bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 16
Leviticus 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 17 →
1
WAYE uyehova wateta ku‐Mosesi emveni kwokububa kwonyana baka‐Arone ababini, bakusondela ebusweni bukayehova, babuba ke;
2
waza wati uyehova ku‐Mosesi: Teta kumkuluwe wako u‐Arone, ukuba makangangeni ngamaxesha onke kweyingcwele indawo, pakati kwekuselo, ngapambi kwesihlalo sofefe, esipezu kwayo ityeya, ukuze angafi; ngokuba ndiya kubonakala ngelifu esihlalweni sofefe.
3
Kwoba ngokunje u‐Arone aya kungena kweyingcwele indawo: enenkunzana elitole lenkomo ibe lidini lesono, nenkunzi yegusha ibe lidini lokutshiswa.
4
Uya kwambata eyingcwele ihempe yeqiya, nebrukwe yeqiya yoba pezu kwenyama yake, noqwemesha weqiya wobinqa ngalo, nonkontsho lweqiya woyisonga entloko: zizivato ezingcwele ezi; kukona aya kuhlamba ngamanzi inyama yake, akuzambata.
5
Nakuyo intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli uya kwamkela amaxwana ebokwe emabini, abe lidini lesono, nenkunzi yegusha inye, ibe lidini lokutshiswa.
6
Waye u‐Arone eya kunikela inkunzana yedini lesono, leyo iyeyake, alwenze uxoliso ngenxa yake nangenxa yendlu yake.
7
Andule atabate ibokwe zombini, azimise pambi kwoyehova, elucangweni lwentente yentlangano.
8
Waye u‐Arone eya kwenza pezu kwebokwe zombini amaqashiso; elinye iqashiso libe le likayehova, nelinye iqashiso libe lelebokwe yokumka.
9
Nebokwe ekuya kuwa pezu kwayo iqashiso lokuba ibe ye kayehova, makayisondeze u‐Arone, enze ngayo idini lesono.
10
Kodwa ibokwe, ekuya kuwa pezu kwayo iqashiso lokuba ibe yibokwe yokumka, iya kumiswa yona ipilile ebusweni bukayehova, ize yenzelwe uxoliso; ukuba indululwe ibe yibokwe yokumka ukuya entlango.
11
Waye u‐Arone eya kusondeza inkunzana yedini lesono, leyo iyeyake, alwenze uxoliso ngenxa yake nangenxa yendlu yake; aze ayixe̔le inkunzana yedini lesono, leyo iyeyake.
12
Andule atabate isiqumelo sizele ngamalahle omlilo evela esibingelweni, pambi kwoyehova, nesiqumiso esimnandi, sicolekisiwe ngokunqushwa, ngento ezalisa izandla zake, angenise ezonto pakati kwekuselo.
13
Nesiqumiso eso uya kusibeka pezu kwomlilo, pambi kwoyehova; ukuba ilifu lesiqumiso lisibekele isihlalo sofefe esipezu kwaso isinqi̔no, aze angafi.
14
Waeya kucapula egazini lenkunzana, alisasaze ngomnwe wake pezu kwesihlalo sofefe ngasempumalanga; nangapambi kwesihlalo sofefe uya kusasaza amaxesha abe sixe̔nxe kwelogazi ngomnwe wake.
15
Uya kwandula axe̔le ibokwe yedini lesono, leyo iyeyabantu, angenise igazi layo pakati kwekuselo; aze enze ngegazi elo, njengokuba enzile ngalo igazi lenkunzana, alisasaze pezu kwesihlalo sofefe, nangapambi kwesihlalo sofefe.
16
Kanjako uya kwenzela eyingcwele indawo uxoliso, ngenxa yokunco̔la kwosapo luka‐Sirayeli, nangenxa yezigqito zalo ngazo zonke izono zalo; uya kwenje njalo nakuyo intente yentlangano, ehleliyo kulo pakati kwokunco̔la kwalo.
