bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 6
Leviticus 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 7 →
1
Wateta uyehova kanjalo ku‐Mosesi, esiti:
2
Ukuba umntu uyona, agqite ngesigqito ngakuye uyehova, amxokise ummelwane wake ngento enikelwe ekugcineni kwake, umhlaumbi ngento ebekelwe kuye, umhlaumbi ngento epangiweyo; ati umhlaumbi amlumkise ummelwane wake,
3
umhlaumbi afumane into elahlekileyo, aze axoke ngayo, afunge ngobuxoki; kwenye yezizinto zonke azenzayo umntu, esona ngazo;
4
kwoti ke, ngokuba onile, enetyala nje, wobuyisa lonto epangiweyo owayipangayo, umhlaumbi lonzuzo ingalungileyo walumkisa ngayo, umhlaumbi lonto yokugcinelwa ebinikelwa ekugcineni kwake, umhlaumbi lonto ilahlekileyo owayifumanayo,
5
umhlaumbi enye into kuko konke asukuba efungile pezu kwako ngobuxoki; wobuyekezela yona ngenani layo, nesesihlanu isiqingata salo wosongeza pezu kwalo; kulowo into iyeyake woyinika ngomhla wetyala lake.
6
Waeya kuzisela ityala lake kuyehova, inkunzi yegusha emsulwa ivela emhlambini, njengokulinganisa kwako, ibe lidini letyala, kumperisite;
7
woti umperisite amenzele uxoliso ebusweni bukayehova, kwakuya kumxolelwa pezu kwenye into kuko konke asukuba ekwenzile anetyala ngayo.
8
WABUYA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
9
Yalela u‐Arone nonyana bake, ngokuti: Nguwo lo umteto wedini lokutshiswa: lidini lokutshiswa lona, ngenxa yokuvuta pezu kwesibingelo bonke ubusuku kude kuse, ngokuba umlilo wesibingelo uya kuhlala uvuta kuso.
10
Woti umperisite ayambate ingubo yake yeqiya, nebrukwe yeqiya ayambate pezu kwenyama yake, aze asuse ututu, oko umlilo seugqibele idini lokutshiswa pezu kwesibingelo, alubeke ngasecaleni lesibingelo.
11
Andule atule izivato zake, ambate izivato zimbi, apume notutu olo ukuya ngapandle kwomnquba, endaweni emhlope.
12
Waye umlilo esibingelweni uya kuhlala uvuta kuso; awusayi kucinywa; umperisite uya kupemba inkuni pezu kwawo imiso ngemiso, acwangcise nedini lokutshiswa pezu kwawo; waeya kutshisa pezu kwawo inqata leminikelo yoxolo.
13
Umlilo womana uvuta futi esibingelweni; awusayi kucinywa.
14
Kanjalo nguwo lo umteto womnikelo wokudla: wona omnye wonyana baka‐Arone wowunikela ebusweni bukayehova, ngapambi kwesibingelo.
15
Waeya kususa kuwo ngento ezalisa isandla sake, kwa kuwo umgubo ocolekileyo womnikelo wokudla, nakuyo ioli yawo, nayo yonke intlakamhlope epezu kwawo umnikelo wokudla; andule atshise pezu kwesibingelo, libe livumba elimnandi, isikunjuzelwa sawo, kuyehova.
16
Nokuseleyo kuwo baya kukudla u‐Arone nonyana bake: kwotyiwa kungenagwele endaweni eyingcwele; ebaleni lentente yentlangano baya kukudla.
17
Akuyi kwojwa kubilisiwe: kusisabelwa sabo endibanikile sona, kuyo iminikelo yam eyenziwa ngomlilo; kuyinto eyingcwelekazi, njengedini lesono, nanjengedini letyala.
18
Konke okubudoda pakati kwabantwana baka‐Arone kuya kukutya. Ngummiselwa ongunapakade ezizukulwaneni zenu ngayo iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova: konke okuyicukumisayo kwoba kungcwele.
19
Waye uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti:
20
Nguwo lo umnikelo ka‐Arone nonyana bake, abaya kunikela ngawo kuyehova ngomhla wokutanjiswa kwake: eseshumi isiqingata seyefa yomgubo ocolekileyo, ube ngumnikelo wokudla ofuti; esinye isiqingata sawo kwakusa, nesinye isiqingata sawo kwakuhlwa.
21
Pezu kwokamba uya kwenziwa ngeoli; unyakanyisiwe uya kuwuzisa; n amaqezu ojiweyo omnikelo wokudla uya kunikela wona abe livumba elimnandi kuyehova.
22
Umperisite otanjisiweyo esikundleni sake konyana bake wowunikela: ngummiselwa ongunapakade kuyehova; wogqityelwa ukutshiswa.
23
Ngokuba yonke iminikelo yokudla yomperisite iya kugqityelwa ukutshiswa; ayisayi kutyiwa.
24
Wati kanjalo uyehova ku‐Mosesi, esiti:
25
Teta ku‐Arone nakonyana bake, usiti: Nguwo lo umteto wedini lesono: endaweni apo kuxe̔lwayo idini lokutshiswa, liya kuxe̔lwa kona idini lesono ebusweni bukayehova: liyinto eyingcwelekazi lona.
26
Umperisite olinikelayo ngenxa yesono uya kulidla; kweyingcwele indawo liya kudliwa, ebaleni lentente yentlangano.
27
Konke okuyicukumisayo inyama yalo kwoba kungcwele: naxeshekweni kufefiwe ngegazi lalo pezu kwesivato, lonto kwafefwa pezu kwayo woyihlanza endaweni eyingcwele:
28
kodwa into yodongwe lipekiwe kuyo iya kuqekezwa; ukuba kanti lipekiwe entweni yexina, iya kuhlanjululwa yona, iyalazwe ngamanzi.
29
Konke okubudoda pakati kwabaperisite kuya kulidla: liyinto eyingcwelekazi lona.
30
Kodwa onke amadini esono, ekuziswa inxenye yegazi lawo ententeni yentlangano, kuze kuxoliswe kweyingcwele indawo, wona akasayi kudliwa; aya kutshiswa ngomlilo.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27