bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 8
1 Corinthians 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
1
KEKALOKU ngazo izinto ezibingelweyo izitixo, siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ukwazi kuyavutelanisa, kodwa utando luyamisa.
2
Ukuba ke umntu uba uyayazi into, akakazi luto njengokuba efanele ukulwazi.
3
Kodwa ukuba umntu uyamtanda utixo, yena lo uyaziwa nguye.
4
Kekaloku ngako ukutyiwa kwezinto ezibingelweyo izitixo ke, siyazi ukuba isitixo asinto yanto elizweni, nokuba akuko utixo wumbi, kupela mnye.
5
Ngokuba nangona kukoyo aba‐kutiwa ngotixo, nokuba basezulwini, nokuba basemhlabeni, (njengokuba kuko otixo abaninzi, nenkosi ezininzi,)
6
noko kuti kuko utixo mnye, uyise, okuvela kuye izinto zonke, nati tina singenxa yake; nenkosi nye, u‐Yesu Kristu, o kubako ngaye izinto zonke, nati tina singaye.
7
Kuloko kungekubo bonke okukwazi: ngokuba inxenye ngokwazela isitixo, kwa kude kube kaloku nje, besitya njengokungati yinto ebingelweyo isitixo; nesazeliso sabo, sibutataka nje, siyadyojwa.
8
Kodwa ukudla akusikolekisi kutixo: ngokuba naxeshekweni sityayo, singagqitiseli; naxeshekweni singatyiyo, singancipeki.
9
Lumkani kodwa hleze kungati eligunya lenu libe sisiku̔bekiso kubo ababutataka.
10
Ngokuba, xeshekweni umntu akubonayo wena onokwazi uhleli pantsi etempileni yesitixo, singayi kuti na isazeliso sake, ebutataka nje, somelezelwe ukuba kutyiwe izinto ezibingelweyo izitixo;
11
aze abube umzalwana obutataka ngokwazi kwako, lowo u‐Kristu wafa ngenxa yake?
12
Kodwa nisona njalo ngakubo abazalwana, nidubula nokudubula isazeliso sabo esibutataka nje, niyona ngakuye u‐Kristu.
13
Ngako oko ukuba ukudla kuyaxakanisa umzalwana wam, andisayi kutya inyama napakade, ukuze umzalwana wam ndingamxakanisi.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16