bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 16
1 Corinthians 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
1
KEKALOKU okwayo inkongozelo ngenxa yabangcwele, njengokuba ndandimisele iṙemente zase‐Galati, yenzani njalo kwa nani.
2
Ngowokuqala umhla weveki mabati bonke ngabanye kuni babeke into kubo, bebekela ngoko kusukuba behanjisiwe kakuhle ngako, ukuze kuti ndakufika, zinganduli zenzwe inkongozelo oko.
3
Naxeshekweni ndifikileyo, abo basukuba nibabukayo ndiya kubatuma aba benencwadi ukuya kusa ubabalo lwenu e‐Yerusaleme.
4
Nokuba kuti kufanele ukuba ndihambe nam, baya kuhamba kwa kunye nam.
5
Kodwa ndiya kuza kuni, okuya ndicandileyo i‐Masedoniya; ngokuba ndicanda i‐Masedoniya:
6
ndize kungati ndihlale kuni, umhlaumbi ndenze kwa ubusika, ukuze ndipelekelelwe nini apo kusukuba ndihambela kona.
7
Ngokuba ndingafuni ukunibona ngoku ekudluleni; kodwa ndiyatemba ukulibala kuni ixesha elitile, xeshekweni kuvunyelwayo yinkosi.
8
Kodwa ndiya kulibala e‐Efese kude kubeko ipentekoste.
9
Ngokuba ndivulelwe ituba elikulu, elisebenzekayo; kanjalo bako abalane abaninzi.
10
Kodwa xeshekweni kufikayo u‐Timote, lumkani ukuba abeko kuni engenakwoyika: ngokuba esebenza umsebenzi wenkosi, njengokuba ndisenje njalo nam.
11
Makungabiko umntu ngoko omdelayo: kodwa mpelekeleleni ngoxolo, ukuba eze kum: ngokuba ndimkangela kunye nabo abazalwana.
12
Kodwa okwake u‐Apolosi umzalwana wetu, ndamkunga kakulu ukuba eze kuni kunye nabo abazalwana: kanti ibingeko kanye intando yokuba eze kaloku nje; kodwa uya kuza okuya anexesha elifanekileyo.
13
Lindani, qinisani ukuma elukolweni, yenzani njengamadoda, yomelelani.
14
Maziti zonke izinto zenu zenzwe ngotando.
15
Kekaloku ndiyanikunga, bazalwana! (niyazi indlu ka‐Stefana, ukuba isisandulelo sase‐Akaiya, nokuba bazimisile ukukonza kwabangcwele,)
16
ukuba nani nilulamele kwabanjalo, nakubo bonke abanceda emsebenzini, nabazamayo.
17
Ndiyavuyela ukufika kuka‐Stefana no‐Forotunato no‐Akaiyiko; kuba oko bekuswele ngecala lenu bona aba bakwenzelele.
18
Ngokuba bepumzile owam umoya nowenu: bukani ngoko abanjalo.
19
Iṙemente zase‐Asiya ziyanibulisa. U‐Akwila no‐Pirisila bayanibulisa kakulu enkosini, kunye neṙemente esendlwini yabo.
20
Abazalwana bonke bayanibulisa. Bulisanani ngokwanga okungcwele.
21
Umbuliso wam Paulusi ngesam isandla.
22
Ukuba umntu akatandi inkosi u‐Yesu Kristu, makabe yinto eqalekisiweyo. Inkosi iyeza.
23
Ufefe lwenkosi u‐Yesu Kristu malube nani.
24
Utando lwam malube nani nonke ku‐Kristu Yesu. Amene.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16