bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Mark 8
Mark 8
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
1
Ke kaloku, ngaloo mihla, ekubeni zininzi izihlwele, kungekho nanto idliwayo na, uYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo,
2
Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele; ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo;
3
ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni; kuba inxenye yabo ivela kude.
4
Bamphendula abafundi bakhe, besithi, Wokuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha?
5
Wababuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe.
6
Wayalela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; zazibeka phambi kwabantu.
7
Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo.
8
Badla ke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi zasixhenxe zamaqhekeza aseleyo.
9
Ke kaloku abo babesidla babemalunga namawaka amane. Wabandulula ke.
10
Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta.
11
Baphuma abaFarisi, baqala ukubuzana naye, befuna kuye umqondiso ophuma ezulwini, bemlinga.
12
Encwina kakhulu emoyeni wakhe, wathi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene, ndithi kuni, Akukho mqondiso uya kunikwa esi sizukulwana.
13
Wabashiya, wabuya wangena emkhombeni, wemka waya ngaphesheya.
14
Ke kaloku abafundi babelibele ukuphatha izonka; kananjalo babengenanto isikhephe emkhombeni ngaphandle kwesonka esinye.
15
Wabayala esithi, Ligqaleni, nililumkele igwele labaFarisi, negwele likaHerode.
16
Baye becamanga bodwa besithi, Kungokuba singenazonka.
17
Ekwazi oko uYesu, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqondi na ukuba anikaqondi? Isaqaqadekile na intliziyo yenu?
18
Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? anikhumbuli na?
19
Oko ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi kuye, Balishumi elinababini.
20
Okuya ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke bona, Zisixhenxe.
21
Uthe ke kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?
22
Ufika eBhetesayida; bazisa imfama kuye, bambongoza ukuba ayichukumise.
23
Wayibamba ngesandla imfama, wayirholela ngaphandle komzi; Watshica emehlweni ayo, wabeka izandla phezu kwayo, wayibuza ukuba ibona nto na?
24
Yaza yakhangela phezulu yathi, Ndiyababona abantu behamba, ngathi yimithi.
25
Wabuya wazibeka izandla phezu kwamehlo ayo, wayikhangelisa phezulu; yabuya yaphila, yababona bonke kakuhle.
26
Wayindulula ukuba iye endlwini yayo, esithi, Uze ungangeni esixekweni, ungathethi nakubani kuwo umzi.
27
Waphuma uYesu nabafundi bakhe, waya emizini yaseKesareya yakwaFilipu; waye endleleni ebabuza abafundi bakhe, esithi kubo, Kuthiwa ngabantu ndingubani na mna?
28
Baphendula ke bona, bathi, UnguYohane umbhaptizi; bambi ke bathi, Ungomnye wakubaprofeti.
29
Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Aphendule ke uPetros athi kuye, Wena unguye uKristu.
30
Wabakhalimela ukuba bangaxeleli bani ngaye.
31
Waqala ukubafundisa, okokuba uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi emveni kweentsuku ezintathu abuye avuke.
32
Elo zwi wayelithetha ngokungafihlisiyo. Waza uPetros wamthabatha, waqala ukumkhalimela.
33
Uthe ke yena, ejikile, wabakhangela abafundi bakhe, wamkhalimela uPetros, esithi, Suka uye emva kwam, Sathana, ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu.
34
Esibizele kuye indimbane, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.
35
Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa lowo.
36
Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe?
37
Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?
38
Othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16