bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 16
Mark 16
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
1
Yakubon’ ukuba idlule isabatha, ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi, noSalome, bathenga ubulawu, ukuba beze bamthambise.
2
Kwathi, kwakusa, ngolokuqala usuku lweveki, beza engcwabeni, ukuphuma kwelanga.
3
Baye bethetha bodwa, besithi, Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke emnyango wengcwaba?
4
Bathi bakukhangela, babona ukuba liqengqiwe lesuka ilitye; kuba belilikhulu kakhulu.
5
Bakuba bengenile engcwabeni, babona umfana ehleli ngasekunene, ambethe ingubo ende emhlophe; basuka boyika.
6
Athi kubo, Musani ukuqhiphuka umbilini; nifuna uYesu waseNazarete, obebethelelwe emnqamlezweni; Akakho apha; nantsi indawo ababembeke kuyo.
7
Hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho, njengokuba wayetshilo kuni.
8
Baphuma kamsinya, babaleka engcwabeni; Baye ke bengcangcazela bakhwankqiswa; abathetha nto nakubani; kuba bebesoyika.
9
Uthe ke uYesu, evuke ekufeni kusasa ngolokuqala usuku lweveki, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala, awayekhuphe kuye iidemon zasixhenxe.
10
Waya yena wabikela ababenaye, bakubon’ ukuba bakhedamile, bayalila.
11
Basuka nabo, bakuva ukuba uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguye, abakholwa.
12
Emva koko wabonakala ngolunye uhlobo kwababini bakubo, behamba besinga emaphandleni.
13
Nabo baya babikela abanye;
14
Emva koko wabonakala kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo, ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.
15
Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizishumayele iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo.
16
Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwayo, uya kugwetywa.
17
Imiqondiso ke eya kulandelana nabo bakholwayo; Egameni lam baya kukhupha iidemon; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha;
18
baya kuphatha iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayisayi kukha ibenzakalise bona; baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.
19
Ithe ngoko yona iNkosi, emveni kokuthetha kubo, yanyuselwa emazulwini, yahlala ngasekunene kukaThixo.
20
Ke bona baphuma, bavakalisa ezindaweni zonke, iNkosi isebenza nabo, iliqinisela ilizwi ngemiqondiso. Amen.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16