bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 15
1 Corinthians 15
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 16 →
1
NDIYANAZISA, bazalwana! ivangeli endayishumayelayo kuni, — kwa leyo enayamkelayo, nenimiyo kuyo,
2
nenisindiswa ngayo, — ngesanina isiteto endayishumayelayo kuni, ukuba niyayibamba, ukuba kanti anifumane nakolwa.
3
Ngokuba ndandinikela kuni ukuqala, oko endati kanjalo ndakwamkela, ukuba u‐Kristu wafela izono zetu, njengokweziba̔lo;
4
nokuba wancw̔atywa, nokuba uvukile ngomhla wesitatu, njengokweziba̔lo;
5
nokuba wabonakala ku‐Kefasi, wandula wabonakala kwabalishumi linababini:
6
wati kamva wabonakala kwabazalwana abapezulu kwabangamakulu mahlanu ngexesha linye, abati into eninzi yabo bahlale kude kube kaloku nje, kodwa inxenye balele kukufa.
7
Wati kamva wabonakala ku‐Yakobi; wandula wabonakala kubapostile bonke.
8
Waza wati emveni kwabo bonke, njengakulowo uzelweyo lingekabiko ixesha, wabonakala nakum.
9
Ngokuba mna ndingomncinane kubo bonke abapostile, ondingafanelekile ukuba ndibizwe ngompostile, ngenxa yokuba ndayitshutshisa iṙemente katixo.
10
Kodwa ngofefe lukatixo ndikoko endikuko: nofefe lwake olwenzelwa mna alwaba yinto engendawo; koko ndagqitisayo kubo bonke ngokusebenza kakulu; ndingendim kodwa, lufefe lukatixo olube lukunye nam.
11
Nokuba ngoko ndim, nokuba ngabo bona, kunjalo ukushumayela kwetu, bekunjalo nokukolwa kwenu.
12
Kekaloku ukuba u‐Kristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, bati nina inxenye pakati kwenu ukuti akuko kuvuka kwabafileyo?
13
Kodwa ukuba akuko kuvuka kwabafileyo, u‐Kristu naye akavukanga ke:
14
nokuba u‐Kristu akavukanga, kukona iyinto engendawo intshumayelo yetu, iyinto engendawo nenkolo yenu.
15
Ewe kanjalo siyafunyanwa singamanqi̔na abuxoki katixo; kuba sasinqi̔nile ngaye utixo ukuba wamvusa u‐Kristu; ote akamvusa, ukuba kambe abafileyo abavuki.
16
Ngokuba abafileyo ukuba abavuki, u‐Kristu naye akavukanga ke:
17
nokuba u‐Kristu akavukanga, yinto engendawo inkolo yenu; nisesezonweni zenu.
18
Kukona nabo balala kukufa ku‐Kristu batshabalala.
19
Ukuba sinokutemba ku‐Kristu kokukudliwa kwobomi kupela, singabakedamelekayo ngapezu kwabantu bonke.
20
Kodwa kaloku u‐Kristu uvukile kwabafileyo, waba sisandulelo sabo balele kukufa.
21
Ngokuba ekubeni ukufa kwezayo ngaye umntu, kweza ngaye umntu nokuvuka kwabafileyo.
22
Ngokuba njengokuba ku‐Adame bonke bafayo, kwa njalo ku‐Kristu bonke baya kudliswa ubomi.
23
Kodwa omnye nomnye ngokwake ukucwangciswa: u‐Kristu esisandulelo; kamva abaka‐Kristu, ekufikeni kwake.
24
Kwandul’ ukubako isipelo, okuya abunikeleyo ubukumkani kuye utixo noyise, okuya atshabalalisile bonke ubupati nalo lonke igunya namandla.
25
Ngokuba efanele ukupata ubukumkani, ade azibeke zonke intshaba zake ngapantsi kwenyawo zake.
26
Utshaba lwokugqibela olutshatyalaliswayo kukufa.
27
Ngokuba kusitwa: Uzibekile pantsi zonke izinto ngapantsi kwenyawo zake. Kodwa okuya atshoyo ukuti zonke izinto zibekiwe pantsi, kusekuhleni ukuba kungapandle kwalowo owabeka pantsi zonke izinto kuye.
28
Kanjalo okuya zonke izinto zibekiwe pantsi kuye, uya kwandula nonyana ngokwake abekwe pantsi kulowo owabeka pantsi zonke izinto kwa kuye, ukuze utixo abe zinto zonke kubo bonke.
29
Okanye baya kwenza nto nina abo babapitizeshelwa abafileyo? Ukuba abafileyo abavuki nakanye, yinina ke ukuba bayabapitizeshelwa abafileyo?
30
Yinina ukuba nati sisemgcipekweni amaxeshana onke?
