bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 3
1 Corinthians 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 4 →
1
NAM, bazalwana! bendingetete kuni njengakubo a bomoya, koko njengakubo abenyama, njengakuzo intsana ku‐Kristu.
2
Ndaniseza ubisi, anda namkelisa ukudla: ngokuba nibe ningekabi namandla okukwamkela; ewe nakaloku nje anikabi namandla.
3
Ngokuba nisengabo abenyama: ngokuba ekubeni kukoyo pakati kwenu uzondo, nepike, nembambaniso, aningabenyama na, nihamba nokuhamba njengokwabantu?
4
ngokuba okuya ati omnye: Mna ndingoka‐Paulusi: nomnye: Mna ndingoka‐Apolosi; aningabo na abenyama?
5
Ngubanina pofu u‐Paulusi, ngubanina no‐Apolosi, kupela ukuba ngabakonzi enakolwayo ngabo, kwa njengokuba inkosi yabanika ngabanye?
6
Mna ndatyala, u‐Apolosi wanyela, koko ngutixo owamilisayo.
7
Kwa njalo ke notyalayo akaluto, nonyelayo akaluto; eyona nto ngutixo omilisayo.
8
Kanjako otyalayo nonyelayo banye; kodwa omnye nomnye uya kwamkela owake umvuzo ngokwowake umsebenzi.
9
Ngokuba singabasebenzisi bakatixo: nina niyintsimi katixo, nisisakiwo sikatixo.
10
Ndite ngokwofefe lukatixo endanikwa lona, njengomakisi olumkileyo, ndabeka umsekelo, uti ke omnye ake pezu kwawo. Kodwa mabalumke bonke ngabanye ukuba bati nina ukwaka pezu kwawo.
11
Ngokuba kungeko mntu ongabekayo omnye umsekelo ngapandle kwalowo omiyo, oba ngu‐Yesu Kristu.
12
Kekaloku ukuba umntu uyaka pezu kwalomsekelo igolide, isilivere, amatye anqabileyo, imiti, isikota, indiza;
13
umsebenzi wabanye ngabanye uya kubonakaliswa: ngokuba umhla lowo uya kuwuhlakazela, kuba utyilwa emlilweni; nomsebenzi wabanye ngabanye umlilo lowo wowulinga ukuba ungowanina.
14
Ukuba umsebenzi womntu usahlala, awakileyo pezu kwawo, uya kwamkela umvuzo.
15
Ukuba umsebenzi womntu uya kutshiswa, uya kulahlekelwa ngumvuzo: kanti yena ngokwake uya kusindiswa; ngokunjalo kodwa njengasekucandeni umlilo.
16
Anazi na ukuba niyitempile katixo, nokuba umoya katixo umi kuni?
17
Ukuba umntu uyonakalisa yona itempile katixo, utixo uya kwonakalisa kwa yena lowo; ngokuba itempile katixo iyingcwele, eniyiyo nina.
18
Makungabiko namnye ozilukuhlayo. Ukuba kuko umntu oba ulilumko pakati kwenu kwelilizwe likoyo, makabe sisidenge, ukuze abe lilumko.
19
Ngokuba ubulumko belizwe eli bububudenge pambi kwotixo. Ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uyabamba amalumko ebuqokolweni bawo:
20
nakanjako: Uyehova uyazazi izicamango zamalumko, ukuba ziyinto engendawo.
21
Kwa njalo ke makungabiko namnye oqa̔yisayo ebantwini. Ngokuba zonke izinto zizezenu;
22
nokuba ngu‐Paulusi, nokuba ngu‐Apolosi, nokuba ngu‐Kefasi, nokuba lilizwe, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezikoyo, nokuba zizinto eziza kubako; zonke zizezenu;
23
nani, ningabaka‐Kristu; no‐Kristu, ungo katixo.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16