bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 2
1 Corinthians 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 3 →
1
NAM ndakuza kuni, bazalwana! andeza ndishumayela kuni ubunqi̔na bukatixo ngobungangamsha bokuteta nobobulumko.
2
Ngokuba ndagweba ukuti andiyi kuyazi nento pakati kwenu, kupela u‐Yesu Kristu, naye lo ekuruseshiwe.
3
Kanjako ndabendiko kuni ebutatakeni, nasekwoyikeni, nasekututumeleni okuninzi.
4
Kwaye ukuteta kwam nokushumayela kwam bekungengamazwi acengayo obulumko babantu, bekungokubonakaliswa kwomoya nokwamandla:
5
ukuze ukolo lwenu lungemi ebulumkweni babantu, koko lume emandleni katixo.
6
Kanti siyateta ubulumko pakati kwabafezekileyo; kodwa ubulumko obungebubo obelilizwe likoyo, obungebubo nobabapati belilizwe likoyo, abatshabalalayo:
7
koko sibuteta ubulumko bukatixo emfihlakalweni, obo bufihlelweyo, owabete utixo pambili engekabiko amaxesha akudala wabumisela ubungcwalisa betu:
8
okungeko namnye wabapati belilizwe likoyo obazileyo: ngokuba bona ukuba bebebazile, ngebengayikuruseshanga inkosi yobungcwalisa.
9
Koko, njengokuba kuba̔liwe: Izinto ezingabonwanga liliso, nezingaviwanga yindlebe, nezingangenanga entliziyweni yomntu, zezi izinto utixo azilungisele abo bamtandayo.
10
Kodwa utixo uzityilile kuti ngaye umoya wake: ngokuba umoya epengulula izinto zonke, ewe, kwa izinto ezinzulu zikatixo.
11
Ngokuba ngubanina pakati kwabantu owaziyo izinto zomntu, kupela ngumoya womntu okuye? ngokunjalo nezinto zikatixo akuko namnye ozaziyo, kupela ngumoya katixo.
12
Tina kodwa asiwamkelanga umoya welizwe, koko simamkele umoya ovela kutixo; ukuze sizazi ezozinto sizipiweyo ngutixo.
13
Esiti kanjalo sitete kwa zona, kungengamazwi afundisiweyo bubulumko babantu, kungalawo afundisiweyo ngumoya oyingcwele, silinganisela izinto ezibumoya ngezinto ezibumoya.
14
Kodwa umntu wokuvela akazamkeli izinto zomoya katixo; ngokuba zibubudenge kuye; kanjako akangezazi, kuba ziqiqwa ngo kwomoya.
15
Kodwa lowo ungo womoya uyaziqiqa zonke izinto, kanti yena ngokwake akaqiqwa mntu.
16
Ngokuba ngubanina owazileyo uluvo lukayehova, ukuba uya kumfundisa? Kodwa tina sinalo uluvo luka‐Kristu.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16