Wamphendula uYesu wathi, Owona ungaphambili kuyo yonke imithetho ngulo: Yiva, Sirayeli; iNkosi uThixo wethu yiNkosi enye;
30
uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo wokuqala umthetho.
31
Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunale.
32
Wathi umbhali kuye, Ngxatsho ke, Mfundisi, uthethe inyaniso; ngokuba mnye uThixo; akukho wumbi, nguye yedwa;
33
nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangomphefumlo uphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako, kungaphezu kwawo onke amadini atshiswayo kuphele, kwanemibingelelo.
34
uYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye, Akukude wena ebukumkanini bukaThixo. Akwabakho namnye waba nabuganga bakumbuza nto.
35
Waphendula uYesu, efundisa etempileni, wathi, Batsho ngani na ababhali ukuthi, uKristu ngunyana kaDavide?
36
Kuba uDavide ngokwakhe wathi ngoMoya oyiNgcwele, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.
37
uDavide ngoko ngokwakhe umbiza ngokuthi, Nkosi; Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe? Yaye indimbane yamva ngovuyo.
38
Wayesithi kubo ekufundiseni kwakhe, Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngeengubo ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho,
39
nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, neendawo eziphambili ezidlweni;
40
abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu; abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.
41
uYesu wayehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela indlela abantu abaphosa ngayo imali emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu.
42
Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante.
43
Ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali;
44
kuba bonke baphose bethabatha kwikhupha labo; ukanti yena ekusweleni kwakhe uphose yonke into abenayo, impilo yakhe yonke.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16