bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 6
Mark 6
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
1
Ephumile ke apho, weza kwelakowabo; bamlandela ke abafundi bakhe.
2
Kwathi kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla engaka yenziwe ngezandla zakhe?
3
Lo akayiyo na ingcibi yokwakha, unyana kaMariya, umzalwana ke kaYakobi noYose noYuda noSimon? Noodade wabo abakho kuthi na apha? Baye bekhubeka kuye.
4
Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakwizizalwana zakhe, nakokwabo.
5
Wayengenako ukwenza namnye umsebenzi wamandla khona apho, kwakuphela ukubeka izandla phezu kwemilwelwe embalwa, wayiphilisa.
6
Wamangaliswa kukungakholwa kwabo. Waye ejikeleza imizana, efundisa.
7
Ubabizele kuye abalishumi elinababini, waqala ukubathuma ngababini, ngababini; ebanika igunya koomoya abangcolileyo;
8
Wabathethela ngelithi, mabangaphathi nto yandlela, ibe ngumsimelelo wodwa; nangxowa yamphako, nasonka, namali enxilini;
9
Banxibe iimbadada; ningambathi neengubo zangaphantsi ngambini.
10
Wayesithi kubo, Apho nithe nangena endlwini, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo.
11
Abo sukuba benganamkeli, benganiva nokuniva, nakuphuma kuloo ndawo, vuthululani uthuli oluphantsi kweenyawo zenu, kube bubungqina oko kubo. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom neGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.
12
Baphuma bavakalisa ukuba mabaguquke abantu.
13
Bakhupha needemon ezininzi, bayithambisa ngeoli imilwelwe emininzi, beyiphilisa.
14
Wakuva ukumkani uHerode; (kuba lalithe laduma igama lakhe;) wayesithi, Uvukile kwabafileyo uYohane umbhaptizi; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyenzeka ngaye.
15
Baye abanye besithi, NguEliya; Babesithi ke abanye, Ngumprofeti, nokuba ufana nomnye wakubaprofeti.
16
Ekuvile ke oko uHerode, wathi, Lo nguYohane, lowa ndamnqamla intloko mna; uvukile kwabafileyo.
17
Kuba uHerode ngokwakhe wabethe wathuma, wambamba uYohane, wambopha entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umninawa wakhe; kuba ebemzekile.
18
Kuba wayesithi uYohane kuHerode, Akuvumelekile ukuba ube nomfazi womzalwana wakho.
19
Ke kaloku uHerodiya waba nenqala ngakuye, wafuna ukumbulala; kodwa akabanga nako:
20
kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elilungisa, engcwele, wayemgcinile; wayesithi ke akumva, enze iindawo ezininzi, amve kamnandi.
21
Ke kaloku, kwakufika umhla owamlungelayo, uHerode ngemini yokuzalwa kwakhe wayebenzela isidlo izikhulu zakhe, namabamba akhe amakhulu, namagqala elaseGalili;
22
yakubon’ ukuba ingene intombi kaHerodiya lowo, yangqungqa, yamkholisa uHerode nabo babehleli ndawonye naye. Wathi ukumkani kwintombazana leyo, Ndicele into osukuba uyithanda; ndokupha.
23
Wayifungela ngelithi, Into othe wayicela kum ndokupha, kude kube kwisiqingatha sobukumkani bam.
24
Iphumile ke yathi kunina, Ndicele ntoni na? Wathi ke yena, Intloko kaYohane umbhaptizi.
25
Yena kungena kwaoko ngokungxama kuye ukumkani, yacela, isithi, Ndithanda ukuba undinike kalokunje ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.
26
Ukumkani waba buhlungu kakhulu; noko, ngenxa yesifungo sakhe, nangenxa yabo babehleli ndawonye naye, akathandanga kuyilandulela.
27
Ukumkani ke wasusa umsiki, wamthethela ngelithi, mayiziswe intloko yakhe.
28
Wayizisa intloko yakhe ngesitya, wayinika intombazana leyo; yaza intombazana yayinika unina.
29
Bekuvile oko abafundi bakhe, beza basithabatha isidumbu sakhe, basibeka engcwabeni.
30
Bahlanganisana abapostile kuYesu, bambikela iinto zonke, ezo babezenzile, kwanezo babezifundisile.
31
Wathi kubo, Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinane; kuba bebaninzi abezayo nabemkayo; babengenalo ke nethutyana lokuba badle.
32
Bemka ngomkhombe ngasese, baya kwindawo eyintlango.
33
Isihlwele sababona bemka bathi abaninzi bamazi, babalekela khona ngeenyawo, bevela kuyo yonke imizi; babaphangela, bathuthelana kuye.
34
Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi.
35
Kwakubon’ ukuba seyihambile kakhulu imini, beza kuye abafundi bakhe, bathi, Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu;
36
bandulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo.
37
Waphendula ke wathi kubo, Bapheni nina batye. Bathi kuye, Simke na siye kuthenga izonka ngeedenariyo ezimakhulu mabini, sibaphe badle?
38
Athi kubo, Zingaphi na izonka eninazo? yiyani nibone. Besazi, bathi, Zintlanu, neentlanzi ezimbini.
39
Wabathethela ngelithi, mababangqengqise bonke, babe ziziqhu ngeziqhu engceni eluhlaza.
40
Bahlala phantsi beziingcamba ngeengcamba ngamakhulu, nangamashumi ngamahlanu.
41
Wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi ekhangele ezulwini wasikelela, waziqhekeza izonka, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; wathi neentlanzi zombini wazabela bona bonke.
42
Badla bahlutha bonke.
43
Baza basusa izitya zizele ngamaqhekeza zalishumi elinazibini, basusa nakwiintlanzi.
44
Ababesidla izonka babengamadoda akumawaka amahlanu.
45
Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena.
46
Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni.
47
Kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, eyedwa emhlabeni.
48
Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesine ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga angacanda kubo.
49
Kodwa bakumbona ehamba phezu kolwandle, bangathi ngumshologu, bakhala;
50
kuba bonke bambona, bakhathazeka. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika.
51
Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa;
52
kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile.
53
Bewelile, bafika emhlabeni waseGenesarete, balubeka elunxwemeni.
54
Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko;
55
bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebasa apho babemva ukuba ukhona.
56
Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemizini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezitratweni, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke bephiliswa abo babemchukumisa.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16