bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 1
1 Corinthians 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 2 →
1
UPAULUSI, obiziweyo ukuba ngumpostile ka‐Yesu Kristu ngayo intando katixo, no‐Sositene umzalwana wetu,
2
kubo abayiṙemente katixo ese‐Korinte, abangcwalisiweyo ku‐Kristu Yesu, ababiziweyo ukuba ngabangcwele, kunye nabo bonke ababizayo egameni lenkosi yetu u‐Yesu Kristu kuzo zonke indawo, kwa neyabo neyetu i‐Nkosi:
3
Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
4
Ndiyabulela kutixo wam ngamaxesha onke ngani, ngenxa yofefe lukatixo enaninikiwe lona ku‐Kristu Yesu;
5
ukuba nanite ezintweni zonke natyetyiswa kuye, kuko konke ukuteta nako konke ukwazi;
6
njengokuba ubunqi̔na buka‐Kristu bebuqiniswa pakati kwenu:
7
nide ningasweli nasinye isipiwo; nilinda ukutyilwa kwenkosi yetu u‐Yesu Kristu:
8
oya kuti kanjalo aniqinise kude kube sekupeleni, ningenakunikwa ityala emhleni wenkosi yetu u‐Yesu Kristu.
9
Unyanisekile utixo, enite ngaye nabizelwa ebudlelaneni bonyana wake u‐Yesu Kristu inkosi yetu.
10
KEKALOKU ndiyanikunga, bazalwana! ngalo igama lenkosi yetu u‐Yesu Kristu, ukuba nibe nokuteta okukwa kunye nonke, ize zingabiko impambano pakati kwenu, kodwa nibe nizalisekile kolukwa lunye uluvo nakwekwa nye ingcingo.
11
Ngokuba kuxeliwe kum ngani, bazalwana bam! ngabaka‐Kiloyi, ukuba kuko amapike pakati kwenu.
12
Into nditeta yona ke, yeyokuba kutshiwo nini ngabanye ukuti: Mna ndingoka‐Paulusi; nokuti: Mna ndingoka‐Apolosi: nokuti: Mna ndingoka‐Kefasi; nokuti: Mna ndingoka‐Kristu.
13
Wahlukile na u‐Kristu? u‐Paulusi ubenikuruseshelwe na? okunye nibe nibapitizeshelwe na egameni lika‐Paulusi?
14
Ndiyabulela kutixo ukuba ndingabapitizeshanga namnye wakuni, kupela u‐Krisipo no‐Gayusi;
15
ukuze kungabiko mntu otshoyo ukuti ndabapitizeshela kwelam igama.
16
Ndabapitizesha kodwa nabendlu ka‐Stefana: okupezu kwoku, andazi ukuba ndabapitizesha omnye umntu kusinina.
17
Ngokuba u‐Kristu enganditumanga ukuba ndibapitizeshe, koko wanditumayo ukuba ndiyishumayele ivangeli: kungabi ngabulumko bokuteta, ukuze ikuruse ka‐Kristu ingenziwa into engento yanto.
18
Ngokuba ukuteta kwekuruse kububudenge kwababubayo, kodwa kungamandla katixo kuti basindiswayo.
19
Ngokuba kuba̔liwe ukuti: Ndobububisa ubulumko bamalumko, nengqondo yezazi ndoyitshabalalisa.
20
Lipina ilumko? upina umba̔li? upina umpikisi welilizwe likoyo? utixo akabenzanga ubulumko belizwe eli bube bubudenge na?
21
Ngokuba emvenikweni ebulumkweni bukatixo ilizwe belingamazanga utixo ngabo ubulumko balo, kwakolisa utixo ukuti ngabo ubudenge bokushumayela asindise abakolwayo:
22
ngokokuba ama‐Juda abiza umqondiso, nama‐Girike afuna ubulumko;
23
kodwa tina sishumayela u‐Kristu ekuruseshiwe; isixakaniso kuma‐Juda, nobudenge kuma‐Girike;
24
kodwa kwababiziweyo, kwa nama‐Juda nama‐Girike, u‐Kristu engamandla katixo, nobulumko bukatixo.
25
Ngokuba okubudenge bukatixo kulumkile ngapezu kwabantu; nokubutataka bukatixo kunamandla ngapezu kwabantu.
26
Ngokuba nibona ukubizwa kwenu, bazalwana! ukuba asi ngabaninzi abalumkileyo ngokwenyama, asi ngabaninzi abanamandla, asi ngabaninzi abayimiduna:
27
koko izinto ezibudenge zelizwe wazinyula utixo, ukuze adanise abalumkileyo; nezinto ezibutataka zelizwe wazinyula utixo, ukuze adanise izinto ezomeleleyo;
28
nezinto ezimnyama zelizwe, nezinto ezidelekileyo, wazinyula utixo, nezinto ezingekoyo ukuze atshabalalise izinto ezikoyo;
29
kuze kungabiko namnye umntu oqa̔yisayo ebusweni bake.
30
Kodwa ngaye yena nina nikuye u‐Kristu Yesu, owenzelwa tina ubulumko buvela kutixo, kwa nobulungisa, nengcwaliso, nokululo:
31
ukuze, njengokuba kuba̔liwe: Lowo uqa̔yisayo, makaqa̔yise ku‐yehova.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16