bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 26
Leviticus 26
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 27 →
1
ANIYI kuzenzela amadalo, nomfanekiso oqingqiweyo; aniyi kuzipakamisela isifanekiso esimiyo kanjalo; nelitye eliba̔liweyo aniyi kulimisa elizweni lenu, ukuba nitobe pantsi pambi kwalo: ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wenu.
2
Isabata zam niya kuzigcina, nendawo yam engcwele niya kuyihlonela: ndi nguyehova mna.
3
Ukuba niyahamba ngemimiso yam, nigcine nemiyalelo yam, niyenze nokuyenza;
4
ndiya kwandula ndiyinise imvula yenu ngexesha layo; woti umhlaba unike ukuhluma kwawo, nemiti yasendle inike ukuqa̔ma kwayo;
5
liti ixesha lokubula lifikele ukuvunwa kwedreyive, nokuvunwa kwedreyive kufikele ixesha lokuhlwayela; naniya kudla ukutya kwenu kude kuhlutwe, nihlale ngokunqaba elizweni lenu.
6
Kanjalo ndonika uxolo elizweni, nize, niti tyambalala, kungeko oya kunitusa: ndandiya kupelisa amaṙamncwa elizweni; kanjalo iṙele aliyi kudlula elizweni lenu.
7
Naniya kusukela intshaba zenu, eziya kuwa pambi kwenu ngeṙele.
8
Isihlanu sakuni sosukela iwaka, nekulu lakuni losukela ishumi lamawaka; ziti intshaba zenu ziwe pambi kwenu ngeṙele.
9
Ngokuba ndiya kubeka kuni, ndinicumise, ndinandise nokunandisa; nocebano lwam ndiya kulumisa nani.
10
Naniya kutya okudala, okwomileyo; kanjalo okudala nokukupa ngenxa yokutsha.
11
Ndandiya kubeka itabanakele yam pakati kwenu; waye umpefumlo wam ungayi kunidela.
12
Ndiya kuhamba pakati kwenu, ndibe ngutixo kuni, noti nina nibe ngabantu kum.
13
Mna ndi nguyehova, utixo wenu, endinipumisileyo elizweni le‐Jipete, ukuze ningabi ngamakoboka kubo; ndandapule izibonda zeyokwe yenu, ndenza ukuba nihambe ngokupakama.
14
Kodwa ukuba aniyi kupulapula kum, nayo yonke lemiyalelo aniyi kuyenza;
15
nokuba niya kulahla imimiso yam, nokuba umpefumlo wenu uya kudela izigwebo zam, nize ningayenzi yonke imiyalelo yam, nide nilwapule ucebano lwam:
16
kanjalo nam ndiya kwenza oku kuni, okwokuba ndiya kubeka pezu kwenu isituso, nokungcungcuteka, necesine, ezonto eziya kugqibela amehlo, ziwucubukise nompefumlo; nembewu yenu nofumana niyihlwayele, ngokuba ziya kuyidla intshaba zenu.
17
Ndandiya kumisa ubuso bam ngakuni, ukuze noyiswe pambi kwentshaba zenu; baye abatiyi benu beya kunipata ngobukosi, naniya kusaba nina, nxa kungeko oniputumayo.
18
Nokuba aniyi kuti ngako oku nipulapule kum, sendiya kwongeza ukunohlwaya ngokusixe̔nxe ngenxa yezono zenu.
19
Ngokuba ndiya kwapula iṙatshi lokwomelela kwenu; ndandiya kwenza izulu lenu njengesincete, nomhlaba wenu njengobedu.
20
Kanjako kwofumana kupeliswe amandla enu; ngokuba umhlaba wenu ungayi kunika ukuhluma kwawo, nemiti yelizwe ingayi kunika ukuqa̔ma kwayo.
21
Nokuba niya kuhamba ngokucasana nam, nize ningavumi ukupulapula kum, sendiya kwongeza pezu kwenu izibeto ngokusixe̔nxe njengezono zenu.
22
Ndandiya kutuma pakati kwenu izilo zasendle, eziya kunihluta abantwana benu, zibubise nenkomo zenu, zenze nina nibe bancinane; zaye indlela zenu ziya kweneka.
23
Nokuba aniyi kuti ngezizinto nilulekwe ndim, koko niya kuhamba ngokucasana nam;
24
sendiya kuhamba kwa nam ngokucasana nani, ndinibete kanjalo ngokusixe̔nxe ngenxa yezono zenu.
