bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 25
Leviticus 25
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 26 →
1
WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi ngasentabeni ye‐Sinai, esiti:
2
Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni nise nifikile kulomhlaba endinipa wona, uya kupumla umhlaba lowo isabata kuyehova.
3
Yiminyaka mitandatu uya kuhlwayela intsimi yako, neminyaka mitandatu uya kunqumla isitiya sako semiti yeveyine, nemveliso yaso uyibute.
4
Kodwa ngomnyaka wesixe̔nxe yobako isabata yopumlo emhlabeni, isabata kuyehova: intsimi yako akuyi kuyihlwayela, nesitiya sako semiti yeveyine akuyi kusinqumla.
5
Oko kuhlumileyo ngokwako kwokuvuna kwako akuyi kukuvuna, nedreyive zomti wako weveyine onganqunyulwanga akuyi kuzika: woba ngumnyaka wopumlo emhlabeni.
6
Isabata yomhlaba yoba kukutya kuni; kwa kuwe, nakwisicaka sako, nakwisicakakazi sako, nakumqeshwa wako, nakwiṙanuka lako lakwabapambukele kuwe,
7
nakwinkomo zako, nakwizilo eziselizweni lako, yonke imveliso yayo yoba kukutya.
8
Kanjako uya kubala kuwe isabata zeminyaka zibe sixe̔nxe, kwa izixe̔nxe zeminyaka ezisixe̔nxe; ize imihla yesabata zeminyaka zosixe̔nxe ibe yiminyaka ingamashumi mane anesitoba kuwe.
9
Uya kwandula uhlokomise ixilongo lokuvusa ngenyanga yesixe̔nxe, ngoweshumi umhla wenyanga; ngomhla wokuxolisa niya kuhlokomisa ixilongo kulo lonke ilizwe lenu.
10
Naniya kuwenza ngcwele lomnyaka wamashumi mahlanu, nishumayele inkululeko elizweni kubo bonke abemi balo: woba ngumnyaka womgcobo kuni wona; naniya kubuya nonke ngabanye niye emafeni enu, niti kanjalo nibuye nonke ngabanye niye kwizizalwane zenu.
11
Woba ngumnyaka womgcobo kuni lomnyaka wamashumi mahlanu: aniyi kuhlwayela, aniyi kuvuna nokuvuna oko kuhlumileyo ngokwako kuwo, n edreyive zawo zomti weveyine onganqunyulwanga aniyi kuzika.
12
Ngokuba ngumnyaka womgcobo wona; woba ngcwele kuni: niya kuyidla imveliso yawo emasimini.
13
Ngalomnyaka womgcobo niya kubuya nonke ngabanye niye emafeni enu.
14
Ngako xeshekweni nitengisa ummelwane wako into yokutengwa, umhlaumbi nitenge into esandleni sommelwane wako, aniyi kubandezelana:
15
ngenani leminyaka emveni kwowomgcobo uya kutenga kummelwane wako, na ngenani leminyaka yokuvelisa uya kutengisa kuwe:
16
njengobuninzi beminyaka uya kwandisa ixabiso layo, nanjengobuncinane beminyaka uya kuncipisa ixabiso layo; ngokuba kungenani leminyaka yokuvelisa atengisayo kuwe.
17
Ize ningabandezelani; kodwa moyike utixo wako: ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wenu.
18
Ngako niya kuyenza imimiso yam, nezigwebo zam niya kuzigcina, nizenze; naniya kuhlala elizweni ngokunqaba.
19
Kanjalo umhlaba wonika ukuqa̔ma kwawo, naniya kutya kude kuhlutwe, nihlale nokuhlala ngokunqaba kuwo.
20
Naxeshekweni niya kuti: Sotya nto nina ngomnyaka wesixe̔nxe? bona ke, asiyi kuhlwayela, asiyi kubuta inzuzo yetu kanjako;
21
ndiya kwandula ndiyalele itamsanqa lam libe pezu kwenu ngomnyaka wesitandatu, oya kuvelisa inzuzo eyan ele iminyaka mitatu.
22
Noti umnyaka wesibozo nihlwayele, nitye nokutya kwendala inzuzo ude ube ngumnyaka wetoba; kude kufike imveliso yawo niya kutya endala.
23
Umhlaba awuyi kutengiselwa ixesha elingunapakade, umhlaba ungowam nje: ngokuba nina ningabasemzini namaṙanuka ngakum.
24
Ngako kuwo wonke umhlaba wokufuya kwenu, niya kuvumela umhlaba inkululwa.
25
Nxa umzalwana wako aya kuhlwempuza, aze atengise ngento yomhlaba wemfuyo yake, sekuya kuza umkululi, osisalamane kuye, akulule okutengisiweyo ngumzalwana wake.
26
Naxeshekweni umntu angenaye umkululi, kanti yena unamandla ngokwake ukufumana okwaneleyo inkululwa yako;
27
makayibale iminyaka yokutengiswa kwako, ati okupezulu akubuyisele kulomntu waetengisile ngako kuye; aze abuyele emfuyweni yake.
28
Kodwa ukuba isandla sake asinakufumana okwaneleyo ukuba akubuyisele kuye, kwohlala okutengisiweyo nguye esandleni salowo okutengileyo, kude kube ngumnyaka womgcobo; koko ngo mnyaka womgcobo kuya kupuma, ati yena abuyele emfuyweni yake.
