bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 9
1 Corinthians 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 10 →
1
ANDINGUYE na umpostile? andinguye na okululekileyo? andimbonanga na u‐Yesu Kristu inkosi yetu? aninguwo na umsebenzi wam enkosini nina?
2
Ukuba andingumpostile kwabanye, noko ndinjalo kambe kuni: ngokuba isincamatiselo sobupostile bam sinini enkosini.
3
Kuko oku ukuzitetelela kwam kubo abandibuzayo:
4
Asinalo na igunya lokutya nokusela?
5
asinalo na igunya lokutabata nati udade ongumfazi, njengabo nabanye abapostile, nabazalwana benkosi, no‐Kefasi?
6
umhlaumbi mna ndedwa no‐Banabasi asinalo na igunya lokuba singasebenzi?
7
Ngubanina oka akonze njengesodati ngokwake ukuvuza? ngubanina otyalayo isitiya semiti yeveyine, aze angatyi kwiziqa̔mo zaso? umhlaumbi ngubanina owalusayo umhlambi, aze angatyi kwamasi omhlambi?
8
Ndiziteta ezizinto njengokwabantu na? awuziteti ezizinto umteto nawo kusinina?
9
Ngokuba kuba̔liwe emtetweni ka‐Mosesi ukuti: Akukuyifaka umkala inkabi yakubu̔la. Utixo uyakatala zinkabi na?
10
utsho ngenxa yetu kanye kusinina? ewe ngenxa yetu kwaba̔lwa oku: ukuba olimayo efanele ukulima ngetemba; nobu̔layo efanele ukubu̔la ngetemba lokwamkela kwitemba lake.
11
Ukuba tina sanihlwayelela izinto ezibumoya, yinto enkulu na ukuba tina siya kuvuna izinto zenu ezibunyama?
12
Ukuba abanye bayamkela kw eli gunya pezu kwenu, as amkeli kulo tina kakulu ngakumbi ke na? Noko asilipatanga igunya eli; kuloko zonke izinto sizinyamezela, ukuze singenzeli ivangeli ka‐Kristu into etintelayo.
13
Anazi na, okokuba abo basebenzayo ezintweni ezingcwele bayatya kokwetempile; nokuba abo balindayo esibingelweni bayahlulana nesibingelo?
14
Kwa njalo nenkosi yamisela abo bashumayelayo ivangeli, ukuba bapile ngokwevangeli.
15
Kodwa mna andipatanga nanye yezizinto; kanjako andiba̔langa ezizinto, ukuze kwenziwe njalo kum: ngokuba kulungele mna ukuba ndife, ngapezu kwokuba asuke umntu alwenze uqa̔yiselo lwam into engento yanto.
16
Ngokuba xeshekweni ndishumayelayo ivangeli, andinako ndingaqa̔yisa ngako; ngokuba ndibekelwa unyanzelo; hai kanjalo ilishwa lam, xeshekweni ndingayishumayeli ivangeli!
17
Ngokuba lento ukuba ndiyayenza ndivuma, ndinawo umvuzo; kodwa ukuba ndiyayenza ndingavumi, ndipatisiwe ubugosa.
18
Uyinto nina ngoko umvuzo wam? Ngowokuba nditi ekushumayeleni ivangeli ndiyenze ivangeli ka‐Kristu ingamelwa nto, ukuze ndingalipati igunya lam evangelini ngokugqitileyo.
19
Ngokuba ndikululekile nje kubo bonke, ndazenza isicaka kubo bonke noko, ukuze ndizuze abaninzi ngakumbi.
20
Ndaza ndati kuma‐Juda ndaba njengom‐Juda, ukuze ndizuze ama‐Juda; kubo abapantsi kwomteto ndaba njengopantsi kwomteto, ukuze ndibazuze abapantsi kwomteto;
21
kubo abangenamteto ndaba njengongenamteto, (ndingengongenamteto kutixo, ndipantsi kwomteto ku‐Kristu,) ukuze ndizuze abangenamteto.
22
Kubo ababutataka ndaba njengobutataka, ukuze ndibazuze ababutataka: sendiba zinto zonke kubo bonke, ukuze nditi ngendawo zonke ndisindise inxenye.
23
Oku ke ndiyakwenza ngenxa yevangeli, ukuze ndabelwe kuyo kunye nabo.
24
Anazi na ukuba abo babalekayo emjikelezweni bayabaleka bonke ke, kodwa uba mnye owamkela umvuzo? Yenzani njalo ukubaleka, ukuba nizuze.
25
Kanjako bonke abazamayo ezindlalweni bayenza ngobunca̔tu ezintweni zonke. Kekaloku bona abo ke bayazama ukuze bamkele isitsaba esonakalayo, kodwa tina ukuze samkele esingonakaliyo.
26
Mna ngoko ke ndiyenje njalo ukubaleka, njengokuba kungengendawo engabonakaliyo; ndiyenje njalo ukulwa, njengokuba ndingabeti umoya:
27
koko ndiwubulala umzimba wam, ndiwukonzise, hleze kungati, ndakuba ndishumayele kwabanye, ndibe mna ngokwam ndingowaliwayo.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16