bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 6
1 Corinthians 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
1
KUKO na owenu, enendawo ngakuye omnye, olinga ukuti amangale pambi kwabangalungileyo, anga mangali pambi kwabangcwele?
2
Anazi na okokuba abangcwele boligweba ilizwe? Kekaloku ukuba lona ilizwe liyagwetywa ngani, nikohliwe na ngamatyala amancinanana?
3
Anazi na okokuba siya kugweba ingelosi? kangakananina ngakumbi ke izinto zobubomi?
4
Xeshekweni ngoko ninawo amatyala ezinto zobubomi, bahlaliseni abo bangenakubekwa eṙementeni ukuba aba babe ngabagwebi.
5
Ndiyateta oku nize nibe nentloni. Kunjalo na, ukuba akuko kwa namnye umntu olumkileyo pakati kwenu, ongalamlayo pakati kwabazalwana bake?
6
Hai, umzalwana uyamangalelana nomzalwana, esenje njalo ke pambi kwabangakoliweyo.
7
Sekuko ngoko isiposo kanye pakati kwenu, ukuba ninamatyala omnye nomnye. Yinina ukuba ngokukumbi ningazivumeli ukwoniwa? yinina ukuba ngokukumbi ningazivumeli ukulumkiswa?
8
Hai, niti nina none nilumkise, ewe kwa nabazalwana benu.
9
Anazi yinina, okokuba abonayo abayi kulidla ilifa lobukumkani bukatixo? Ize ningakohliswa ke: kwa nabapimisi, nabakonzi bezitixo, nabaṙexezi, namahenyu, nabalala namadoda,
10
namasela, namabawa, namanxila, nabatuki, nabapangi, abayi kulidla ilifa lobukumkani bukatixo.
11
Naye nibe ningabanjalo nina inxenye: koko nibe nihlanziwe, koko nibe ningcwalisiwe, koko nibe nigwetyelwe egameni lenkosi u‐Yesu, na kumoya katixo wetu.
12
Zonke izinto ndizivunyelwe, koko zingezizo zonke izinto ezi ndi lungeleyo; zonke izinto ndizivunyelwe, koko ndingayi kubanjwa ngapantsi kwamandla ento nanye.
13
Izinto zokudla zezesisu, nesisu sesezinto zokudla; kanti utixo wotshabalalisa kwa nesi nezo. Umzimba kodwa awungowombulo, ungo wenkosi; nenkosi yeyomzimba.
14
Kanjalo utixo wayivusa inkosi, waeya kuvusa kwa nati ngawo amandla ayo.
15
Anazi na ukuba imizimba yenu ingamalungu ka‐Kristu? Ndiya kutabata amalungu ka‐Kristu ke na, ndiwenze amalungu ompinyiswa? Kwanga kungebe njalo!
16
Anazi yinina, okokuba lowo unamatelayo kumpinyiswa ungumzimba mnye? ngokuba esiti: Abo babini boba yinyama nye.
17
Kodwa lowo unamatelayo kwinkosi ungumoya mnye.
18
Balekani umbulo. Zonke izono asukuba ezenza umntu, zingapandle kwomzimba; kodwa owenza umbulo, uyonela owake umzimba.
19
Anazi yinina, okokuba umzimba wenu uyitempile yomoya oyingcwele okuni, eninaye evela kutixo, nokuba aningabenu?
20
Ngokuba benitengiwe ngenani: dumisani ke ngoko utixo, emzimbeni wenu, nasemoyeni wenu, eye katixo yomibini.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16