bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 22
Leviticus 22
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 23 →
1
Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
2
Teta ku‐Arone nakonyana bake, ukuba bazile izinto ezingcwele zosapo luka‐Sirayeli, nokuba bangadyobi igama lam elingcwele ngoko lundingcwalisele kona: mna ndi nguyehova.
3
Yiti kubo: Umntu wakuyo yonke inzalo yenu, pakati kwezizukulwana zenu, osukuba eya kusondela kwezingcwele izinto, ezo usapo luka‐Sirayeli luzingcwalisile kuyehova, nxa ukunco̔la kwake kupezu kwake, umpefumlo lowo wonqanyulwa kwa sebusweni bam: mna ndi nguyehova.
4
Owakuyo inzalo ka‐Arone osukuba elileperi, umhlaumbi engonegqita, yena akayi kuzidla izinto ezingcwele, ade abe ecokisekile. Kanjako ocukumisayo enye into enco̔lileyo ngomzimba ofileyo, umhlaumbi indoda ekupuma kuyo imbewu yokulala;
5
umhlaumbi osukuba ecukumisa esinye isinambuzane anganco̔liswayo siso, umhlaumbi umntu anganco̔liswayo nguye, noko ukunco̔la kwake kukokunjanina;
6
umntu ocukumisayo okunjalo, woba enco̔lile kude kuhlwe; akayi kudla kwezingcwele izinto, kupela nxa ahlambile inyama yake ngamanzi.
7
Woti lakutshona ilanga abe ecokisekile, ati kamva adle kwezingcwele izinto; ngokuba kukutya kwake oko.
8
Into esisidumbu, umhlaumbi eqwengiweyo, akayi kuyidla, ukuba azinco̔lise ngayo: mna ndi nguyehova.
9
Ngako baya kugcina umyalezelo wam, ukuba bangatwali isono ngenxa yawo, bafe nokufa ngawo, nxa bawudyobayo: mna ndi nguyehova obangcwalisayo.
10
Kanjalo akuyi kudla okuyingcwele namnye owasemzini; oliṙanuka lomperisite, noqeshiweyo, akayi kudla okuyingcwele.
11
Kodwa nxa umperisite aya kutenga umntu ngemali yake, lo uya kudla kuko, kwa nozelweyo endlwini yake: bona baya kudla ekutyeni kwake.
12
Nentombi yomperisite, nxa ingumfazi wendoda engowasemzini, yona ayiyi kudla kumnikelo wezinto ezingcwele.
13
Koko ukuba intombi yomperisite ingumhlolokazi, umhlaumbi ngolahliweyo, ekungeko kuyo inzalo, nebuyeleyo endlwini kayise njengasebutsheni bayo, iya kudla kuko ukutya kwoyise wayo: kodwa akuyi kudla kuko namnye owasemzini.
14
Kanjako ukuba umntu uya kudla into eyingcwele ngesiposo, uya kubeka esesihlanu isiqingata senani lako pezu kwako, andule asinike kumperisite kunye nalonto eyingcwele.
15
Abayi kuzidyoba izinto ezingcwele zosapo lu ka‐Sirayeli, ezo luzinikele kuyehova;
16
baze balutwese inkohlakalo yetyala, lwakuzidla izinto zalo ezingcwele: ngokuba mna ndi nguyehova olungcwalisayo.
17
Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
18
Teta ku‐Arone, nakonyana bake, nakulo lonke usapo luka‐Sirayeli, uti kubo: Umntu osukuba engowendlu ka‐Sirayeli, nowabasemzini abakwa‐Sirayeli, oya kunikela umnikelo wake, ngenxa yazo zonke izibambiso zabo, nangenxa yayo yonke iminikelo yabo yesisa, abaya kunikela ngayo kuyehova, libe lidini lokutshiswa;
19
makunikelwe ngentando yenu inkunzi emsulwa pakati kwenkomo, pakati kwegusha, umhlaumbi pakati kwebokwe.
20
Zonke ekukuzo isonakalo, aniyi kunikela ngazo; ngokuba zingayi kuba nakunibukelwa.
21
Nosukuba eya kunikela umbingo woxolo kuyehova, ukufeza isibambiso, umhlaumbi ukunika umnikelo wesisa, ngezinkulu umhlaumbi ngezincinane inkomo, wona woba msulwa ukuba ukoleleke; akuyi kubako nasinye isonakalo kuwo.
22
Into eyimfama, umhlaumbi eyapukileyo, umhlaumbi esisilima, umhlaumbi enesihlava, umhlaumbi enokubabeka, umhlaumbi enokwekwe, aniyi kunikela ngezinjalo kuyehova; nomnikelo owenziwa ngomlilo aniyi kuwenza ngazo pezu kwesibingelo kuyehova.
23
Kanti inkomo, umhlaumbi igusha, enendawo ekulelweyo umhlaumbi efinyeleyo, leyo ungawenza ngayo umnikelo wesisa; kodwa ukuba ibe sisibambiso ayiyi kukoleleka.
24
Aniyi kunikela kuyehova encinezelweyo, netyunyuziweyo, neṙuzulweyo, nesikelweyo; aniyi kwenje njalo elizweni lenu.
25
Kanjako aniyi kunikela ukutya kwotixo wenu ngenye yezi ezivela esandleni sowelinye ilizwe; ngokuba ukudlubuka kwazo kukuzo; isonakalo sikuzo; aziyi kunibukelwa.
26
Wateta uyehova kanjako ku‐Mosesi, esiti:
27
Inkomo, umhlaumbi igusha, umhlaumbi ibokwe, xeshekweni izelweyo, yoba yimihla isixe̔nxe ngapantsi kwonina; yoti ngomhla wesibozo nangexesha eliza kuza, ikoleleke ukuba ibe ngumnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova.
28
Nokuba yinkomo, nokuba yigusha, aniyi kuxe̔la yona netole layo ngomhla mnye.
29
Naxeshekweni niya kubinga umbingo wombulelo kuyehova, niya kubinga ngokwentando yenu.
30
Kwa ngomhla lowo uya kudliwa; aniyi kusalisa nto kuwo kude kuse: mna ndi nguyehova.
31
Ngako niya kugcina imiyalelo yam, niyenze: mna ndi nguyehova.
32
Negama lam elingcwele aniyi kulidyoba, koko ndiya kungcwaliswa pakati kwosapo luka‐Sirayeli: mna ndi nguyehova, oningcwalisayo;
33
lowo onipumisileyo elizweni le‐Jipete, ndize ndibe ngutixo wenu: mna ndi nguyehova.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27