25
Ndandiya kuzisa pezu kwenu iṙele, eliya kupindezela impindezelo yocebano lwam: kanjalo nakubutelwa ezixekweni zenu, ndiya kwandula nditume isifo esibubisayo pakati kwenu; naniya kunikelwa esandleni sotshaba.
26
Kwoti xeshekweni ndinapulele umsimelelo wesonka, bandule abafazi abalishumi boje isonka senu eziko linye, babuyise isonka senu ngokulinganisa: notya ke, kanti aniyi kuhluta.
27
Nokuba aniyi kuti ngako oku nipulapule kum, koko niya kuhamba ngokucasana nam;
28
sendiya kuhamba ngokucasana nani ngobuṙalaṙume, ndinohlwaye kanjalo ngokusixe̔nxe ngenxa yezono zenu.
29
Ngokuba niya kuyidla inyama yonyana benu, nenyama yentombi zenu niya kuyidla.
30
Ndandiya kuzicita indawo zenu ezipakamileyo, ndizigaule izifanekiselo zelanga zenu, nezidumbu zenu ndoziposa pezu kwezidumbu zezitixwana zenu; woti umpefumlo wam unidele.
31
Nezixeko zenu ndiya kuzenza bunxuwa, nendawo zenu ezingcwele ndozicitakalisa; kanjako andiyi kusezela ivumba elimnandi lenu.
32
Ewe, elozwe ndolicitakalisa; zide ziti nqa pezu kwalo intshaba zenu ezihlala kulo.
33
Nani nina ndoniti sa pakati kwabaheyideni, ndir̔ole nasemva kwenu iṙele: loti ilizwe lenu libe yingcitakalo, nezixeko zenu zibe bunxuwa.
34
Oko ilizwe liya kwenzelela isabata zalo, yonke imihla yokucitakala kwalo, neyokubako kwenu ezweni lentshaba zenu; kwa oko liya kupumla ilizwe, lenzelele isabata zalo.
35
Yonke imihla yokucitakala kwalo liya kupumla; ngokokuba lingapumlanga kuzo isabata zenu, nxa nibe nihleli pezu kwalo.
36
Nabaseleyo pakati kwenu ndiya kuzisa ubugwala ezintliziyweni zabo emazweni entshaba zabo; side isandi segqabi elipetshulweyo sibasabise: babeya kubaleka, njengokungati kubalekwa iṙele, bawe nokuwa, nxa kungeko oputumayo.
37
Baya kuwelana njengapambi kweṙele, nxa oputumayo angeko; kanjako aniyi kuba nako ukuma ebusweni bentshaba zenu.
38
Koko niya kububa pakati kwabaheyideni, nelizwe lentshaba zenu lonidla.
39
Boti abaseleyo pakati kwenu bangcungcuteke ngenkohlakalo yabo emazweni entshaba zenu; nakanjako ngenkohlakalo zoyise babo baya kungcungcuteka kunye nabo.
40
Ukuba baya kuxela inkohlakalo yabo, nenkohlakalo yoyise babo, ngesigqito bagqitile ngaso ngakum; nokokuba kanjalo bahambile ngokucasana nam;
41
nokuba kanjalo ndihambile ngokucasana nabo, ndabazisa elizweni lentshaba zabo: ukuba oko zitobekile intliziyo zabo ezingalukileyo, nokuba oko bayavuma ukwohlwayelwa kwenkohlakalo yabo;
42
ndiya kwandula ndikumbule ucebano lwam kunye no‐Yakobi; nalo nocebano lwam kunye no‐Yisake, nalo nocebano lwam kunye no‐Abrahame ndolukumbula; nelizwe ndolikumbula.
43
Kwa njalo ilizwe loshiyelwa ngabo, lenzelele isabata zalo, nxa licitakele ngenxa yabo, bade bavume bona ukwohlwayelwa kwenkohlakalo yabo; ngokuba, ewe ngokokuba belahlile izigwebo zam, nokuba umpefumlo wabo udelile imimiso yam.
44
Kodwa noko kunjalo, bakuba besemazweni entshaba zabo, andiyi kubalahla, andiyi kubadela kanjalo, ukuba ndibagqibele, no kuba ndilwapule ucebano lwam kunye nabo: ngokuba ndi nguyehova mna, utixo wabo.
45
Kodwa ndobakumbulela ucebano lwomakulu babo, endapumisa bona elizweni le‐Jipete emehlweni abaheyideni, ukuze ndibe ngutixo wabo: mna ndi nguyehova.
46
Yiyo le imimiso, nemigwebo, nemiteto, abeyenza uyehova pakati kwake nosapo luka‐Sirayeli, entabeni ye‐Sinai, ngesandla sika‐Mosesi.
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 27 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27