bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 13
1 Corinthians 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 14 →
1
NAKUBA nditeta ngenteto zabantu nezengelosi, kodwa ndingenalo utando, sendiyixina ehlokomayo, umhlaumbi yisimbali ekencezayo.
2
Kanjalo nakuba ndi nesipiwo sokuprofitesha, ndiqonda nemfihlakalo zonke, nako konke ukwazi; ewe nakuba ndinalo lwonke ukolo, ndide ndizishenxise intaba, kodwa ndingenalo utando, ndiyinto enganto.
3
Kanjalo nakuba ndiyaba yonke impahla yam ngokufunzela amahlwempu, ewe nakuba ndiwunikela umzimba wam ukuze nditshiswe, kodwa ndingenalo utando, andincedwa luto.
4
Utando lunokuzeka kade, lunobubele; utando alunozondo; utando aluzidli, aluvutelani,
5
alwenzi ngokungafanelekileyo, alufuni okwalo, alunakucapukiswa, alutelekeleli ububi;
6
aluvuyeli okungalungileyo, kodwa luyavuya kunye nayo inyaniso;
7
luyanyamezela izinto zonke, luyakolwa zizinto zonke, luyatemba izinto zonke, lunomonde ezintweni zonke.
8
Utando alutshitshi napakade: kodwa nokuba ziziprofitesho, ziya kutshabalala; nokuba zinteto, ziya kupela; nokuba kukwazi, kuya kutshabalala.
9
Ngokuba sisazi ngokwenxenye, kanjalo siprofitesha ngokwenxenye.
10
Kodwa xeshekweni kufika oko kufezekileyo, kuya kwandula oko kungokwenxenye kutshabalale.
11
Xeshekweni ndibe ndingumntwana, ndanditeta njengomntwana, ndandikumbula njengomntwana, ndanditelekelela njengomntwana; kodwa ngoku sendiyindoda nje, ndizibekile nxamnye izinto zobuntwana.
12
Ngokuba kaloku nje sibona ngayo incwadi ekusiteni, kodwa oko sobona ubuso ngakubo ubuso: kaloku nje ndiyazi ngokwenxenye, kodwa oko ndiya kwazi ngokukolisekileyo, njengokuba kanjalo bendisaziwa ngokukolisekileyo.
13
Kodwa kaloku nje kuhleli ukolo, itemba, utando, ezizinto zontatu; kanti eyona inkulu pakati kwezi lutando.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16