bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 7
Leviticus 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 8 →
1
Kanjalo nguwo lo umteto wedini letyala: liyinto eyingcwelekazi lona.
2
Endaweni apo kuxe̔lwayo idini lokutshiswa, liya kuxe̔lwa kona idini letyala; negazi lalo wolisasaza pezu kwesibingelo ngento engqongayo.
3
Nakulo uya kunikela lonke inqata lalo, umsila, nenqata eligubungela umbilini,
4
nezintso zombini, nenqata elipezu kwazo, elingasezintsendweni; nendawo ezizengezelayo pezu kwesibindi, kunye nezintso, wozisusa.
5
Waye umperisite eya kutshisa amanqata lawo esibingelweni, abe ngumnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova: lidini letyala.
6
Konke okubudoda pakati kwabaperisite kuya kulidla; endaweni eyingcwele liya kudliwa: liyinto eyingcwelekazi lona.
7
Njengedini lesono, likwa njalo idini letyala; anomteto umnye: umperisite owenzayo uxoliso ngalo, loba lelake.
8
Kanjako umperisite onikelayo idini lokutshiswa lomntu, isikumba sedini lokutshiswa anikele ngalo soba sesake lowamperisite.
9
Nako konke okwomnikelo wokudla okwojiweyo eziko, nako konke okwenziweyo embizeni napezu kwokamba, kwoba kokwomperisite owunikelayo.
10
Kodwa yonke iminikelo yokudla enyeliweyo ngeoli, neyomileyo, bonke onyana baka‐Arone boba nayo, omnye njengomnye.
11
Nguwo lo nomteto wombingo woxolo, aya kunikela wona kuyehova.
12
Ukuba uyawunikela ube ngumbulelo, makanikele kunye nombingo wombulelo izonkana ezingenagwele zinyeliwe ngeoli, nezonkanyana ezingenagwele zitanjisiwe ngeoli; nomgubo ocolekileyo unyakanyisiwe, izonkana zinyeliwe ngeoli.
13
Ngapandle kwezonkana ez o, uya kunikelela umnikelo wake isonka esibilisiweyo, kunye nombingo wombulelo weminikelo yoxolo yake.
14
Nakuso uya kunikela esinye kuwo wonke umnikelo sibe ngumnikelo wokufunqufunqulwa kuyehova; soba sesalomperisite otshizayo igazi leminikelo yoxolo.
15
Nenyama yombingo wombulelo weminikelo yoxolo yake, yona iya kutyiwa kwa ngomhla wokunikelwa kwayo; akuyi kushiywa nto kude kuse.
16
Kodwa ukuba sisibambiso, umhlaumbi ngumnikelo wesisa, umbingo wokunikela kwake, uya kutyiwa wona ngomhla aya kunikela umbingo wake ngawo; kwoti nangomnye umhla kudliwe okuseleyo kuwo:
17
koko okuseleyo kwinyama yombingo ngowesitatu umhla kuya kutshiswa ngomlilo.
18
Nokuba kuka kudliwe enyameni yombingo woxolo wake ngowesitatu umhla, akayi kubukwa lowo oyinikelayo, ayiyi kumbalelwa, yoba yinto edlubukileyo; nomntu otyayo kuyo, yena uya kutwala inkohlakalo yake.
19
Kanjako inyama ecukumisayo enye into enco̔lileyo ayiyi kudliwa; iya kutshiswa ngomlilo; kanti inyama engenjalo, lonyama bonke abacocekileyo baya kutya yona.
20
Kodwa lowamntu odlayo inyama yombingo woxolo, ongo kayehova, enokunco̔la kwake pezu kwake, uya kunqanyulwa lowamntu ebantwini bake.
21
Naxeshekweni umntu acukumisayo enye into enco̔lileyo, ukunco̔la kwomntu, umhlaumbi isilo esinco̔lileyo, umhlaumbi enye intshontsho enco̔lileyo, aze atye kuyo inyama yombingo woxolo, ongo kayehova, uya kunqanyulwa lowamntu ebantwini bake.
22
Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
23
Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, usiti: Lonke inqata lenkomo, nelegusha, nelebokwe, aniyi kulidla.
24
Inqata lesidumbu, nenqata lento eqwengiweyo, lingapatwa emisebenzini yonke; kodwa anikuka nilidle nakanye.
25
Ngokuba osukuba esidla inqata lenkomo, ekunikelwe ngayo umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova, kwa lowamntu olidlayo wonqanyulwa ebantwini bake.
26
Kanjako lonke igazi aniyi kulidla kuzo zonke indawo zokuhlala zenu, elentaka nelenkomo.
27
Umntu osukuba esidla elinye igazi, uya kunqanyulwa lowamntu ebantwini bake.
28
Wateta uyehova kanjalo ku‐Mosesi, esiti:
29
Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, usiti: Lowo onikelayo ngombingo woxolo wake kuyehova, makazise umnikelo wake kuyehova uvela kuwo umbingo woxolo wake.
30
Ezake izandla ziya kuzisa iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova; inqata pezu kwesifuba wolizisa kunye nesifuba eso, ukuba sishukushukunyiswe sona sibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa ebusweni bukayehova.
31
Waye umperisite eya kutshisa elonqata pezu kwesibingelo; kodwa isifuba soba sesika‐Arone nesonyana bake.
32
Nowokunene umkono niya kunika wona kumperisite ube ngumnikelo wokufunqufunqulwa, kuyo imibingo yoxolo yenu.
33
Lowo onikelayo igazi leminikelo yoxolo, nenqata, kubo onyana baka‐Arone, woba ngowake umkono wokunene ube sisahlulelwa sake.
34
Ngokuba isifuba sokushukushukunyiswa nomkono wokufunqufunqulwa ndizicapule elusatsheni luka‐Sirayeli, kuyo imibingo yoxolo yalo, ndazinika ku‐Arone umperisite, nakonyana bake, ngommiselo ongunapakade, zivela kulo usapo luka‐Sirayeli.
35
Oku kukokwokutanjiswa kuka‐Arone, nokwokutanjiswa kwonyana bake, kuvela kuyo iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova, emhleni abebasondeza ukuza kukonza ngobuperisite kuyehova;
36
oko uyehova waxela ukuba kunikwe kubo, emhleni wokubatambisa kwake, lusapo luka‐Sirayeli, ube ngummiselwa ongunapakade ngezizukulwana zalo.
37
Nguwo lo umteto wedini lokutshiswa, n owomnikelo wokudla, nowedini lesono, nowedini letyala, noweminikelo yokuzalisa, nowombingo woxolo;
38
lowo uyehova wayalela u‐Mosesi ngawo entabeni ye‐Sinai, emhleni wayalelayo usapo luka‐Sirayeli ukuba lunikele iminikelo yalo kuyehova, entlango ye‐Sinai.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27