bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 23
Leviticus 23
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 24 →
1
WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
2
Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Imitendeleko kayehova, eniya kuyishumayela ukuba zintlanganisano ezingcwele, yiyo le imitendeleko yam.
3
Yimihla mitandatu ekuya kwenziwa umsebenzi; kodwa ngomhla wesixe̔nxe yisabata yopumlo, intlanganisano engcwele; aniyi kuwenza namnye umsebenzi ngawo: yisabata kayehova kuwo onke amakaya enu.
4
Yiyo le imitendeleko kayehova, intlanganisano ezingcwele, eniya kuyishumayela ngamaxeska ayo amisiweyo.
5
Ngenyanga yokuqala, ngoweshumi linesine umhla, pakati kwokuhlwa, yipasika kayehova.
6
Nangomhla weshumi linesihlanu walenyanga, ngumtendeleko wezonka ezingenagwele kuyehova: yimihla esixe̔nxe eniya kutya izonka ezingenagwele.
7
Ngowokuqala umhla noba nentlanganisano engcwele: aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo ngawo.
8
Koko niya kunikela umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova imihla ibe sixe̔nxe: ngomhla wesixe̔nxe yintlanganisano engcwele; aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo ngawo.
9
Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
10
Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni nise nifikile kwelozwe endinipa lona, naza navuna ukuvunwa kwalo, niya kwandula nizise isitungu sesiqalo sokuvuna kwenu kumperisite;
11
oya kushukushukumisa isitungu eso pambi kwoyehova, ngenxa yokubukwa kwenu: ngomhla wokusa emveni kwayo isabata umperisite wosishukushukumisa.
12
Naniya kunikela ngomhla wokushukushukumisa kwenu isitungu eso imvana emsulwa, eyomnyaka mnye, ibe lidini lokutshiswa kuyehova;
13
kwa nomnikelo wokudla wayo, isibini sezeshumi iziqingata zeyefa yomgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova, libe livumba elimnandi; nomnikelo wokusela wayo weveyine, isiqingata sesine sehine.
14
Isonka, namaqashu, nezikwebu eziluhlaza, aniyi kuzidla, kude kube ngokwa nguwo umhla eniya kuzisa ngawo umnikelo wotixo wenu: woba ngummiselwa ongunapakade ngezizukulwana zenu, kuwo onke amakaya enu.
15
Kanjalo niya kubala kuni nitabata komnye umhla emveni kwesabata, kwa semhleni wokuzisa kwenu isitungu sokushukushukunyiswa; zoba zisabata ezizalisekileyo zisixe̔nxe:
16
kwa kude kube ngomnye umhla emveni kweyesixe̔nxe isabata niya kubala imihla imashumi mahlanu; nize ninikele umnikelo wokudla omtsha kuyehova.
17
Niya kuzisa zivela emakayeni enu izonka zokushukushukunyiswa zizibini; zoba zezezibini ezeshumi iziqingata zeyefa yomgubo ocolekileyo; sezibilisiwe ziya kwojwa: lulibo kuyehova.
18
Naniya kunikela ndawonye nezonka ezo imvana ezimsulwa zibe sixe̔nxe, ezomnyaka mnye, kwa nenkunzana elitole lenkomo ibe nye, nenkunzi zegusha zibe mbini: zoba lidini lokutshiswa kuyehova, kunye nomnikelo wokudla wazo neminikelo yokusela yazo, umnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova.
19
Nandule nenze ixwana linye lebokwe libe lidini lesono, nemvana zimbini zomnyaka mnye zibe ngumbingo woxolo.
20
Waye umperisite eya kuzishukushukumisa ndawonye nezonka zolibo, zibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa, pambi kwoyehova, kunye nemvana zombini: zoba yingcwele kuyehova ngenxa yomperisite.
21
Naniya kushumayela ngokwa nguwo umhla lowo, ukuba makube yintlanganisano engcwele kuni: aniyi kwenza namnye umsebenzi wenkonzo ngawo: kwoba ngummiselwa ongunapakade kuwo onke amakaya enu ngezizukulwana zenu.
