bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 2
Mark 2
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 3 →
1
Kwakuba ntsuku, wabuya wangena eKapernahum; kwavakala ukuba usendlini.
2
Kwathi kwaoko kwahlanganisana into eninzi yabantu, ngokokude kungabi sabakho kukhwelelana, nakule mimandla isemnyango; wayelithetha ke kubo ilizwi.
3
Kwafika abantu kuye bezisa onedumbe, ethwelwe ngabané.
4
Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika uphahla apho abekhona, baza bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe.
5
Akulubona uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho.
6
Kwaye kukho ababhali abathile behleli, becamanga ezintliziyweni zabo, besithi,
7
Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa?
8
Eqiqe kwaoko uYesu ngomoya wakhe, ukuba benjenjalo ukucamanga ngaphakathi kwabo, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange ezi zinto ezintliziyweni zenu?
9
Okukhona kulula phi na, ukuthi konedumbe, Zixolelwe izono zakho; nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe?
10
Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe),
11
Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.
12
Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke; Bada bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje.
13
Wabuya waphuma waya ngaselwandle; zaye zisiza kuye zonke izihlwele;
14
Uthe ke edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele. Wesuka ke wamlandela.
15
Kwathi ekuhlaleni kwakhe ngasesithebeni endlwini yakhe, kwahlala nento eninzi yababuthi berhafu naboni ndawonye noYesu nabafundi bakhe; kuba babebaninzi, baye ke bemlandela.
16
Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe, Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni?
17
Evile ke uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke.
18
Baye ke abafundi bakaYohane nababaFarisi bezila ukudla. Beza bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane nababaFarisi bazile ukudla, kanti bona abafundi bakho abakuzili?
19
Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukuzila ukudla, xa anabo umyeni? ngalo lonke ixesha basenabo umyeni, abanako ukuzila.
20
Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla.
21
Akukho ke uthungela isiziba esitsha engutyeni endala;
22
Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha imelwe kukuthiwa ezintsubeni ezintsha.
23
NgoMhla wokuPhumla wacanda emasimini. Baqala ke abafundi bakhe ukukha izikhwebu.
24
Baza bathi kuye abaFarisi, Khangela, yini na ukuba benze ngemini yesabatha oko kungavumelekileyo?
25
Wathi kubo, Anizanga niyilese na into awayenzayo uDavide, oko wayeswele, elambile nokulamba, yena nabo babenaye?
26
Okokuba wangena endlwini kaThixo ngemihla ka-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekungavumelekileyo ukuba zidliwe ngabo bangebabingeleli, wanika nabo babenaye?
27
Wayesithi kubo, Isabatha le yabakho ngenxa yomntu, asingumntu owabakhoyo ngenxa yesabatha.
28
Ngoko ke uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16