bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 5
Mark 5
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
1
Baza bawelela ngaphesheya kolwandle, kummandla wamaGadara.
2
Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo, ephuma emangcwabeni,
3
owayenekhaya lakhe emangcwabeni; kwaye kungekho bani unako ukumbopha nangemixokelelwane;
4
Ngokuba wayebotshwa futhi ngamakhamandela nemixokelelwane, asuke amatyathanga asuke asuke akhe, awakroboze namakhamandela;
5
Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni ekhala, ezicenta ngamatye.
6
Uthe ke akumbona uYesu esekude, wabaleka, waqubuda kuye.
7
Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Yintoni na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndikufungisa uThixo, ukuba ungandithuthumbisi.
8
Kuba ebethe kuye, Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo.
9
Yambuza ke esithi, Ungubani na igama lakho? Waphendula ke yena esithi, NdinguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi.
10
Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe.
11
Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla.
12
Zambongoza zonke iindimoni, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo.
13
Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba olo lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle;
14
Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke abantu, baya kuyibona loo nto ihlileyo.
15
Bafike kuYesu, bambone obephethwe ziidemon, lowo ke wayenomkhosi, ehleli, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo; baza boyika.
16
Baza abo babeyibonile le nto babacokisela, ukuba kuthekeni na kobephethwe ziidemon; kwanokweehagu.
17
Baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo.
18
Akuba engene emkhombeni, lowo ubephethwe ziidemon wambongoza ukuba abe naye.
19
Kodwa uYesu akamvumelanga. Usuke wathi kuye, Hamba, uye endlwini yakho kwabakowenu, ubabikele oko zingako ukuba zinkulu izinto ekwenzele zona iNkosi, yaba nenceba kuwe.
20
Wemka, waqala ukuzivakalisa eDekapoli oko zingako ukuba zinkulu izinto uYesu abemenzele zona; bamangaliswa bonke.
21
Kwathi, akubon’ ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho.
22
Kwabonakala kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; Uthe ke akumbona, wawa ezinyaweni zakhe.
23
Wambongoza kakhulu, esithi, Intombi yam igulela ukufa; khawuze ubeke izandla phezu kwayo, ukuze iphile; yophila ke.
24
Wahamba naye uYesu; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile.
25
Kwaye kukho ntokazi ithile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini.
26
Wayeve ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, edleke konke abenako, engancedi lutho, esuke wahambela phambili ebubini:
27
yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe;
28
kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa.
29
Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho.
30
uYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam?
31
Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na lo undichukumisileyo?
32
Wasingasinga, ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto.
33
Ithe ke intokazi leyo, isoyika, ingcangcazela, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi phambi kwakhe, yamxelela inyaniso yonke.
34
Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo, phila kwisibetho sakho.
35
Kwathi, esathetha, kwafika amadoda evela kwamphathi wendlu yesikhungu, athi, Ifile intombi yakho; usamkhathazelani na uMfundisi?
36
Kwangoko uYesu, elivile elo zwi lithethwayo, wathi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kuphela.
37
Akavumela mntu ukuba alandelane naye, kwakuphela nguPetros noYakobi noYohane, umzalwana kaYakobi.
38
Afike endlwini yomphathi wendlu yesikhungu, abone isiphithiphithi, abalilayo nabenza isijwili esikhulu.
39
Akungena athi kubo, Yini na ukuba niphithizele, nilile? Intombazana ayifile, ilele.
40
Basuka bamwa ngentsini. Athi akuba ebakhuphele phandle bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana lowo.
41
Wayibamba ngesandla intombazana leyo, wathi kuyo, Talita, kumi; oko kukuthi ngentetho evakalayo, Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka.
42
Yavuka kwaoko intombazana leyo, yahambahamba; kuba ibiminyaka ilishumi elinamibini izelwe. Bathi nqa ngokuthi nqa okukhulu.
43
Wabayala kakhulu ukuba kungaziwa mntu oku; wathi mayiyinikwe idle.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16