bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 27
Leviticus 27
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
1
WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
2
Teta nosapo luka‐Sirayeli, niti kulo: Xeshekweni umntu aya kwahlukanisa isibambiso, iziqu zoba ze zikayehova ngokulinganisa kwako.
3
Kwakuba ukulinganisa kwako kukokwendoda, eminyaka imashumi mabini ubudala bayo, kude kube yeminyaka imashumi matandatu ubudala bayo, makuti ukulinganisa kwako kube zishekele zesilivere ezimashumi mahlanu, ngeshekele yeyingcwele indawo.
4
Kodwa ukuba yinkazana, ukulinganisa kwako kwoba zishekele ezimashumi matatu.
5
Nokuba ngominyaka mihlanu, kude kube ngominyaka imashumi mabini, makuti ukulinganisa kwako indoda kube zishekele ezimashumi mabini, nangenxa yenkazana makube zishekele ezilishumi linye.
6
Nokuba ngowenyanga nye, kude kube ngominyaka mihlanu, makuti ukulinganisa kwako indoda kube zishekele zesilivere ezintlanu, nangenxa yenkazana ukulinganisa kwako kwoba zishekele zesilivere ezintatu.
7
Nokuba ngominyaka imashumi matandatu napezulu, ukuba yindoda, makuti ukulinganisa kwako kube zishekele ezilishumi linesihlanu, nangenxa yenkazana makube zishekele ezilishumi.
8
Kodwa ukuba ungohlwempuzileyo ngapantsi kwokulinganisa kwako, makazimise pambi kwomperisite, aze umperisite amlinganise: ngokwamandla ake obambisileyo umperisite uya kumlinganisa.
9
Nokuba sisilo, ekunganikelwa ngaso umnikelo kuyehova; zonke ekunikwa ngumntu kwezinjalo kuyehova zoba ngcwele.
10
Akayi kusiguqula, akayi kusanana kanjalo, esilungileyo ngesibi, umhlaumbi esibi ngesilungileyo; kodwa ukuba uka asanane isilo ngesilo noko, kwa sona neso kwananwa ngaso zoba ngcwele.
11
Nokuba sisesinye isilo esinco̔lileyo, ekungenikelwe ngaso umnikelo kuyehova, uya kwandula amise esosilo ebusweni bomperisite.
12
Waye umperisite eya kusilinganisa, ukuba silungile, ukuba sibi kusinina: njengokulinganisa kwako, mperisite! soba njalo.
13
Kodwa ukuba woka asikulule, uya kwandula asongeze esesihlanu isiqingata senani laso pezu kwokulinganisa kwako.
14
Naxeshekweni umntu aya kungcwalisa indlu ibe ngcwele kuyehova, woti umperisite ayilinganise, ukuba ilungile, ukuba imbi kusinina: njengokuba eyilinganisa umperisite, iya kuma njalo.
15
Nokuba lowo oyingcwalisileyo wokulula indlu yake, uya kusongeza esesihlanu isiqingata semali yokulinganisa kwako pezu kwayo, ize ibe yeyake.
16
Nokuba yindawana entsimini yemfuyo yake aya kuyingcwalisa umntu kuyehova, kwoba njengembewu yayo ukulinganisa kwako: indawana yehomere yembewu yeṙalasi yolingana neshekele zesilivere ezimashumi mahlanu.
17
Ukuba uyangcwalisa intsimi yake kuqala emnyakeni womgcobo, iya kuma kwa njengokulinganisa kwako.
18
Kodwa ukuba uyangcwalisa intsimi yake emveni kwomnyaka womgcobo, makati umperisite ambalele imali njengeminyaka esaseleyo, kwa kude kube ngumnyaka womgcobo, ize isuswe kweyokulinganisa kwako.
19
Nokuba woka akulule intsimi lowo oyingcwalisileyo, makongeze esesihlanu isiqingata semali yokulinganisa kwako pezu kwayo, ize iqiniswe kuye.
20
Nokuba akayi kukulula lontsimi, umhlaumbi ukuba utengisile lontsimi komnye umntu, ayisayi kubuya ikululwe.
21
Koko intsimi leyo, yakupuma ngomnyaka womgcobo, iya kuba ngcwele kuyehova, njengentsimi eyahlukanisiweyo; yoba yeyomperisite imfuyo yayo.
22
Kanjako ukuba yintsimi ayitengileyo umntu, engeyeyakuwo amasimi emfuyo yake, aya kuyingcwalisa kuyehova;
23
woti umperisite ambalele inani lokulinganisa kwako kude kube ngumnyaka womgcobo; n emali yokulinganisa kwako woyinika ngomhla lowo, ibe yingcwele kuyehova.
24
Ngomnyaka womgcobo yobuya ize intsimi leyo kulowo wayitenga kuye, kwa kulowo imfuyo yomhlaba ibiyeyake.
25
Konke ukulinganisa kwako kwoba ngeshekele yeyingcwele indawo: zigera ezimashumi mabini eziya kuba yishekele leyo.
26
Kodwa izibulo, ekuzityulwa ngalo kuyehova sisilo, akuyi kubako mntu oya kulingcwalisa; nokuba liyinkomo enkulu, nokuba liyinkomo encinane, le likayehova lona.
27
Nanxa lilelesilo esinco̔lileyo, uya kukulula lona ngokulinganisa kwako, ati kanjalo ongeze esesihlanu isiqingata sako pezu kwako; nanxa lingakululwa, liya kutengiswa ngokulinganisa kwako.
28
Kodwa into esukuba yahlukanisiwe, aya kuti umntu ayahlukanisele uyehova kuko konke anako, kubantu nakwizilo, nakwintsimi yemfuyo yake, ayisayi kutengiswa, ayisayi kukululwa kanjako: zonke izinto ezahlukanisiweyo, zizinto ezingcwelekazi kuyehova zona.
29
Konke okwahlukanisiweyo, okuya kwahlukaniswa pakati kwabantu, akuyi kukululwa; kwofiswa ngenyaniso.
30
Kananjalo zonke izishumi zomhlaba, ezembewu yomhlaba, ezesiqa̔mo semiti, zona ze zikayehova; zingcwele kuyehova.
31
Naxeshekweni umntu aya kuka akulule into kwizishumi zake, esesihlanu isiqingata sazo uya kusongeza pezu kwazo.
32
Nazo zonke izishumi zezinkulu nezezincinane inkomo, ezazo zonke ezidlula ngapantsi kwayo intonga, eyeshumi yoba yingcwele kuyehova.
33
Akayi kugqalela ukuba ilungile, ukuba imbi kusinina, akayi kuyanana kanjalo: kodwa ukuba woka ayanane noko, kwa yona naleyo kwananwa ngayo zoba ngcwele; ayisayi kukululwa.
34
Yiyo le imiyalelo uyehova wayiyalezela u‐Mosesi elusatsheni luka‐Sirayeli, entabeni ye‐Sinai.
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27