bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 11
1 Corinthians 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 12 →
1
Yibani ngabalandeli bam, kwa njengokuba nam ndingumlandeli ka‐Kristu.
2
KEKALOKU ndiyanincoma, bazalwana! ukuba nindikumbula ngento zonke, nokuba nizibamba izinikelwa, kwa njengokuba bendizinikele kuni.
3
Kodwa ndifuna ukuba nikwazi, okokuba intloko yamadoda onke ingu‐Kristu; kanjalo intloko yomfazi, yindoda; nentloko ka‐Kristu, ngutixo.
4
Indoda esukuba itandaza umhlaumbi iprofitesha, inento entlokweni, iyahlazisa intloko yayo.
5
Kodwa umfazi osukuba etandaza umhlaumbi eprofitesha, ontloko ingenasigqubutelo, uyahlazisa intloko yake: ngokuba oko kukwa yiyo into ekwa nye nokuguywa kwake.
6
Ngokuba umfazi ukuba akagqubuteli, makagugulwe kanjalo: kodwa ukuba kuyinto embi kumfazi ukuba agugulwe umhlaumbi aguywe, makagqubutele.
7
Ngokuba indoda okunene ingafanelwa kukugqubutela intloko, ingumfanekiso nobungcwalisa bukatixo nje: kodwa umfazi ububungcwalisa bendoda.
8
Ngokuba indoda ingaveli emfazini, koko umfazi evela endodeni.
9
Ngokuba kanjalo indoda ibingadalwanga ngenxa yake umfazi, koko umfazi wadalwa ngenxa yayo indoda.
10
Ngenxa yoku yena umfazi ufanelwe kukuba abe nopa̔u lwamandla pezu kwentloko yake ngenxa yazo ingelosi.
11
Noko ke, indoda ayingapandle kwomfazi, nomfazi akangapandle kwendoda, enkosini.
12
Ngokuba ke njengokuba yena umfazi evela kuyo indoda, kwa njalo nayo indoda ingaye umfazi; kodwa izinto zonke zivela kutixo.
13
Yahlulani nina ngokwenu: kufanelekile na ukuba umfazi atandaze kutixo engenasigqubutelo nje?
14
Kwa kona okwemvelo akunifundisi kusinina, ukuba indoda xeshekweni inenwele ezinde, kulihlazo kuyo,
15
kodwa umfazi xeshekweni anenwele ezinde, kububungcwalisa kuye? ngokuba inwele zake zinikwe kuye zibe sisigubungelo.
16
Kodwa ukuba umntu unga uyatand’ ukupika, asinalo isiko elinjalo tina, azi nalo neṙemente zikatixo kanjako.
17
Kekaloku lento edi ni yalelayo, andi ni ncomi; kuba ukuhlangana kwenu ninga hlanganeli okulungileyo ngakumbi, koko nihlanganela okubi ngakumbi.
18
Ngokuba ukuqala ke, nakuba nihlangana entlanganisweni, ndisiva ukuba ziko impambano pakati kwenu; kanjalo ndiyakolwa kuko ngokwenxenye:
19
ngokuba kufanele nokuba izahlukano zibe pakati kwenu, ukuze ababukwayo babonakaliswe pakati kwenu.
20
Nakuba ngoko nihlangana ndawonye, akuko ukutya isidlo sokuhlwa senkosi.
21
Ngokuba ekutyeni omnye uyapangela omnye ukutabata esake isidlo sokuhlwa; aze lo alambe, nalowo anxile.
22
Pofu aninazo izindlu zokuba kutyiwe kuselwe kona yinina? niyadela iṙemente katixo, nidanise abasweleyo, kusinina? Nditi nina kuni? ndinincome na kuko oku? Andincomi ke.
23
Ngokuba mna bendikwamkele enkosini oko endati kanjalo ndakunikela kuni: okokuba inkosi u‐Yesu ngobobusuku ibingcatshwa ngabo yatabata isonka;
24
yaza yakuba ibulele yaqezula, yati: Tabatani, nitye; esi singumzimba wam, owapulelwa nina; kwenzeni oku kube kukukunjulwa kwam.
25
Ngokunjalo yatabata nendebe, emveni kwokuba kudliwe, isiti: Lendebe ilucebano olutsha egazini lam; kwenzeni oku, onke amaxesha enisukuba niyisela, kube kukukunjulwa kwam.
26
Ngokuba onke amaxesha enisukuba esisonka nisitya nalendebe niyisela, nikushumayela ukufa kwenkosi, ide ifike.
27
Ngako oko osukuba esitya esisonka umhlaumbi esela indebe yenkosi ngokungafanelekileyo, uya kumelwa lityala lomzimba negazi lenkosi.
28
Kodwa makati umntu azibence, enje njalo ke ukutya kwisonka eso nokusela kwindebe leyo.
29
Ngokuba lowo uti atye asele ngokungafanelekileyo, ezityela eziselela umgwebo, enganakani nje umzimba wenkosi.
30
Ngenxa yoku abaninzi banobutataka nobulwelwe pakati kwenu, bati into eninzi balale kukufa.
31
Ngokuba tina ukuba sibe sizahlula ngokwetu, ngesiba singagwetywa.
32
Kodwa siti sakugwetywa sohlwaywe yinkosi, ukuze singagqibeli ukugwetywa kunye nelizwe.
33
Ngako oko, bazalwana bam! nakuba nihlangana kutyiwe, lindanani.
34
Ukuba ke umntu ulambile, makatye ekaya; ukuze ningahlanganeli ukugwetywa. Nezinto eziseleyo ndoti nxa sukuba ndifika ndizilungise.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16