bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 9
Mark 9
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 10 →
1
Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla.
2
uYesu ke, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa.
3
Zabengezela iingubo zakhe, zamhlophe njengekhephu; njengokuba kungekho mcoci weempahla emhlabeni unako ukuba mhlophe.
4
Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu.
5
Waphendula ke uPetros wathi kuYesu, Rabhi, kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho; omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.
6
Kuba ubengayazi into abengayithethayo; ngokuba bebesoyika kunene.
7
Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi, kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.
8
Basingasinga, ababi sabona mntu, yanguYesu yedwa enabo.
9
Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu.
10
Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na.
11
Bambuza besithi, Yini na ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci?
12
Uphendule ke wathi kubo, Okunene uEliya, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; kwaba njani na kubhalwe ngaye uNyana woMntu, ukuba umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, enziwe into engento?
13
Ke ndithi kuni, ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye.
14
Akufika kubafundi bakhe, wabona indimbane enkulu ibangqongileyo, nababhali bebuzana nabo.
15
Sakumbona sakhwankqiswa kwaoko sonke isihlwele, sabalekela kuye, sambulisa.
16
Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo?
17
Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo;
18
apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethe kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; ababa nako.
19
Umphendule ke wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum.
20
Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; yawa emhlabeni, yaqikaqika, ilephuza amagwebu.
21
Wabuza kuyise, ukuba kumgama ungakanani na imhlile le nto? Wathi ke yena, Kwaesengumntwana.
22
Umphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise; kodwa ukuba unako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi.
23
Wathi uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo.
24
Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; kuncede ukungakholwa kwam.
25
Uthe ke uYesu, ebone ukuba isihlwele sibalekela ndaweni-nye, wawukhalimela umoya ongcolileyo, esithi kuwo, Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye.
26
Wakhala umoya, wambetha wee xhwenene kunene, waphuma kuye; bada abaninzi bathi, Ufile.
27
uYesu ke wambamba ngesandla, wamphakamisa; wavuka.
28
Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina?
29
Wathi kubo, Olu hlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
30
Bephumile apho, babehamba becanda kwelaseGalili; wayengathandi ukuba kwazi bani oko;
31
kuba wayebafundisa abafundi bakhe, esithi kubo, uNyana woMntu unikelwa ezandleni zabantu; baya kumbulala; aze emveni kokuba ebulewe, abuye avuke ngomhla wesithathu.
32
Baye bengakuqondi oko kuthetha; baye besoyika nokumbuza.
33
Weza kufika eKapernahum. Akuba esekhaya, wayebabuza esithi, Nibe nicamanga ntoni na phakathi kwenu endleleni?
34
Bahlala bathi cwaka ke; kuba endleleni babebambene ngokuthi, ngubani na omkhulu phakathi kwabo.
35
Akuba ehleli phantsi, wababiza abalishumi elinababini, wathi kubo, Ukuba ubani uthanda ukuba ngowokuqala, woba ngowokugqibela kwabo bonke, nomlungiseleli wabo bonke.
36
Uthabathe umntwana, wammisa phakathi kwabo, wamwola, wathi kubo.
37
Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo.
38
uYohane wamphendula wathi: “Mfundisi, sabona umntu ekhupha iindimoni egameni lakho, kodwa samalela ke, kuba engasilandeli thina.
39
Wathi ke uYesu, Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze abe nako ukuthetha kakubi ngam.
40
Kaloku ongachasiyo ungecala lethu.
41
Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu, inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe.
42
Nothe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle.
43
Nokuba isandla sakho siyakukhubekisa, sinqumle; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, uye esihogweni, emlilweni ongacimiyo,
44
apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.
45
Nokuba unyawo lwakho luya kukhubekisa, lunqumle; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimiyo,
46
apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.
47
Ukuba iliso lakho liya kukhubekisa, linyothule; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo,
48
apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo.
49
Kuba bonke baya kugalelwa ityuwa ngomlilo, athi onke amadini agalelwe ityuwa ngetyuwa.
50
Ityuwa ilungile yona, kodwa ukuba ithe ityuwa ayaba nabutyuwa, noyivakalisa ngantoni na? Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16