bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 15
Mark 15
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 16 →
1
Bathi, kwaoko kwakusa, ababingeleli abakhulu benza ibhunga, ndawonye namadoda amakhulu, nababhali, nentlanganiso yamatyala iphelele; bambopha uYesu bemka naye, bamnikela kuPilato.
2
Wambuza ke uPilato, esithi, Wena unguye na uKumkani wamaYuda? Waphendula ke wathi kuye, Nawe utsho.
3
Bammangalela ke ngeendawo ezininzi ababingeleli abakhulu; kodwa yena akaphendulanga nento.
4
Wabuya ke uPilato wambuza, esithi, Akuphenduli nento le? Khangela ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqina ngawe.
5
Kodwa uYesu akabanga saphendula nto; ngokokude amangaliswe uPilato.
6
Ke kaloku ngomthendeleko wayebakhululela umbanjwa abe mnye, abasukuba bemcela.
7
Kwaye kukho ke obekuthiwa nguBharabhas, ebotshwe ndawonye nabanye abenzi besaqunge, ababulalayo nokubulala esaqungeni apho.
8
Sankqangaza isihlwele, saqala ukucela, ukuba enze ngoko abehlala esenza ngako kubo.
9
Wabaphendula ke uPilato, esithi, Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaYuda na?
10
Kuba ebesazi ukuba ababingeleli abakhulu abo bamnikele ngomona.
11
Ke bona ababingeleli abakhulu bayixhokonxa indimbane, ukuba icele ukuba kanye abakhululele uBharabhas.
12
Waphinda waphendula ke uPilato, wathi kubo, Ningamenza ntoni na ke ngoko kulowo nithi unguKumkani wamaYuda?
13
Babuya ke bankqangaza bathi, Mbethelele emnqamlezweni!
14
Wathi ke uPilato kubo, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni!
15
Kwathi ngoko uPilato, enga angasiyenelisa isihlwele, wabakhululela uBharabhas; wamnikela uYesu, akuba emtyakatyile, ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
16
Aza amasoldati amrholela entendelezweni, ebizwa ngokuba yirhuluneli; balibizele ndawonye ibutho lonke.
17
Bamambesa iingubo ezimfusa, baluluka isithsaba sameva, bamfaka ngaso entloko.
18
Baza bathi kuye, Vuya, Kumkani wamaYuda!
19
Ayembetha entloko ngengcongolo; ayemtshicela; ayeguqa ngamadolo, aqubude kuye.
20
Athi akuba edlale ngaye, amhluba ebomvu, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni.
21
Anyanzela umhambi othile, uSimon waseKirene, evela ephandleni, lowo nguyise ka-Alesandire noRufo, ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.
22
Amzisa endaweni yaseGolgota, oko kukuthi ngentetho evakalayo, yindawo yokakayi.
23
Ayemnika iwayini enemore, ukuba ayisele; kodwa akayamkelanga.
24
Athi, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso ngazo, ukuba ulowo uya kuthabatha ntoni na.
25
Laye ke ilixa lesithathu, bambethelela emnqamlezweni.
26
Umbhalo wesimangalo sakhe wawubhalwe ngaphezulu, wawusithi, UKUMKANI WAMAYUDA.
27
Kwaye kubethelelwe kunye naye eminqamlezweni izihange ezibini; omnye ngasekunene kwakhe, nomnye ngasekhohlo kwakhe.
28
Saza sazaliseka isibhalo esithi, Wabalwa nabanxaxha.
29
Bamnyelisa ke abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Yeha, wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu!
30
Zisindise, uhle emnqamlezweni.
31
Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko bahlekisa ngabo kunye nababhali, besithi: “Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa.
32
uKristu, uKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, ukuze sibone, sikholwe. Baye nabo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye bemnyelisa.
33
Ke kaloku, lakuba lilixa lesithandathu, kwehla ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwalilixa lesithoba.
34
Ngelixa lesithoba wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi, Eloyi, lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam, Thixo wam, undishiye ngani na?
35
Inxenye ke yababemi khona yakuva yathi, Niyabona, ubiza uEliya.
36
Wagidima ke omnye, wazalisa imfunxa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza, esithi, Khaniyeke; Makhe sibone ukuba uEliya uza kumthula na.
37
Wadanduluka ngelizwi elikhulu uYesu, wawunikela umoya wakhe.
38
Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi.
39
Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo.
40
Kwakukho ke nabafazi, bekhangele bemgama; phakathi kwabo kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi omnci nokaYose, kwanoSalome;
41
ababesithi, oko ebeseGalili, bamlandele, bamlungiselele; kwanabanye abaninzi, ababenyuke naye ukuya eYerusalem.
42
Ke kaloku, kwakuhlwa, ngokuba kwakuyimini yokulungiselela, oko kukuthi, umhla ongaphambi kwesabatha,
43
kweza uYosefu, owaseArimati, umphakathi obekekileyo, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo; waya kungena ngobuganga kuPilato, wacela umzimba kaYesu.
44
Wamangaliswa ke uPilato kukuba selefile. Ebizele kuye umthetheli-khulu, wambuza ukuba uselenexesha na efile.
45
Ekwazile ke kumthetheli-khulu, wawunikela uYosefu umzimba.
46
Yena, ethenge ilinen ecikizekileyo, wamthula, wamsongela kwilinen entle; wamlalisa engcwabeni elixholwe eweni; waqengqela ilitye emnyango wengcwaba.
47
Babona ke ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYose, apho wayebekwe khona.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16