bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 5
1 Corinthians 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
1
KUKOLISILE ukuvakala ukuti umbulo upakati kwenu, ewe umbulo onjalo ukuba awukankanywa napakati kwabaheyideni, wokokuba umntu wakuni unaye umfazi kayise.
2
Nani ke nivutelene, ningatanga nje ngokukumbi nalilela, ukuze akweleliswe kwa pakati kwenu lowo wasenzayo isenzo esi.
3
Ngokuba mna okunene, njengokuba ndingeko ngomzimba, kodwa ndiko ngomoya, ndise ndigwebile, njengokungati bendiko, ngaye lowo owenje njalo ukwenza oku,
4
egameni lenkosi yetu u‐Yesu Kristu, nihlanganisene nje nina, kwa nomoya wam, kunye namandla enkosi yetu u‐Yesu Kristu,
5
ukunikela onjalo ku‐Satane kube kukubujiswa kwenyama, ukuze umoya usindiswe emhleni wenkosi u‐Yesu.
6
Akulungile ukuqa̔yisela kwenu. Anazi na ukuba igwele elincinane liyabilisa lonke isimba lentlama?
7
Gecani ngoko nipumise igwele elidala, ukuze nibe lisimba lentlama elitsha, njengokuba ningabo abangenagwele. Ngokuba ipasika yetu nayo isibingelwe, kwa u‐Kristu.
8
Kwa njalo ke masenze umtendeleko, kungabi ngalo igwele elidala, kungabi nangalo igwele lolunya nobumenemene, kube ngesonka esingenagwele sobunene nenyaniso.
9
Ndiba̔lile kuni encwadini yam ukuba maningakolani nabapimisi:
10
kungabi kanti ngokukanye nabapimisi belizwe eli, mhlaumbi namabawa, mhlaumbi nabapangi, mhlaumbi nabakonzi bezitixo; ngokuba oko nifanele ukupuma elizweni ke.
11
Kodwa kaloku ndiba̔lile kuni ukuba maningakolani naye, xeshekweni umntu obizwa ngegama lomzalwana anguye umpimisi, mhlaumbi olibawa, mhlaumbi umkonzi wezitixo, mhlaumbi umtuki, mhlaumbi olinxila, mhlaumbi umpangi; onjalo maningake nidlelane naye.
12
Ngokuba kuyinto nina kum ukuba nabapandle ndibagwebe? Abapakati anibagwebi na nina?
13
Kodwa abapandle utixo uyabagweba. Ize nikwelelise lo mntu okohlakeleyo kwa kuni nina.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16