bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 11
Leviticus 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 12 →
1
WANDULA wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti kubo:
2
Tetani nosapo luka‐Sirayeli, nisiti: Nanzi izinto ezipilileyo eniya kuzidla pakati kwazo zonke izilo ezisemhlabeni.
3
Zonke ezilwahlula upupu, ezicanda upupu kubini, ezihlafuna umtyiso, pakati kwezilo, ezona niya kuzidla.
4
Ezi noko aniyi kuzidla kwezo zityisayo, nakwezo zilwahlulayo upupu: inkamela, ngokuba ihlafuna umtyiso, kodwa ayahluli upupu; inco̔lile yona kuni:
5
nembila, ngokuba ihlafuna umtyiso, kodwa ayahluli upupu; inco̔lile yona kuni:
6
nomvundla, ngokuba uhlafuna umtyiso, kodwa awahluli upupu; unco̔lile wona kuni:
7
nehangu, ngokuba leyo ilwahlula upupu, icanda upupu kubini kanjalo, kodwa ayihlafuni umtyiso; inco̔lile yona kuni.
8
Kwinyama yazo aniyi kudla, nesidumbu sazo aniyi kusicukumisa; zinco̔lile zona kuni.
9
Ezi niya kuzidla kwezo zonke ezisemanzini: zonke ezinamapiko nenkwetu emanzini, kuzo ilwandle nakuyo imilambo, ezona niya kuzidla.
10
Kodwa zonke ezingenamapiko nenkwetu ezilwandleni nasemilanjeni, kuzo zonke izinambuzane zamanzi, nakuzo zonke izinto ezipilileyo ezisemanzini, zona ziyintshontsho kuni.
11
Ewe, zoba yintshontsho kuni; kwinyama yazo aniyi kudla, nezidumbu zazo niya kubala zona ngokuba yintshontsho.
12
Zonke izinto ezingenamapiko nenkwetu emanzini, zona zoba yintshontsho kuni.
13
Nezi ke niya kuzibala ngokuba yintshontsho pakati kwentaka; aziyi kudliwa, ziyintshontsho: ukozi, nengqanga, nonomakwezane,
14
nesanxa, nexalanga ngemmilo yalo;
15
bonke onomyai ngemmilo yabo;
16
nenciniba, nondebeza, nogwidi, nontloyiya ngemmilo yake,
17
nesikova, nokwalimanzi, nentsikizi,
18
nelowe, nencwangube, nengqo,
19
neṙaside, uqimgqoshe ngemmilo yake, noboboyi, nelulwane.
20
Zonke izinambuzane ezinamapiko, ezihambayo ngamane amanqina, zoba yintshontsho kuni.
21
Ezi noko ningazidla kuzo zonke izinambuzane ezinamapiko, ezihambayo ngamane amanqina, ezinentungo ngapezu kwamanqina azo, kuze kutsitywe ngazo emhlabeni;
22
ezi kuzo ningazidla: inkumbi ngemmilo yayo, nesiboto ngemmilo yaso, nomqikela ngemmilo yawo, nomcikwane ngemmilo yawo.
23
Kodwa zonke ezinye izinambuzane ezinamapiko ezinamanqina mane, zoba yintshontsho kuni.
24
Nezi niya kunco̔liswa ngazo; osukuba ecukumisa isidumbu sazo woba enco̔lile kude kuhlwe.
25
Kanjalo osukuba etwele into yesidumbu sazo, uya kuhlanza izivato zake, abe enco̔lile kude kuhlwe.
26
Zonke izilo ezahlulayo upupu, kanti azilucandi kubini, zingahlafuni umtyiso kanjako, izidumbu zazo zinco̔lile kuni: osukuba ezicukumisa woba enco̔lile.
27
Nazo zonke ezihambayo ngezandla zazo pakati kwazo zonke izinto ezipilileyo ezihambayo ngamane amanqina, ezo zinco̔lile kuni: osukuba ecukumisa isidumbu sazo woba enco̔lile kude kuhlwe.
