bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 20
Leviticus 20
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 21 →
1
Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
2
Woti kanjalo elusatsheni luka‐Sirayeli: Umntu wakwabalusapo luka‐Sirayeli, nowakwabasemzini abapambukeleyo kwa‐Sirayeli, osukuba enika kwinzalo yake ku‐Moleke, uya kufiswa ngenyaniso; abantu belizwe baya kumgibisela ngamatye.
3
Nam ndiya kubeka ubuso bam ngakuye lowamntu, ndimnqamle pakati kwabantu bake; ngokuba enikile kwinzalo yake ku‐Moleke, ukuze anco̔lise indawo yam eyingcwele, negama lam elingcwele alidyobe.
4
Kanjalo ukuba abantu belizwe baka bamfihlele lowamntu amehlo abo, akunika kwinzalo yake ku‐Moleke, baze bangamfisi;
5
sendiya kubeka ubuso bam ngakuye lowamntu, nangakuso isizalwane sake, ndize ndimnqamle yena, nabo bonke abaṙexezela emva kwake, ukuya kuṙexezela emva kwo‐Moleke, pakati kwabantu babo.
6
Nompefumlo ojikelayo kwabenzelana nemishologu, nakumatola, ukuya kuṙexezela emva kwabo, sendiya kubeka ubuso bam ngakuwo umpefumlo lowo, ndiwunqamle pakati kwabantu bawo.
7
Zingcwaliseni ngoko, nibe ngabangcwele: ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wenu.
8
Ize nigcine imimiso yam, niyenze: mna ndi nguyehova oningcwalisayo.
9
Nxa kuko umntu otukileyo uyise, umhlaumbi unina, uya kufiswa ngenyaniso: utukile uyise, umhlaumbi unina; igazi lake loba pezu kwake.
10
Nendoda eṙexezayo nomfazi w omnye umntu, eṙexezayo nomfazi wommelwane wayo, umṙexezi nomṙexezikazi baya kufiswa ngenyaniso.
11
Kanjalo indoda eleleyo nomfazi woyise, ubuzé boyise ibutyilile: baya kufiswa ngenyaniso bobabini; igazi labo loba pezu kwabo.
12
Naxeshekweni indoda iya kulala nomolokazana wayo, baya kufiswa ngenyaniso bobabini: benze into ebugeza; igazi labo loba pezu kwabo.
13
Naxeshekweni indoda iya kulala n enye indoda, njengokuba kulalwa nomfazi, wona ayenzile intshontsho omabini: aya kufiswa ngenyaniso; igazi lawo loba pezu kwawo.
14
Naxeshekweni indoda iya kuzeka umfazi nonina wake, bubutshinitshini oku: baya kutshiswa ngomlilo, kwa yona nabo bona; kuze kungabiko ubutshinitshini pakati kwenu.
15
Naxeshekweni indoda iya kulala nesilo, iya kufiswa ngenyaniso: nesilo niya kusibulala.
16
Kanjalo umfazi nxa aya kusondela kwesinye isilo ukuza kulala pantsi kuso, uya kubulala umfazi lowo nesilo eso: baya kufiswa ngenyaniso: igazi labo loba pezu kwabo.
17
Naxeshekweni indoda iya kuzeka udade wayo, intombi kayise, umhlaumbi intombi kanina, ibone ubuzé bake, ati yena abone ubuzé bayo, kulihlazo oko; ngako bonqanyulwa emehlweni osapo lwabantu babo: ibutyilile ubuzé bodade wayo; iya kutwala inkohlakalo yayo.
18
Naxeshekweni indoda iya kulala nomfazi onesifo sake, ibutyile ubuzé bake; itombo lake ilenze zé, naye ulityilile itombo legazi lake: ngako bonqanyulwa bobabini pakati kwabantu babo.
19
Kanjako ubuzé bodade kanyoko, nobodade kayihlo, akuyi kubutyila: ngokuba owenje njalo ehlubulule isalamane sake: baya kutwala inkohlakalo yabo.
20
Naxeshekweni indoda iya kulala noninakazi wayo, ubuzé boyisekazi wayo ibutyilile: baya kutwala isono sabo; baya kufa bengenabantwana.
21
Naxeshekweni indoda iya kuzeka umfazi womninawe wayo, kuyinto enco̔lileyo oko: ubuzé bomninawe wayo ibutyilile; boba bengenabantwana.
22
Gcinani ngoko yonke imimiso yam, nazo zonke izigwebo zam, nizenze; lize linganihlanzi elozwe, apo ndinizisa kona ukuba nihlale kulo.
23
Ize ningahambi ngamasiko esizwe, endisikupayo pambi kwenu: ngokuba zonke ezi zinto bezenzile bona; kungoko endibatiyileyo.
24
Nina kodwa ndite kuni: Niya kulidla ilifa lelizwe labo; ndolinika kuni kwa mna, ukuba nilidle ilifa lalo, ilizwe elela ubisi nobusi: mna ndi nguyehova, utixo wenu, onahlulileyo kw abanye abantu.
25
Kukona niya kukwenza ukwahluka pakati kwezilo ezicocekileyo nezinco̔lileyo, napakati kwentaka ezinco̔lileyo nezicocekileyo; aniyi kudlubukisa imipefumlo yenu ngesilo, nangentaka, nanganye into enambuzelayo pezu kwomhlaba, endinahlulele zona ukuba nizibale ngokuba zinco̔lile.
26
Noba ngabangcwele kum, ngokuba ndingcwele mna Yehoya; kungoko endinahlulile kw abanye abantu, ukuze nibe ngabam.
27
Kanjako indoda, umhlaumbi umfazi, ekukubo ubushologu, umhlaumbi ubutola, baya kufiswa ngenyaniso: baya kugityiselwa ngamatye; igazi labo loba pezu kwabo.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27