bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 10
1 Corinthians 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 11 →
1
KEKALOKU anditandi ukuba nibe ningazi, bazalwana! okokuba obawo betu bonke bebepantsi kwelifu, nokuba bonke bacanda ulwandle;
2
nokuba bonke babapitizeshelwa ku‐Mosesi elifini naselulwandleni;
3
nokuba bonke batya okukwa kunye ukudla okubumoya;
4
nokuba bonke basela olukwa lunye uselo olubumoya; ngokuba bebesela kwiliwa elibumoya libapeleka; laye iliwa elo lingu‐Kristu.
5
Kuloko into eninzi yabo utixo wabengakoliswa ngabo: ngokuba bebewiswa pantsi entlango.
6
Kekaloku ezizinto zenzeka ukuba yimilinganiselo kuti, ukuze ke tina singakanukeli izinto ezikohlakeleyo, njengokuba nabo bona bebekanuka.
7
Kanjako maningabi ngabakonzi bezitixo, njengokuba bebenjalo inxenye yabo; njengokuba kuba̔liwe ukuti: Bahlala pantsi abantu ukutya nokusela, baza besuka ukudlala.
8
Kanjako masingenzi umbulo, njengokuba inxenye yabo bebesenza umbulo, baza bawa emini nye amawaka angamashumi mabini anamatatu.
9
Kanjako masingamlingi u‐Kristu, njengokuba nenxenye yabo bebelinga, baza babujiswa zinyoka.
10
Kanjako maningaṙoṙi, njengokuba nenxenye yabo bebeṙoṙa, baza babujiswa ngumtshabalalisi.
11
Kekaloku ezizinto zonke zibe zihlela bona abo ukuba yimilinganiselo: zaza zaba̔lelwa ukululekwa kwetu, tina sifikelweyo zizipelo zelizwe elikoyo.
12
Ngako oko lowo uba umi, makalumke ukuba angawi.
13
Akuko silingo esinibambileyo, kupela sesobuntu; kodwa unyanisekile utixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngokupezulu kwamandla enu; koko eya kuyenza kwa kunye nesilingo nendlela yokupuma, ukuba nibe namandla okunyamezela.
14
Ngoko ke, batandwa bam! balekani kuyo inkonzo yezitixo.
15
Ndiyateta njengakubo abalumkileyo; yahlulani nina into endiyitetayo.
16
Indebe yobulelo esibulela yona, asi bubo na ubudlelana begazi lika‐Kristu? Isonka esisiqezulayo, asi bubo na ubudlelana bomzimba buka‐Kristu?
17
Kuba sisisonka sinye, singumzimba mnye tina singabaninzi; ngokuba sisamkela sonke kwesosonka sinye.
18
Kangelani o‐Sirayeli ngokwenyama: abo bayityayo imibingo abanabudlelana nesibingelo na?
19
Nditi nina pofu? nditi na isitixo siyinto? umhlaumbi nditi na oko kubingelweyo isitixo kuyinto?
20
Hai; koko nditi izinto abazibingayo abaheyideni, bayazibingela idemoni, benga zibing eli utixo: kekaloku anditandi ukuba nibe nobudlelana nedemoni.
21
Aningesele indebe yenkosi, nendebe yedemoni; aningamkele kwitafile yenkosi, nakwitafile yedemoni.
22
Sivusela inkosi ubukwele kusinina? sinamandla amakulu kwawayo yinina?
23
Zonke izinto zindivunyelwe, koko zingezizo zonke izinto ezi ndi lungeleyo: zonke izinto zindivunyelwe, koko zingezizo zonke izinto ezimisayo.
24
Makungabiko namnye ofuna okwake, mabati bonke ngabanye bafune okwomnye.
25
Konke okutengiswayo endaweni yokutengela inyama kutyeni, ningabuzi nto ngenxa yesazeliso:
26
ngokuba umhlaba ngo kayehova, nokuzala kwawo.
27
Ukuba ke owakubo abangakoliweyo uyanibiza, niti nina nitande ukuya, konke okubekwayo pambi kwenu kutyeni, ningabuzi nto ngenxa yesazeliso.
28
Kodwa xeshekweni kuko oti kuni: Yinto ebingelweyo isitixo le; ningatyi ke, ngenxa yalowo waxelayo, nangenxa yesazeliso: ngokuba umhlaba ngo kayehova, nokuzala kwawo:
29
nditi ke ngenxa yesazeliso, singesesako nje, sisesalomnye; ngokuba kuyinina ukuba inkululeko yam igwetywe sisazeliso esingesesam?
30
Ukuba ke mna ngofefe ndiyamkela ku ko, yinina ukuba ndigxekwe ngenxa yoko ndibulela kona?
31
Ngako nokuba niyatya, nokuba niyasela, nokuba niyenza enye into, konke kwenzeleni ubungcwalisa bukatixo.
32
Yibani ningenzi ngokuku̔bekisa, nakuma‐Juda, nakuma‐Girike, nakuyo iṙemente katixo:
33
kwa njengokuba nam ndibakolisa bonke kuko konke, ndingafuni nje okwam ukuncedwa, koko okwabo abaninzi, ukuze basindiswe.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16