bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 18
Leviticus 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 19 →
1
WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
2
Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Mna ndi nguyehova, utixo wenu.
3
Njengokwenza kwelizwe le‐Jipete, enibe nimi kulo, aniyi kwenza; nanjengokwenza kwelizwe le‐Kanane, apo ndinizisa kona, aniyi kwenza; kanjako ngemimiso yabo aniyi kuhamba.
4
Izigwebo zam niya kuzenza, nemimiso yam niya kuyigcina, ukuba nihambe ngayo: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
5
Ngako niya kugcina imimiso yam, nezigwebo zam; aya kuti umntu, ukuba uyazenza, apile ngazo: mna ndi nguyehova.
6
Akuyi kusondela namnye umntu kosukuba esisalamane senyama yake, ukuza kutyila ubuzé bake: mna ndi nguyehova.
7
Ubuzé boyihlo, nobuzé bonyoko, akuyi kubutyila: ungunyoko yena; akuyi kutyila ubuzé bake.
8
Ubuzé bomfazi woyihlo akuyi kubutyila: bubuzé boyihlo bona.
9
Ubuzé bodade wako, intombi yoyihlo, umhlaumbi intombi yonyoko, nokuba uzelwe endlwini, nokuba uzelwe ngapandle, ubuzé bake akuyi kubutyila.
10
Ubuzé bentombi yonyana wako, umhlaumbi bentombi yentombi yako, ubuzé bazo akuyi kubutyila: ngokuba zibubuzé bako zona.
11
Ubuzé bentombi yomfazi woyihlo, ezelweyo nguyihlo, yona ingudade wako, ubuzé bayo akuyi kubutyila.
12
Ubuzé bodade woyihlo akuyi kubutyila: usisalamane soyihlo yena.
13
Ubuzé bodade wonyoko akuyi kubutyila: ngokuba yena esisalamane sonyoko.
14
Ubuzé bomninawe woyihlo akuyi kubutyila, akuyi kusondela emfazini wake: yena ngunyokokazi wako.
15
Ubuzé bomolokazana wako akuyi kubutyila: ngumfazi wonyana wako yena; akuyi kutyila ubuzé bake.
16
Ubuzé bomfazi womninawe wako akuyi kubutyila: bubuzé bomninawe wako bona.
17
Ubuzé bomfazi nobentombi yake akuyi kubutyila; intombi yonyana wake, umhlaumbi intombi yentombi yake, akuyi kuyizeka, ukutyila ubuzé bayo; zizalamane zake zona: bubutshinitshini oku.
18
Kanjako akuyi kuzeka umfazi pezu kwodade wake, uku m xinezela, ukutyila ubuzé bake, ngapandle kwalowo nxa asahleli.
19
Akuyi kusondela emfazini esekwahlukaneleni ukunco̔la kwake, ukutyila ubuzé bake.
20
Akuyi kulala nomfazi wommelwane wako ngokulalela inzalo, ukuba unco̔lelwe nguye.
21
Nakuyo inzalo yako akuyi kunika namnye ukuba adluliswe emlilweni pambi kwo‐Moleke; negama lotixo wako akuyi kulidyoba: mna ndi nguyehova.
22
Akuyi kulala nendoda njengokuba kulalwa nomfazi: yintshontsho oku.
23
Kanjalo akuyi kulala nasinye isilo, ukuba unco̔lelwe siso: nomfazi makangemi ebusweni besilo, kuze kulalwe pantsi kuso: yinto ebugeza le.
24
Ize ningazinco̔lisi nganye yezi zinto: ngokuba zinco̔lelwe zizo zonke ezi zinto izizwe endiza kuzigxota pambi kwenu.
25
Linco̔lile ilizwe nalo; ngako ndiyohlwayela inkohlakalo yalo pezu kwalo, nelizwe lona liyahlanza abemi balo.
26
Nina kodwa niya kugcina imimiso yam nezigwebo zam, ningenzi nanye kuzo zonke ezizinto zibuntshontsho; owelizwe lakowenu, nowasemzini opambukeleyo pakati kwenu:
27
(ngokuba zonke ezizinto zibuntshontsho bezenzile abantu belozwe, ababepambili kuni; kukona ilizwe linco̔lile:)
28
ukuze elozwe lingahlanzi nina, nakulinco̔lisa, njengokuba lihlanzile izizwe ezibe zipambili kuni.
29
Ngokuba bonke abaya kwenza enye kuzo zonke ezi zinto zibuntshontsho, kwa imipefumlo eyenza ngazo yonqanyulwa pakati kwabantu bayo.
30
Ngako niya kugcina umyalezelo wam, wokuba ningenzi nalinye kulamasiko abuntshontsho abesenziwa pambili kuni, nokuba ningazinco̔lisi ngawo: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27