31
Ngenyaniso, luqa̔yiso endinalo pezu kwenu kuye u‐Kristu Yesu inkosi yetu, nditi imihla ngemihla ndife!
32
Ukuba ndati njengokwabantu ndalwa namar̔amncwa e‐Efese, kundinceda nto nina oko? Ukuba abafileyo abavuki, Masitye sisele, ngokuba sisiti ngomso sife.
33
Ize ningakohliswa ke: Izincoko ezikohlakeleyo ziyonakalisa izimilo ezilungileyo.
34
Qabukani ngokulungileyo, nize ningoni; ngokuba inxenye bengenakumazi utixo: ndiyateta oku nize nibe nentloni.
35
Koko kuya kuti umntu: Batiwa nina abafileyo ukuvuswa? kanjako bayeza ngomzimba onjanina?
36
Sidenge! lonto uyihlwayelayo wena ayenzelwa ubomi, xeshekweni ingafi:
37
nalonto uyihlwayelayo, akuhlwayeli esosibili esiya kubako, koko uhlwayela ukozo lulodwa, kungaba lolwenqolowa, umhlaumbi lolwenye yezinye imbewu:
38
kodwa utixo uyanika kulo isibili njengokuba etandile, nakuzo zonke imbewu ngezinye ezazo izibili.
39
Yonke inyama ayikwa yiyo yona inyama: koko kuko enye inyama yabantu, enye inyama yenkomo, enye yentlanzi, enye yentaka.
40
Kuko kanjalo imizimba yasezulwini, nemizimba yasemhlabeni: koko ubungcwalisa beyasezulwini buyinto eyodwa, nobeyasemhlabeni buyinto eyimbi.
41
Kuko obunye ubungcwalisa belanga, nobunye ubungcwalisa benyanga, nobunye ubungcwalisa benkwenkwezi: ngokuba inkwenkwezi isahluka kwinkwenkwezi ngobungcwalisa.
42
Kukwa njalo nokuvuka kwabafileyo. Uyahlwayelwa ekuboleni; uyavuswa ekungabolini:
43
uyahlwayelwa ekudelekeni; uyavuswa ebungcwaliseni: uyahlwayelwa ebutatakeni; uyavuswa emandleni:
44
uyahlwayelwa ungumzimba obupefumlo; uyavuswa ungumzimba obumoya. Kuko umzimba obupefumlo; kuko kanjako umzimba obumoya.
45
Kwa njalo ke kuba̔liwe ukuti: Owokuqala umntu u‐Adame waba ngumpefumlo obudla ubomi; owokugqibela u‐Adame waba ngumoya obunika ubomi.
46
Kuloko okubumoya kungekokwokuqala, kukokubupefumlo; okubumoya kokwasemva.
47
Owokuqala umntu uvela emhlabeni, ebuhlabati; owesibini umntu, inkosi, uvela ezulwini.
48
Into uyiyo obuhlabati, bakwa yinto enjalo ababuhlabati nabo: kanjako into uyiyo owasezulwini, bakwa yinto enjalo abasezulwini nabo.
49
Nanjengokuba siwutwele umfanekiso wake obuhlabati, sowutwala nomfanekiso wake owasezulwini.
50
Kodwa oku ndiyakutsho, bazalwana! ukuba yona inyama negazi ayingelidle ilifa lobukumkani bukatixo; kanjako ukubola akulidli ilifa lokungaboli.
51
Bona ke, ndiyanixelela imfihlakalo: Asiyi kulala kukufa sonke, kodwa siya kuguqulwa sonke,
52
ngesiqupe, ngepanyazo leliso, ngexilongo lokugqibela: ngokuba ixilongo liya kuhlokoma, baye abafileyo beya kuvuswa bengenakubola, nati siya kuguqulwa.
53
Ngokuba oku okubolayo kufanele ukuba kwambate ukungaboli, noku okufayo ukuba kwambate ukungafi.
54
Kekaloku okuya oku okubolayo kwambete ukungaboli, n okuya oku okufayo kwambete ukungafi, kuya kwandula kwenzeka elozwi liba̔liweyo ukuti: Ukufa kuginyelwe elwoyisweni.
55
Lupina, Kufa! ulwavila lwako? Lupina, Hadesi! ulwoyiso lwako?
56
Kekaloku ulwavila lwokufa, sisono; namandla esono, ngumteto.
57
Kodwa makubulelwe kutixo, osinikayo ulwoyiso ngayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu.
58
Ngako oko, bazalwana bam abatandiweyo! yibani niqinile, ningenakushenxiswa, nikolisa ukwanda emsebenzini wenkosi ngamaxesha onke, nisazi nje ukuba umzamo wenu awuyinto engendawo enkosini.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16