29
Naxeshekweni umntu atengisa ngendlu yokuhlala esixekweni esibiyelwe ludonga, angaba nokuyikulula ude ugqitywe umnyaka wokutengiswa kwayo: pakati kwomnyaka upela angaba nokuyikulula.
30
Kodwa ukuba ayikululwa pakati kwokuzaliswa kwomnyaka ofezekileyo, leyondlu esesixekweni esibiyelwe ludonga yoqiniswa kude kube ngunapakade kulowo oyitengileyo ngezizukulwana zake: ayiyi kupuma ngo mnyaka womgcobo.
31
Kanti izindlu zemizi ekungeko kuyo udonga olungqongayo, zobalwa ngokuba zizindle zelizwe: zoba nokukululwa; ziya kupuma ngo mnyaka womgcobo.
32
Kodwa izixeko zaba‐Levi, n ezindlu zezixeko zemfuyo yabo, aba‐Levi boba nokuzikulula ngamaxesha onke.
33
Naxeshekweni kukululwe ngowaba‐Levi, kuya kupuma indlu ebitengisiwe, nesixeko semfuyo yake, ngo mnyaka womgcobo: ngokuba izindlu zezixeko zaba‐Levi ziyimfuyo yabo pakati kwalo usapo luka‐Sirayeli.
34
Kodwa izindle zenqele zezixeko zabo azitengeki; ngokuba ziyimfuyo engunapakade kubo.
35
Kanjako nxa umzalwana wako aya kuhlwempuza, abohle ngamandla ake ngakuwe, yena uya kumxasa, nokuba ungowasemzini, nokuba uliṙanuka, ukuze abe nokupila ngakuwe.
36
Akuyi kutabata kuye inzuzo enkulu, nokwanda okuninzi; koko uya kwoyika utixo wako, ukuze abe nokupila ngakuwe umzalwana wako.
37
Imali yako akuyi kuyinika kuye ngenxa yenzuzo enkulu, nokutya kwako akuyi kumboleka kona ngenxa yokwanda okuninzi.
38
Mna ndi nguyehova, utixo wenu, onipumisileyo ezweni le‐Jipete, ukuba ndininike ilizwe le‐Kanane, ndize ndibe ngutixo kuni.
39
Kananjalo nxa umzalwana wako ongakuwe aya kuhlwempuza, andule azitengise kuwe, akuyi kumkonzisa ngenkonzo yekoboka:
40
njengomqeshwa, njengoliṙanuka wobako kuwe: kude kube ngumnyaka womgcobo uya kukonza kuwe;
41
andule apume kuwe, yena nosapo lwake kunye naye, abuyele kwisizalwane sakowabo; wobuyela kwa kuyo imfuyo yoyise bake.
42
Ngokuba bezizicaka zam, endibapumisileyo elizweni le‐Jipete; abayi kutengelwa ngokutengiswa kwekoboka.
43
Akuyi kupata ubukosi pezu kwake ngobulukuni; koko uya kwoyika utixo wako.
44
Ikoboka lako nekobokakazi lako, lawo uya kuba nawo, wona oba ngawentlanga eziningqongayo; kwa kuzo niya kutenga ikoboka nekobokakazi.
45
Nakanjako usapo lwamaṙanuka apambukeleyo kuni, kwa kulo niya kuwatenga, nakuzo izizalwane zalo ezipakati kwenu, ezo luzizeleyo elizweni lenu: wona oba yimfuyo kuni.
46
Naniya kuwashiya abe lilifa kubantwana benu emva kwenu, ukuba bawabambe abe yimfuyo; wona niya kuwakonzisa kude kube ngunapakade; kodwa pezu kwabazalwana benu usapo luka‐Sirayeli, aniyi kupata ubukosi omnye pezu kwomnye ngobulukuni.
47
Naxeshekweni aya kutyeba owasemzini umhlaumbi oliṙanuka ngakuwe, ati umzalwana wako ngakuye ahlwempuze, ade azitengise kowasemzini umhlaumbi k oliṙanuka ngakuwe, umhlaumbi kowesipunzi sesizalwane sowasemzini:
48
angati emveni kwokutengiswa kwake enzelwe inkululwa; omnye kwabazalwana bake angamkulula.
49
Umhlaumbi uyisekazi wake, umhlaumbi unyana woyisekazi wake, uya kumkulula; umhlaumbi osisalamane senyama yake kwisizalwane sake uya kumkulula; umhlaumbi ukuba kuyenzeka kuye, angazikulula yena.
50
Waeya kubalelana nalowo owamtengayo, kutabata emnyakeni wokutengiswa kwake kuye, kude kube ngumnyaka womgcobo: yoti imali yokutengiswa kwake ibe ngenani leminyaka; njengemihla yomqeshwa kwoba njalo kuye.
51
Ukuba isemininzi ke iminyaka, kwa ngokwaleyo uya kubuyisa ixabiso lenkululwa yake, kulomali watengwa ngayo.
52
Kanti ukuba kusala iminyaka emincinane kude kube ngumnyaka womgcobo, uya kubalelana naye; na ngokweminyaka yake wobuyisa ixabiso lenkululwa yake.
53
Njengomqeshwa womnyaka ngomnyaka wobako kuye; akayi kupata ubukosi pezu kwake ngobulukuni emehlweni ako.
54
Woti ukuba akakululwa pakati kwale minyaka, andule apume ngomnyaka womgcobo, yena nosapo lwake kunye naye.
55
Ngokuba usapo luka‐Sirayeli luzizicaka kum; luzizicaka zam lona, endilupumisileyo elizweni le‐Jipete: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27