bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 4
1 Corinthians 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 5 →
1
MAKATI umntu enje njalo ukubalela tina, njengokuba singabakonzi baka‐Kristu namagosa emfihlakalo zikatixo.
2
Kanjako kufunelwa emagoseni, ukuba umntu afunyanwe enyanisekile.
3
Kodwa kum yinto encinanana ukuba ndibuzwe nini, umhlaumbi, ngumbuzo wabantu; ewe nam andizibuzi ngokwam:
4
ngokuba ndingazeli nanto ngakum; noko akungako oku endigwetyelweyo: kodwa lowo undibuzayo u yinkosi.
5
Kwa njalo ke ningagwebi into lingekabiko ixesha, ide ifike inkosi, eya kuti nezinto ezifihlakeleyo zobumnyama azizise ekuhleni, namaqinga entliziyo awabonakalise: bandule oko bonke ngabanye babe nodunyiswa lwabo kutixo.
6
Kekaloku ezizinto bazalwana! ndiziguqulele kwa kum no‐Apolosi ngokuzekelisa ngenxa yenu, ukuze niti kuti nifunde ukuba ningakumbuli ngokupezulu kwoko kuba̔liweyo, ize ningavutelani omnye ngecala lomnye ngakuye wumbi.
7
Ngokuba ngubanina okwenza wahluke? kanjalo yinto nina unayo ongayamkelanga? kodwa ukuba wayamkela, uqa̔yisela nina, njengokungati akwayamkela?
8
Nise nihlutisiwe, nise nityebile, nipete ubukosi ngapandle kwetu: he, anaba napata ubukosi! ukuze nati sipate ubukosi kunye nani.
9
Ngokuba ndisiba utixo usivelisile tina bapostile sibe ngabokugqibela, njengabo bamiselweyo ukufa: kuba senziwe isibonelo kulo ilizwe, nakuzo ingelosi, nakubo abantu.
10
Tina sizizidenge ngenxa ka‐Kristu, kodwa nina ningabalumkileyo ku‐Kristu; tina sibutataka, kodwa nina nomelele; nina ninokubekwa, kodwa tina sinokudelwa.
11
Siti kude kube kwelixeshana likoyo silambe, sinxanwe, sihambe zé, sintlitekwe, singa bi nandawo yokuhlala eqinileyo,
12
sizame sisebenza ngezetu izandla: situkwa nje, siyatamsanqelisa; sitshutshiswa nje, siyanyamezela;
13
sigxekwa nje, siyabongoza: senziwe njengenkunkuma yelizwe, njeng enkutu yezinto zonke, kwada kwakaloku nje.
14
Andiziba̔li ezizinto kuni ukunenzela intloni, kodwa njengabantwana bam abatandiweyo ndiyaniluleka.
15
Ngokuba, nangona ningaba nabo abondleli abalishumi lamawaka ku‐Kristu, ningenabo oyise abaninzi noko: ngokuba ku‐Kristu Yesu ndanizalayo mna ngayo ivangeli.
16
Ndiyanikunga ngoko, yibani ngabalandeli bam.
17
Ngenxa yoku ndimtumile kuni u‐Timote, ongumntwana wam otandiweyo, onyanisekileyo enkosini kanjalo, oya kunikumbuza indlela zam ezikuye u‐Kristu, njengokuba ndifundisayo ezindaweni zonke kuzo zonke iṙemente.
18
Kekaloku inxenye bavutelene, njengokungati bendingezi kuni.
19
Kodwa ndohla ndize kuni, xeshekweni inkosi itandayo, ndazi ke, kungabi lilizwi labo bavuteleneyo, kube ngamandla.
20
Ngokuba ubukumkani bukatixo bungemi elizwini, koko bumi emandleni.
21
Kukupina enikutandayo? ndize kuni ndinentonga, ndize ngotando nangomoya wolulamo, kusinina?
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16