17
Akuyi kubako namnye umntu ententeni yentlangano, akungena ukuza kulwenza uxoliso kweyingcwele indawo, ade apume: wolwenje njalo uxoliso ngenxa yake, nangenxa yendlu yake, nangenxa yawo wonke umhlambi wo‐Sirayeli.
18
Waeya kupuma aye esibingelweni, esipambi kwoyehova, asenzele uxoliso; ati kanjalo acapule egazini lenkunzana, nasegazini lebokwe, alibeke pezu kwempondo zesibingelo ngento engqongayo.
19
Andule asasaze pezu kwaso kwelogazi ngomnwe wake amaxesha abe sixe̔nxe, asicokise, asingcwalise ekunco̔leni kwosapo luka‐Sirayeli.
20
Woti akugqiba ukuxolisela eyingcwele indawo, nentente yentlangano, nesibingelo, ayisondeze ibokwe epilileyo.
21
Waye u‐Arone eya kulalisa izandla zake zozibini pezu kwentloko yebokwe epilileyo, axele pezu kwayo zonke inkohlakalo zosapo luka‐Sirayeli, nazo zonke izigqito zalo ngazo zonke izono zalo, azibeke pezu kwentloko yebokwe, ayindulule yona ngesandla yendoda efanelekileyo ukuya entlango.
22
Yoti ibokwe leyo itwale pezu kwayo zonke inkohlakalo zalo, iye nazo elizweni elilubala: yaiya kuyindulula ibokwe leyo apo entlango.
23
Waeya kuza u‐Arone angene ententeni yentlangano, ahlube izivato zeqiya, ezo abezambete ekungeneni kwake kweyingcwele indawo, azishiye kwa kona.
24
Andule ahlambe inyama yake ngamanzi endaweni engcwele, azambate izivato zake, abuye apume, anikele elake idini lokutshiswa, nelabantu idini lokutshiswa, enze uxoliso ngenxa yake, nangenxa yabantu.
25
Nenqata ledini lesono uya kutshisa lona pezu kwesibingelo.
26
Kanjalo lowo obeyindulula ibokwe ibe yibokwe yokumka, uya kuhlanza izivato zake, ahlambe inyama yake ngamanzi, ati emveni kwokunjalo abuye eze emnqubeni.
27
Nenkunzana yedini lesono, nebokwe yedini lesono, elalite igazi lazo langeniswa kuze kwenziwe uxoliso kweyingcwele indawo, ziya kukutshelwa ngapandle kwomnquba; nezikumba zazo, nenyama yazo, nomswane wazo, ezonto bozitshisa ngomlilo.
28
Nosukuba ezitshisa yena uya kuhlanza izivato zake, ahlambe inyama yake ngamanzi, ati emveni kwokunjalo abuye eze emnqubeni.
29
Kwoba ngummiselwa ongunapakade kuni oku: ngenyanga yesixe̔nxe, ngoweshumi umhla wenyanga, niya kubandezela imipefumlo yenu, ningawenzi namnye umsebenzi, nokuba ngozelweyo elizweni, nokuba ngowasemzini opambukele pakati kwenu.
30
Ngokuba ngomhla lowo umperisite eya kunenzela uxoliso, ukuba nicokiswe, nize nibe nicokisekile kuzo zonke izono zenu ebusweni bukayehova.
31
Wona woba yisabata yopumlo kuni, ukuba nibandezele imipefumlo yenu: ngummiselwa ongunapakade.
32
Waye umperisite, lowo aya kumtambisa, kwa lowo aya kuzalisa izandla zake ukukonza ngobuperisite esikundleni soyise, eya kulwenza uxoliso: uya kuzambata izivato zeqiya, izivato ezingcwele,
33
axolisele indawo engcwele eyingcwele; waeya kuxolisela nentente yentlangano, nesibingelo; woxolisela nabaperisite, nabo bonke abantu bomhlambi, kanjalo.
34
Oku kwoba ngummiselwa ongunapakade kuni, ukuba kwenzelwe usapo luka‐Sirayeli uxoliso, ngenxa yazo zonke izono zalo, kube kanye emnyakeni mnye. Waza wenza njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27