28
Notweleyo isidumbu sazo yena wohlanza izivato zake, abe enco̔lile kude kuhlwe; zinco̔lile zona kuni.
29
Ezi nazo zoba zinco̔lile kuni pakati kwezinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba: intuku, nempuku, noxami ngemmilo yake,
30
nequngequ, noxebeyi, necilitshe, noṙoqotyeni, nolovane.
31
Ezi ke zinco̔lile kuni pakati kwezinto zonke ezinambuzelayo: osukuba ezicukumisa, zakuba zifile, woba enco̔lile kude kuhlwe.
32
Kanjako konke iya kuwa pezu kwako enye kuzo, yakuba ifile, kwoba kunco̔lile; nokuba yenye impahla yomti, umhlaumbi sisivato, umhlaumbi yintsuba, umhlaumbi yinxowa, umhlaumbi yenye impahla ekwenziwa umsebenzi ngayo, iya kungeniswa emanzini, ibe inco̔lile kude kuhlwe; yandule icokiseke.
33
Nazo zonke impahla zodongwe, iya kweyela pakati kwazo enye kuzo, konke okupakati kwazo kwoba kunco̔lile, nazo zona noziqekeza.
34
Kuko konke ukudla okudlekayo, oko aya kuza pezu kwako amanzi anjalo, kwoba kunco̔lile; nalo lwonke uselo oluselekayo kuzo zonke impahla ezinjalo lwoba lunco̔lile.
35
Kanjako konke iya kuwa pezu kwako into yesidumbu sazo, kwoba kunco̔lile; nokuba liziko, nokuba ngongxawo, baya kucitwa; banco̔lile, ngako boba benco̔lile kuni.
36
Noko umtombo, nomnxuma wokuhlanganisana kwamanzi, woba ucocekile; kodwa lowo ucukumisayo isidumbu sazo woba enco̔lile.
37
Naxeshekweni iwayo into yesidumbu sazo pezu kwembewu eyintlwayelelo, eza kuhlwayelwa, yona yoba icocekile.
38
Kodwa nxa kubekwa amanzi pezu kwembewu, yandule into yesidumbu sazo iwe pezu kwayo, yoba inco̔lile leyo kuni.
39
Nokuya kufayo esinye isilo esidlekayo kuni, ocukumisayo isidumbu saso woba enco̔lile kude kuhlwe.
40
Kanjalo odlayo kwisidumbu saso wohlanza izivato zake, abe enco̔lile kude kuhlwe; nalowo otweleyo isidumbu saso wohlanza izivato zake, abe enco̔lile kude kuhlwe.
41
Zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba zoba yintshontsho nazo; aziyi kudliwa.
42
Konke okuhambayo ngesisu, nako konke okuhambayo ngamane amanqina, nako konke okumanqina maninzi, pakati kwazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba, aniyi kukudla; ngokuba kuyintshontsho.
43
Aniyi kudlubukisa imipefumlo yenu ngasinye isinambuzane esinambuzelayo; aniyi kuzinco̔lisa ngazo kanjako, ukuba nibe ninco̔lile ngazo.
44
Ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wenu: kukona niya kuzingcwalisa, nibe ngcwele, ngokuba ndingcwele mna; kanjalo aniyi kunco̔lisa imipefumlo yenu ngasinye isinambuzane esinambuzelayo pezu kwomhlaba.
45
Ngokuba mna ndi nguyehova, oninyusayo ezweni le‐Jipete, ndize ndibe ngutixo wenu; kukona niya kuba ngcwele, ngokuba ndingcwele mna.
46
Nguwo lo umteto wezilo, nowentaka, nowazo zonke izinto ezinokudliwa kwobomi ezishukumayo emanzini, nowazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba;
47
kuze kwenzwe ukwahluka pakati kwokunco̔lileyo nokucocekileyo, napakati kwesilo esidlekayo nesilo esingadlekiyo.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27