bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Leviticus 21
Leviticus 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 22 →
1
WANDULA wati uyehova ku‐Mosesi: Teta kubaperisite, onyana baka‐Arone, uti kubo: Ngenxa yofileyo akayi kuzinco̔lisa umperisite pakati kwabantu bake:
2
kupela ngenxa yesalamane sake esikufupi kuye, ngenxa yonina, nangenxa yoyise, nangenxa yonyana wake, nangenxa yentombi yake, nangenxa yomninawe wake;
3
nangenxa yodade wake oyintombi ipela, okufupi kuye, ongekabi nandoda; ngenxa yaló uya kuzinco̔lisa.
4
Akayi kuzinco̔lisa nangenxa yoyinkosi pakati kwabantu bake, ukuba azidyobe.
5
Abayi kwenza ubunqai pezu kwentloko zabo, nezincam zendevu zabo abayi kuzigugula, nasenyameni yabo abayi kugebula izigebu.
6
Boba ngabangcwele kutixo wabo, negama lotixo wabo abayi kulidyoba: ngokuba bona benikela iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova, ukutya kwotixo wabo; ngako boba ngcwele.
7
Inkazana eyingnawokazi umhlaumbi edyojiweyo abayi kuyizeka, nomfazi olahliweyo yindoda yake abayi kumzeka kanjalo: ngokuba umperisite eyingcwele kutixo wake.
8
Ngako uya kumngcwalisa; ngokuba enikela ukutya kwotixo wako: woba ngcwele kuwe; ngokuba ndingcwele mna Yehova, oningcwalisayo.
9
Kanjako intombi yongumperisite, nxa izidyobayo ngokwenza umbulo, iyadyoba noyise wayo: iya kutshiswa ngomlilo.
10
Nalowo ongumperisite omkulu pakati kwabazalwana bake, obekugalelwa pezu kwentloko yake ioli yokutambisa, nozandla zake zizalisiwe ukwambata izivato, intloko yake akayi kuyihlubulula, nezivato zake akayi kuziṙazula.
11
Kanjalo akayi kuza ngakuwo namnye umzimba ofileyo; akayi kuzinco̔lisa ngenxa yoyise nangenxa yonina.
12
Akayi kupuma endaweni eyingcwele, aze angayidyobi eyingcwele indawo yotixo wake; ngokuba ikrone yeoli yokutambisa yotixo wake ipezu kwake: mna ndi nguyehova.
13
Uya kuzeka umfazi esebutonjini bake.
14
Umhlolokazi, nolahliweyo, nodyojiweyo, n oyingnawokazi, abanjalo akayi kubazeka; koko eya kuzeka intombi ipela yasebantwini bake ibe ngumfazi.
15
Kanjako akayi kudyoba inzalo yake pakati kwabantu bake: ngokuba mna ndi nguyehova omngcwalisayo.
16
Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
17
Teta ku‐Arone, usiti: Umntu wakwinzalo yako, ngezizukulwana zabo, ekukuye isonakalo, akayi kusondela ukuza kunikela ukutya kwotixo wake.
18
Ngokuba engasayi kusondela namnye umntu ekukuye isonakalo: oyimfama, umhlaumbi osisiqwala, umhlaumbi ompumlo ibenileyo, umhlaumbi onendawo ekulelweyo,
19
umhlaumbi umntu ononyawo oluṙunekileyo, umhlaumbi onesandla esapukileyo,
20
umhlaumbi osisifombo, umhlaumbi oyingqeqe, umhlaumbi onomlanga elisweni lake, umhlaumbi onokubabeka, umhlaumbi onokwekwe, umhlaumbi omasende atyunyuzweyo:
21
akayi kusondela namnye umntu, ekukuye isonakalo, kwinzalo ka‐Arone umperisite, ukuza kunikela iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova: isonakalo sikuye; ukutya kwotixo wake akayi kusondela ukunikela kona.
22
Ukutya kwotixo wake, okwezinto ezingcwelekazi, nokwezinto ezingcwele, angakudla;
23
kodwa kulo ikuselo akayi kuza, nakuso isibingelo akayi kusondela, ngenxa yokuba isonakalo sikuye; ukuze angazidyobi indawo zam ezingcwele: ngokuba mna ndi nguyehova obangcwalisayo.
24
Waye u‐Mosesi wateta ezizinto ku‐Arone, nakonyana bake, nakulo lonke usapo luka‐Sirayeli.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27