bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Corinthians 14
1 Corinthians 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 15 →
1
PUTUMANI utando; niti noko nizondelele izipiwo ezibumoya, kodwa ngokukulu ukuba niprofiteshe.
2
Ngokuba otetayo nge nye inteto engateti ebantwini, koko eteta kutixo: ngokuba kungeko mntu o m vayo; kodwa emoyeni uyaziteta imfihlakalo.
3
Kodwa oprofiteshayo uyateta ebantwini okumisayo, nokuyalayo, nokututuzelayo.
4
Otetayo nge nye inteto, uyazimisa yena; kodwa oprofiteshayo uyamisa iṙemente.
5
Kekaloku nditanda ukuba nina nonke nitete nge zinye inteto, kodwa ngakumbi ukuba niprofiteshe: ngokuba emkulu lowo uprofiteshayo kulowo utetayo nge zinye inteto, ukuba kanti akakumshi, ukuze iṙemente yamkele ukumiswa.
6
Kodwa kaloku, bazalwana! xeshekweni ndiza kuni nditeta nge zinye inteto, ndoninceda nto nina, xeshekweni ndingayi kuteta kuni mhlaumbi ekutyileni, mhlaumbi ekwazini, mhlaumbi ekuprofitesheni, mhlaumbi ekufundiseni?
7
Kwa nezinto ezingenakudliwa kwobomi zisenza intlokoma, nokuba ngumlozi, nokuba luhadi, noko, xeshekweni zingenzi ukwahluka ekuhlokomeni, kwotiwa nina ukwaziwa oko kulozwayo umhlaumbi oko kubetwayo ngohadi?
8
Ngokuba kanjako xeshekweni ixilongo liyenza intlokoma engavekiyo, ngubanina oya kuzilungisela ukulwa?
9
Kwa njalo nani, xeshekweni ningawapimiseli ngolwimi amazwi aqondekayo, kwotiwa nina ukwaziwa oko kutetwayo? ngokuba niya kuba niteta ngasemoyeni.
10
Kungaba kuko intlobo ezininzi kangaka zamazwi elizweni, nekungeko nalinye lazo elingenakuvakala.
11
Xeshekweni ngoko ndingakwazi ukutsho kwelizwi, ndoba ngumsomi kulowo utetayo, naye otetayo woba ngumsomi kum.
12
Kwa njalo nani, ekubeni nizondelele izipiwo ezibumoya, zifuneni ukuba nigqitisele kuze kube kukumiswa kweṙemente.
13
Ngako oko otetayo nge nye inteto makatandaze ukuba akumshe.
14
Ngokuba xeshekweni nditandaza nge nye inteto, umoya wam utandaza, kodwa ingqondo yam iputile.
15
Yinto nina ngoko? Ndiya kutandaza ngomoya wam, kodwa ndiya kutandaza ngengqondo yam nayo: ndiya kucula ngomoya wam, kodwa ndiya kucula ngengqondo yam nayo.
16
Okanye xeshekweni ubulelayo ngomoya, woti nina lowo uhleliyo endaweni yongenalufundo ukutsho ukuti Amene ekubuleleni kwako, into uyitetayo engayazi nje?
17
Ngokuba wena okunene ulungisa ukubulela, koko yena omnye engamiswa.
18
Ndiyabulela kutixo wam, ndinidlula nonke ngokuteta nge zinye inteto:
19
noko entlanganisweni nditanda ukuba nditete amazwi abe mahlanu ngayo ingqondo yam, ukuze ndibafundise nabanye, ngapezu kwokuba nditete amazwi abe mawaka alishumi nge nye inteto.
20
Bazalwana! ningabi ngabantwana ekuqondeni: noko elunyeni yibani njengentsana, kodwa ekuqondeni yibani ngabakulileyo.
21
Kuba̔liwe emtetweni, ukuti: Ngabelwimi zimbi, nangemilomo yasemzini, ndiya kuteta kwababantu; kodwa noko abayi kundipulapula, utsho uyehova.
22
Kwa njalo ke ezinye inteto azingumqondiso kwabo bakolwayo, zinguwo kwabangakoliweyo: kodwa isiprofitesho asiyinto yabangakoliweyo, siyinto yabo bakolwayo.
23
Xeshekweni ngoko iṙemente yonke ihlangana ndawonye, bati bonke batete nge zinye inteto, kuze kungene abangenalufundo, umhlaumbi abangakoliweyo, abaya kutsho na ukuti niyageza?
24
Kodwa xeshekweni bonke baprofiteshayo, kuze kungene umntu ongakoliweyo umhlaumbi ongenalufundo, uyaviswa ityala ngabo bonke, uyagwetywa ngabo bonke;
25
kuti ngokunjalo izinto ezifihlakeleyo zentliziyo yake zibonakaliswe; waeya kuti ngokunjalo awe ngobuso abedeshe utixo, eshumayela ukuba utixo upakati kwenu ngokwenyaniso.
26
Yinto nina ngoko, bazalwana? Okuya nihlanganayo, uti omnye nomnye wenu abe neculo, abe nemfundiso, abe ne nye inteto, abe nesityilo, abe nesikumsho. Mazenziwe zonke izinto kuze kube kukumiswa.
27
Ukuba ke kuko otetayo nge nye inteto, makube ngababini, umhlaumbi ngabangagqiti abatatu, makube nangokulandelana; ati omnye akumshe.
28
Kodwa xeshekweni kungeko ikumsha, makati cwaka entlanganisweni; aze azitetele yena notixo.
29
Abaprofite ke mabatete ababini umhlaumbi abatatu, bati abanye bahlule.
30
Kodwa xeshekweni kwenziwa isityilo kwomnye ehleli kona, owokuqala makati cwaka.
31
Ngokuba ningaprofiteshayo nonke omnye ngomnye, ukuze bonke bafunde, nokuba bonke bonwatyiswe.
32
Kanjako umoya wabaprofite ululamela kubaprofite.
33
Ngokuba utixo engengowesipitipiti, ungowoxolo, njengakuzo zonke iṙemente zabangcwele.
34
Abafazi benu mabati cwaka ezintlanganisweni: ngokuba kungavunyelwanga bona ukuba batete, koko kuyalelwe ukuba babe sekululameni, njengokuba usitsho nomteto.
35
Nokuba bayafuna ukufunda into, mababuze ekaya kwawabo amadoda: ngokuba kuyinto embi kubafazi ukuba batete entlanganisweni.
36
Ilizwi likatixo lapuma kuni yinina? leza kufika kuni nedwa kusinina?
37
Ukuba kuko umntu oba ungumprofite umhlaumbi ungobumoya, makavume izinto endiziba̔layo ukuba ziyimiyalelo yenkosi.
38
Kodwa ukuba umntu akanakwazi, makabe engenakwazi.
39
Ngako oko, bazalwana! zondelelani ukuprofitesha; nokuteta nge zinye inteto ningakwaleli.
40
Mazenziwe zonke izinto ngokufanelekileyo nanjengokumiselweyo.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16