bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 1
Mark 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 2 →
1
UKUQALA kwevangeli ka‐Yesu Kristu, unyana katixo;
2
njengokuba kuba̔liwe ebaprofiteni ngokuti: Bona ke, ndiyatuma isitunywa sam pambi kwobuso bako, esiya kulungisa indlela yako pambi kwako:
3
nangokuti: Ilizwi lodandulukayo entlango: Lungisani indlela kayehova; yenzani imendo yake ilungelelane.
4
Weza u‐Johane ebapitizesha entlango, eshumayela ubapitizesho lwoguquko kube kukuxolelwa kwezono.
5
Laza lapumela kuye lonke ilizwe le‐Judeya, nabase‐Yerusaleme; bati bonke babapitizeshwa nguye emlanjeni we‐Yoredane, bevuma izono zabo.
6
Waye kekaloku u‐Johane wambete uboya benkamela, nombinqo wolusu esinqeni sake; watya inkumbi nobusi basendle.
7
Washumayela ke, esiti: Uyeza onamandla amakulu kwawam emva kwam, endingafanelekile ukuba nditobe pantsi ndiwutukulule umtya wezihlangu zake.
8
Mna okunene ndinibapitizeshile ngamanzi; kodwa yena wonibapitizesha ngomoya oyingcwele.
9
Kwaye kute kuleyomihla, wavela u‐Yesu e‐Nazarete yase‐Galili, wabapitizeshwa ngu‐Johane e‐Yoredane apo.
10
Waza wati esel’ enyuka emanzini, wabona izulu licandekile, nomoya njengehobe esihla pezu kwake.
11
Kanjalo leza ilizwi livela ezulwini, lisiti: Wena ungunyana wam otandiweyo, endikolisiweyo kakuhle nguye.
12
Waselesiti umoya wamqu̔bela entlango.
13
Waza wakona entlango apo intsuku zamashumi mane, elingwa ngu‐Satane; wayendawonye namaṙamncwa ke; zaza ingelosi zamkonza.
14
KEKALOKU emveni kwokunikelwa kuka‐Johane entolongweni, weza u‐Yesu e‐Galili, eshumayela ivangeli yobukumkani bukatixo,
15
esiti nokuti: Ixesha lizalisekile; buse bukufupi ubukumkani bukatixo: guqukani, nikolwe evangelini.
16
Wati kekaloku ehamba ngaselwandle lwase‐Galili, wabona u‐Simone, no‐Andreya umninawe wake, beposa utambo elwandle: ngokuba bebengabalobi bentlanzi.
17
Waza wati kubo u‐Yesu: Yizani emva kwam, ndandiya kunenza nibe ngabalobi babantu.
18
Basebesuka bazishiya intambo zabo, bamlandela.
19
Kanjalo egqitile apo umganyana, wabona u‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe wake, besenqanaweni bona nabo belungisa intambo.
20
Wasuka wababiza ke: baza bashiya uyise wabo u‐Zebedi enqanaweni enabaqashwa, bemka baya emva kwake.
21
Baya bangena e‐Kapenayume: waza wati ngemini yesabata waselengena endlwini yentlanganiso wafundisa.
22
Baye bemangaliswa ke pezu kwesifundiso sake; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, bekungenjengababa̔li.
23
Kwaye kuko endlwini yentlanganiso yabo umntu enomoya onco̔lileyo; waza wadanduluka,
24
esiti: Yeka! siyinto nina kuwe, Yesu wase‐Nazarete? uze kusitshabalalisa na? ndiyakwazi wena ungubanina, ungoyingcwele katixo.
25
Waza u‐Yesu wamtetisa, esiti: Yiti cwaka, upume kuye.
26
Waza umoya onco̔lileyo wamṙuzula, wadanduluka ngelizwi elikulu, wapuma kuye.
27
Bati nqa ke bonke, bada babuzisana omnye nomnye, besiti: Yinto nina le? lolwanina ufundiso olutsha olu, ukuba nomoya abanco̔lileyo ebayalela ngegunya, bamve ke?
28
Lwaselusuka lwapuma udumo lwake lwaya kulo lonke ilizwe langase‐Galili.
29
Baza bati kwa oko, bakuba bepumile endlwini yentlanganiso, bangena endlwini ka‐Simone no‐Andreya, kunye no‐Yakobi no‐Johane.
30
Kekaloku umkwekazi ka‐Simone ebelele, esifa licesine; baza basebemxelela ngaye.
31
Wayesiza wabamba isandla sake, wamsukisa; lamyeka icesine kwa oko, wabakonza ke.
32
Kwati kwakuhlwa, lakutshona ilanga, bazisa kuye bonke abafayo nabangenelwa zidemoni.
33
Saye isixeko sonke sibe sibutelene ngasemnyango.
34
Waza wabapilisa abaninzi ababesifa zizifo ngezifo; nedemoni ezininzi waziku̔pa, engazivumeli ke ukuba zitete idemoni, ngokuba zibe zimazi yena.
35
Waza wati kwakuza kusa, wavuka kusesebusuku kanye, wapuma, wemka waya endaweni elubala, watandaza kona apo.
36
Baza bamputuma u‐Simone nabo babenaye.
37
Bemfumene ke, bati kuye: Bonke bayakufuna.
38
Wayesiti kubo: Masihambe siye ezinqilini ezikufupi, ndize ndishumayele nakona; ngokuba ndivelele oku.
39
Waza washumayela ezindlwini zentlanganiso zabo kuyo yonke i‐Galili, waku̔pa nedemoni.
40
Kwati kekaloku kweza kuye ileperi, limbongoza liguqa pantsi kuye, lisiti nokuti kuye: Ukuba uyatanda, ungandihlambulula.
41
Waza u‐Yesu wabetwa lusizi, wasolula isandla, walicu̔kumisa, wati kulo: Ndiyatanda; hlambuluka.
42
Sati nxa abesitsho semka kulo kwa oko isilepero salo, lahlambuluka ke.
43
Waza eliyalile kakulu nje waselelindulula,
44
wati kulo: Lumka ungaxeleli mntu into; kodwa hamba, zibonakalise kumperisite, unikele ngenxa yokuhlanjululwa kwako izinto wabeyalela zona u‐Mosesi, zibe sisinqi̔no kubo.
45
Lati kodwa lakupuma, laqala ukushumayela kakulu, nokuvakalisa londawo, wada u‐Yesu wayengasenako ukuba angangena esixekweni ekuhleni; koko wayengasendle ezindaweni ezilubala, bati abantu beza kuye bevela emacaleni onke.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16