bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 12
1 Corinthians 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 13 →
1
KEKALOKU ngazo izipiwo ezibumoya, bazalwana! anditandi ukuba nibe ningenakwazi.
2
Niyazi ukuba nibe ningabaheyideni nir̔olelwa ezitixweni ezingenakuteta, njengokuba kusukuba nibe nikokelwa.
3
Ngako oko ndiyanazisa, ukuba akuko mntu eteta ngomoya katixo oti u‐Yesu uyinto eqalekisiweyo: kanjalo akuko mntu ongatshoyo ukuti u‐Yesu u yinkosi, kupela ngomoya oyingcwele.
4
Kuko izipiwo ngezipiwo, kodwa umoya okwa mnye.
5
Kuko nezikonzo ngezikonzo, nenkosi ekwa nye.
6
Kuko namasebenzi ngamasebenzi, kodwa ngutixo okwa mnye okwenzayo konke kubo bonke.
7
Kodwa kuyanikwa kwabanye ngabanye ukubonakaliswa kwomoya kube kukuncedwa.
8
Ngokuba kunikwa komnye ngaye umoya ilizwi lobulumko; nakomnye ilizwi lokwazi ngokwalowo umoya;
9
nakomnye ukolo ngalowo umoya; nakomnye izipiwo zokupilisa ngalowo umoya;
10
nakomnye amasebenzi emimangaliso; nakomnye isiprofitesho; nakomnye ukwahlula omoya; nakomnye intlobo ngentlobo zenteto: nakomnye ukukumsha inteto:
11
kodwa zonke ezi uyazenza oyena mnye umoya okwa nguye lowo, ebabela bonke abanye ngabanye njangokuba evuma.
12
Ngokuba kwa njengokuba umzimba umnye, kanti unawo amalungu amaninzi, kodwa onke amalungu alomzimba mnye, nakuba emaninzi, angumzimba mnye; unjalo no‐Kristu.
13
Ngokuba kanjalo ngomoya mnye tina sonke sabapitizeshelwa emzimbeni mnye, nokuba singama‐Juda, nokuba singama‐Girike, nokuba singamakoboka, nokuba singabakululekileyo; sati ke sonke sasezelwa kumoya mnye.
14
Ngokuba kanjalo umzimba ungelilo ilungu nye, ungawo amaninzi.
15
Xeshekweni lutshoyo unyawo ukuti: Kuba ndingesiso isandla, andiyinto yasemzimbeni; alubi ngenxa yoku lungeyinto yasemzibeni?
16
Naxeshekweni itshoyo indlebe ukuti: Kuba ndingelilo iliso, andiyinto yasemzimbeni; ayibi ngenxa yoku ingeyinto yasemzimbeni?
17
Ukuba umzimba upela ubuliliso, bekuya kuba pina ukuva? Ukuba wona upela ubukukuva, bekuya kuba pina ukujoja?
18
Kodwa kaloku amalungu utixo uwabekile onke amanye ngamanye emzimbeni, njengokuba ebetanda.
19
Kanjako ukuba wona onke ebelilo ilungu nye, ubuya kuba pina umzimba?
20
Kodwa kaloku ngamaninzi ke amalungu, umnye kanti umzimba.
21
Alingetsho ke iliso esandleni ukuti: Andinakufuna wena; ayingetsho kanjako intloko ezinyaweni ukuti: Andinakufuna nina.
22
Ewe kakulu ngakumbi ke lomalungu omzimba anga abutataka ngapezu kwamanye ayafuneka;
23
nalawo esiba angawo omzimba adumileyo kancinane kwamanye, wona la siyawafaka udumo olukulu ngakumbi; aze amalungu etu angemahle azuze ubuhle obukulu ngakumbi;
24
kodwa amalungu etu amahle akanaku bu swela: koko utixo awumanyileyo umzimba kunye, elunikile nje udumo olukulu ngakumbi kulo ndawo e lu swelayo:
25
ukuze kungabiko impambano emzimbeni, koko ati amalungu afane ukukatalelana kwawo.
26
Kanjalo nokuba kuyeva intlungu ilungu linye, kuyeva intlungu onke amalungu kunye nalo; nokuba kuyenzelwa ubungcwalisa ilungu linye, kuyavuya onke amalungu kunye nalo.
27
Kekaloku nina ningumzimba ka‐Kristu, namalungu omnye ngomnye.
28
Kanjako abanye utixo ubabekile eṙementeni, ngokwokuqala abapostile, ngokwesibini abaprofite, ngokwesitatu abafundisi, emva kwoko imimangaliso, kamva izipiwo zokupilisa, intsizo, impato, intlobo ngentlobo zenteto.
29
Ngabapostile bonke na? ngabaprofite bonke na? ngabafundisi bonke na? ngabenzayo imimangaliso bonke na?
30
banezipiwo zokupilisa bonke na? bayateta nge zinye inteto bonke na? bayakumsha bonke na?
31
Kodwa zondelelani izipiwo ezilungileyo ngakumbi: kanti ndisanibonisa indlela egqitisileyo ngokulunga.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16