bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 19
Leviticus 19
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 20 →
1
Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
2
Teta nayo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Noba bangcwele; ngokuba ndingcwele mna Yehova, utixo wenu.
3
Unyoko noyihlo niya kuboyika nonke ngabanye; nesabata zam niya kuzigcina: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
4
Ningabeki ngakuwo amadalo, notixo abatyityishiweyo ningazenzeli bona: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
5
Kanjalo nxa nibingelela umbingo woxolo kuyehova, niya kubingelela wona ngokutanda kwenu.
6
Ngomhla wokubingelela kwenu uya kudliwa, nangomnye umhla; kodwa oko kuseleyo kwada kwangumhla wesitatu, kwotshiswa ngomlilo.
7
Ukuba kuka kudliwe ngomhla wesitatu, kwoba yinto edlubukileyo oko; akuyi kubukwa.
8
Nokudlayo yena uya kutwala inkohlakalo yake, ngokuba eyinco̔lisile eyingcwele into kayehova; ngako umpefumlo lowo uya kunqanyulwa ebantwini bawo.
9
Kanjalo nxa nivunayo ukuvunwa kwomhlaba wenu, akuyi kugqibela ukuvuna amagumbi entsimi yako; nokubutekayo kwokuvuna kwako akuyi kukubuta.
10
Nesitiya sako semiti yeveyine akuyi kubikica sona; nedreyive ezivutulukileyo zesitiya sako semiti yeveyine akuyi kuzibuta; wozishiyela ihlwempu nowasemzini ezo: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
11
Ningebi̔; ningateti ilwimi, ningenzi ngobuxoki, omnye kwomnye.
12
Kanjako aniyi kufunga igama lam ngendawo ebuxoki; uze ungalidyobi igama lotixo wako; mna ndi nguyehova.
13
Akuyi kulumkisa ummelwane wako, akuyi kumpanga kanjalo; umvuzo woqeshiweyo maungalalisi kuwe kude kuse.
14
Akuyi kutuka ositulu, nasebusweni bemfama akuyi kubeka isiku̔bekiso; kodwa uya kwoyika utixo wako: mna ndi nguyehova.
15
Aniyi kwenza ngobumenemene ekugwebeni; ubuso behlwempu akuyi kububuka, nobuso bomkulu akuyi kububeka; uya kugweba ummelwane wako ngobulungisa.
16
Akuyi kuhambahamba uhleba pakati kwabantu bako; akuyi kuma ngakulo igazi lommelwane wako kanjalo: mna ndi nguyehova.
17
Akuyi kumtiya umzalwana wako entliziyweni yako; uya kukutala ukumohlwaya ummelwane wako, uze ungatwali ngenxa yake isono.
18
Akuyi kupindezela, kanjalo akuyi kubamba ingqumbo ngakulo usapo lwabantu bako; koko uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako: mna ndi nguyehova.
19
Imimiso yam niya kuyigcina. Izilo‐zako ungazenzi zizeke ezolulumbi uhlobo; intsimi yako akuyi kuyihlwayela ngembewu yentlobo ngentlobo; kanjalo isivato esilukiweyo ngentlobo ngentlobo zencawa asiyi kuza pezu kwako.
20
Nosukuba elala nenkazana ngokulalela inzalo, elikobokakazi yona, exanyelwe indoda, engakululwanga nakanye, engapiwanga inkululeko kanjalo; kwobetwa ke; abayi kufiswa, ngokuba ingengokululekileyo inkazana leyo.
21
Waeya kuzisa idini letyala lake kuyehova, elucangweni lwentente yentlangano, kwa inkunzi yegusha ibe lidini letyala.
22
Waye umperisite eya kumenzela uxoliso ngegusha yedini letyala pambi kwoyehova, ngenxa yesono sake onileyo ngaso; aze axolelwe isono sake onileyo ngaso.
23
Naxeshekweni ningenileyo kwelozwe, natyala zonke intlobo zemiti yokutyiwa, isiqa̔mo sayo niya kusibala ngokuba sesingalukileyo: yoba yiminyaka mitatu esiya kuba njengesingalukileyo kuni; asiyi kudliwa.
24
Kodwa ngomnyaka wesine sonke isiqa̔mo sayo soba yinto eyingcwele yokumdumisa uyehova.
25
Nangomnyaka wesihlanu niya kusidla isiqa̔mo sayo, ize yandiswe kuni imveliso yayo: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
26
Aniyi kudla nto inegazi; aniyi kulaula; aniyi kwenza ngobugqi.
27
Amancam entloko zenu aniyi kwenza izazinge ngawo; nencam zendevu zako akuyi kuzonakalisa.
28
Izigebu ngenxa yofileyo aniyi kuzenza enyameni yenu, nomba̔lo wezivambo aniyi kuwenza pezu kwenu: mna ndi nguyehova.
29
Akuyi kudyoba intombi yako ngokuyenza ingnawokazi; ukuba ilizwe lingenzi umbulo, lide ilizwe lizale bubutshinitshini.
30
Isabata zam niya kuzigcina, nendawo yam eyingcwele niya kuyihlonela: mna ndi nguyehova.
31
Ningajikeli kubo abenzelana nemishologu, nakumatola; ningabafuni, ukuba ninco̔lelwe ngabo: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
32
Uya kupakama ebusweni bezimvi, ububeke ubuso bexego, notixo wako umoyike: mna ndi nguyehova.
33
Naxeshekweni kupambukele kuwe owasemzini ukuhlala elizweni lenu, aniyi kumbandezela.
34
Woba njengozelweyo pakati kwenu kuni owasemzini opambukeleyo ukuhlala nani; uya kutanda yena njengokuzitanda kwako: ngokuba nibe ningabasemzini nina elizweni le‐Jipete: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
35
Aniyi kwenza ngobumenemene ekugwebeni, ekwoluleni, ekulinganiseni, nasekuzaliseni.
36
Noba nesilinganiselo esilungeleleneyo, namatye okulinganisa alungeleleneyo, neyefa elungeleleneyo, nehine elungeleleneyo: ndi nguyehova, utixo wenu, onipumisileyo elizweni le‐Jipete.
37
Kukona niya kugcina yonke imimiso yam, nazo zonke izigwebo zam, nizenze: mna ndi nguyehova.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27