22
Naxeshekweni nivunayo ukuvunwa kwomhlaba wenu, akuyi kugqibela amagumbi entsimi yako ekuvuneni kwako; nokubutekayo kwokuvuna kwako akuyi kukubuta; wokushiyela ihlwempu nowasemzini oko: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
23
Wateta uyehova kanjako ku‐Mosesi, esiti:
24
Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, usiti: Ngenyanga yesixe̔nxe, ngowokuqala umhla wenyanga, noba nopumlo, inkumbuzo yokuhlokoma kwamaxilongo, intlanganisano engcwele.
25
Aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo; koko niya kunikela umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova.
26
Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
27
Kanjalo ngoweshumi umhla walenyanga yesixe̔nxe, ngumhla wokuxolisa wona; noba nentlanganisano engcwele; naniya kubandezela imipefumlo yenu, ninikele umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova.
28
Nangokwa nguwo umhla lowo aniyi kuwenza namnye umsebenzi: ngokuba ungumhla wokuxolisa wona, wokuba kunenzelwe uxoliso ebusweni bukayehova, utixo wenu.
29
Ngokuba yonke imipefumlo engabandezelwanga ngokwa nguwo umhla lowo, yona yonqanyulwa ebantwini bayo.
30
Nayo yonke imipefumlo eyenzayo omnye umsebenzi ngokwa nguwo umhla lowo, sendiya kutshabalalisa imipefumlo leyo pakati kwabantu bayo.
31
Aniyi kuwenza namnye umsebenzi: ngummiselwa ongunapakade ngezizukulwana zenu kuwo onke amakaya enu.
32
Woba yisabata yopumlo kuni, eniya kubandezela imipefumlo yenu ngayo: ngowesitoba umhla wenyanga ngokuhlwa, kwa sekuhlweni kude kube sekuhlweni, niya kuyenza isabata yenu.
33
Wandula wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
34
Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, usiti: Ngoweshumi linesihlanu umhla walenyanga yesixe̔nxe, kwobako umtendeleko wamapempe imihla ibe sixe̔nxe kuyehova.
35
Ngomhla wokuqala kwobako intlanganisano engcwele: aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo ngawo.
36
Yoba yimihla esixe̔nxe eniya kunikela umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova; ngomhla wesibozo noba nentlanganisano engcwele, naniya kunikela umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova: yintlanganiso enkulu; aniyi kuwenza namnye umsebenzi.
37
Yiyo le imitendeleko kayehova, eniya kuyishumayela ukuba zintlanganisano ezingcwele, kuze kunikelwe umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova, idini lokutshiswa nomnikelo wokudla, umbingelelo neminikelo yokusela, into yemini ngemini yayo:
38
ngapandle kwesabata zikayehova, nangapandle kwezipo zenu, nangapandle kwazo zonke izibambiso zenu, nangapandle kwayo yonke iminikelo yenu yesisa, eniyinikayo kuyehova.
39
Kodwa ngoweshumi linesihlanu umhla wenyanga yesixe̔nxe, nxa nibutileyo imveliso yomhlaba, niya kubamba umtendeleko kayehova imihla ibe sixe̔nxe: ngomhla wokuqala lwobako upumlo, nangomhla wesibozo lwobako upumlo.
40
Niya kutabatela kuni ngomhla wokuqala amasebe emiti emihle, amasebe emiti yepalime, namagatya emiti ebungqingqwa, nemincunuba yasemlanjaneni; naniya kugcoba pambi kwoyehova, utixo wenu, imihla ibe sixe̔nxe.
41
Lowo umtendeleko niya kuwubamba kuyehova imihla ibe sixe̔nxe emnyakeni mnye: ngummiselwa ongunapakade ezizukulwaneni zenu; ngenyanga yesixe̔nxe niya kuwubamba.
42
Niya kuhlala emapempeni imihla ibe sixe̔nxe; bonke abangama‐Sirayeli ngokuzalwa bohlala emapempeni;
43
ukuze zikwazi izizukulwana zenu okokuba bendihlalisa usapo luka‐Sirayeli emapempeni, ndakulupumisa elizweni le‐Jipete: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
44
Waye u‐Mosesi waxela imitendeleko kayehova elusatsheni luka‐Sirayeli.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27