bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 2
Leviticus 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 3 →
1
XESHEKWENI umntu aya kunikela ngomnikelo ongowokudla kuyehova, umnikelo wake woba ngowomgubo ocolekileyo: uya kugalela ioli pezu kwawo, nentlakamhlope uya kuyibeka pezu kwawo.
2
Waeya kuwuzisa konyana baka‐Arone, kubaperisite; ati omnye abambe kwa kona ngento ezalisa isandla sake kumgubo ocolekileyo wawo, nakwioli yawo, kunye nayo yonke intlakamhlope yawo; aze umperisite asitshise isikunjuzelwa sawo pezu kwesibingelo, sibe ngumnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova.
3
Oko kuseleyo kumnikelo wokudla, kwoba kokuka‐Arone nokwonyana bake: uyinto eyingcwelekazi kuyo iminikelo eyenziwayo ngomlilo kayehova.
4
Naxeshekweni uya kunikela ngomnikelo ongowokudla, into eyojiweyo eziko, woba ngowezingenagwele izonkana zomgubo ocolekileyo zinyeliwe ngeoli, nezingenagwele izonkanyana zitanjisiwe ngeoli.
5
Nokuba umnikelo wako ungowokudla owojiwayo elukambeni, woba ngowomgubo ocolekileyo ongenagwele, unyeliwe ngeoli.
6
Uya kuwuqezula emaqezwini, uze ugalele ioli pezu kwawo: ngumnikelo wokudla wona.
7
Ukuba kanjalo ungowokudla opekwayo embizeni umnikelo wako, uya kwenziwa ngomgubo ocolekileyo uneoli.
8
Wauya kuzisa umnikelo wokudla owenziweyo ngezizinto kuyehova; andule ati umperisite, akunikelwa wona, awusondeze esibingelweni.
9
Waye umperisite eya kususa kumnikelo wokudla isikunjuzelwa sawo, asitshise pezu kwesibingelo: ngumnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova.
10
Oko kuseleyo kumnikelo wokudla, kwoba kokuka‐Arone nokwonyana bake: uyinto eyingcwelekazi kuyo iminikelo eyenziwayo ngomlilo kayehova.
11
Akuko mnikelo wokudla, eniya kunikela ngawo kuyehova, oya kwenziwa ngegwele; ngokuba igwele nobusi ningayi kutshisa nanye into enazo ibe ngumnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova:
12
umnikelo wolibo niya kunikela wona unazo kuyehova; kodwa azisayi kunyukela esibingelweni libe livumba elimnandi.
13
Nayo yonke iminikelo yomnikelo wokudla wako uya kumvumvuzela yona ngetyuwa; kanjako akuyi kupelisa ityuwa yocebano lwotixo wako kuwo umnikelo wokudla wako: yonke iminikelo yako uya kuyinikela inetyuwa.
14
Naxeshekweni uya kunikela ngomnikelo wokudla welibo zako kuyehova, ngezikwebu eziluhlaza zenqolowa zojiwe ngomlilo, ngenqolowa ecutyiweyo ezikwebini ezibonxileyo, uya kunikela umnikelo wokudla welibo zako.
15
Wauya kubeka ioli pezu kwawo, nentlakamhlope uya kuyibeka pezu kwawo: ngumnikelo wokudla wona.
16
Waye umperisite eya kutshisa isikunjuzelwa sawo, inxenye yenqolowa ecutyiweyo yawo, nenxenye yeoli yawo, kunye nayo yonke intlakamhlope yawo: ngumnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27