bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 17
Leviticus 17
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 18 →
1
WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
2
Teta ku‐Arone, nakonyana bake, nakubo bonke abalusapo luka‐Sirayeli, uti kubo: Leli ilizwi aliyaleleyo uyehova, lokuti:
3
Umntu osukuba engowendlu ka‐Sirayeli, oya kuxe̔la inkabi, umhlaumbi imvana, umhlaumbi ibokwe, emnqubeni; umhlaumbi oya kuyixe̔la ngapandle kwomnquba;
4
kanti akayizisi elucangweni lwentente yentlangano, ukuba kunikelwe umnikelo kuyehova pambi kwayo itabanakele kayehova; igazi liya kubalelwa lowamntu; igazi ulipalazile; kanjalo uya kunqanyulwa lowamntu ebantwini bake;
5
ukuze usapo luka‐Sirayeli luze nayo imibingo yalo, oluyibingayo ngasendle, luyizise kuyehova, elucangweni lwentente yentlangano, kumperisite, luyibinge ibe yimibingo yoxolo kuyehova.
6
Waye umperisite eya kusasaza igazi pezu kwesibingelo sikayehova, elucangweni lwentente yentlangano; nenqata wolitshisa libe livumba elimnandi kuyehova.
7
Alusayi kubuya lubingele idemoni imibingo yalo, ezo luṙexezele emva kwazo. Oku kwoba ngummiselwa ongunapakade kulo ngezizukulwana zalo.
8
Wauya kuti kulo: Umntu osukuba engowendlu ka‐Sirayeli, nosukuba engowasemzini opambukeleyo pakati kwenu, oya kunikela ngedini lokutshiswa, umhlaumbi ngombingo;
9
kanti akalizisi elucangweni lwentente yentlangano, ukuba lenzelwe uyehova; lowamntu wonqanyulwa ebantwini bake.
10
Nomntu osukuba engowendlu ka‐Sirayeli, nosukuba engowasemzini opambukeleyo pakati kwenu, oya kulidla elinye igazi; sendiya kubeka ubuso bam ngakuye lowamntu odlayo igazi, ndimnqamle ebantwini bake.
11
Ngokuba ubomi benyama busegazini; kukona ndininikile lona pezu kwesibingelo, kuze kwenzelwe imipefumlo yenu uxoliso: ngokuba lilo igazi eliwenzela umpefumlo uxoliso.
12
Ngako oko ndite elusatsheni luka‐Sirayeli: Makungabiko namnye umntu wakuni oya kulidla igazi; kanjako owasemzini opambukeleyo pakati kwenu akayi kulidla igazi.
13
Nomntu osukuba engowosapo luka‐Sirayeli, nosukuba engowasemzini opambukeleyo pakati kwenu, oya kubamba inyamakazi ekuzingeleni, umhlaumbi intaka edlekayo; lowo uya kupalaza igazi layo, aliselele ngotuli.
14
Ngokuba libubomi benyama yonke; igazi layo lingenxa yobomi bayo; ndati ngoko elusatsheni luka‐Sirayeli: Igazi lenyama yonke aniyi kulidla; ngokuba ubomi benyama yonke ligazi layo; osukuba elidla, wonqanyulwa.
15
Nalomntu osukuba esidla into esisidumbu, umhlaumbi eqwengiweyo, nokuba ungozelweyo elizweni, nokuba ungowasemzini, yena uya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe; andule abe ecokisekile.
16
Kodwa ukuba akazihlanzi, nokuba akahlambi inyama yake, uya kutwala inkohlakalo yake.
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27