bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 15
Mark 15
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 16 →
1
KWAZA kwati kwakusa, basebecebisana abaperisite abakulu kunye nabo abadala nababa̔li, kwa nayo yonke intlanganiso yamapakati, abati bakuba bemnxibile u‐Yesu, bamsa bamnikela ku‐Pilati.
2
Waza u‐Pilati wambuza, esiti: Ungukumkani wama‐Juda na? Wapendula wati kuye: Utsho wena.
3
Kekaloku abaperisite abakulu bebemnika ityala ngento ezininzi.
4
Waza u‐Pilati wabuya wambuza, esiti: Akupenduli nto na? kangela, izinto zininzi kangakanana abazinqi̔nayo ngakuwe.
5
Kodwa u‐Yesu akasapendula nto; wada wati nqa u‐Pilati.
6
Kekaloku ngomtendeleko lowo ebebakululela umbanjwa wamnye, kwa lowo bamcelayo.
7
Kwaye kuko umntu okutiwa ngu‐Baraba, enxityiwe ndawonye nabo babesenza impitimpiti kunye naye, abebete kulompitimpiti benza umbulalo.
8
Saza samemeza isihlwele, saqala ukucela ukuba enze njengokuba ebefuda esenza kubo.
9
Koko u‐Pilati wapendula kubo, esiti: Nifuna ukuba ndinikululele ukumkani wama‐Juda na?
10
Ngokuba ebesazi ukuba abaperisite abakulu bebemnikele ngomona.
11
Kodwa abaperisite abakulu bavusa isihlwele, ukuba ngokukumbi makabakululele u‐Baraba.
12
Wapendula ke u‐Pilati, wabuya wati kubo: Pofu nifuna ukuba nditi nina kulowo niti ungukumkani wama‐Juda?
13
Babuya badanduluka, besiti: Mkuruseshe yena.
14
Koko u‐Pilati wabesiti kubo: Wenze ukukohlakala kunina pofu? Kodwa badanduluka kakulu ngakumbi, besiti: Mkuruseshe yena.
15
Waza u‐Pilati, efuna ukunga angancamisa isihlwele, wabakululela u‐Baraba; wati u‐Yesu, akuba emtyabule, wamnikela ukuba akuruseshwe.
16
Aza amasodati amr̔ola aya pakati ekusini, kwelendlu yenkosi, abizela ndawonye lonke ibandla lawo.
17
Aza amambatisa isivato esibomvu, ati akuba elukile isitsaba semitolo, asifaka kuye,
18
aqala ukumbulisa, esiti: A, kumkani wama‐Juda!
19
Kanjalo ambeta entloko ngengcongolo, amtshicela, aza aguqa ngamadolo ambedesha.
20
Ati xeshekweni ebemhlekile, amhluba isivato esibomvu, amambatisa ezake ingubo; aza amr̔olela pandle, ukuze amkuruseshe.
21
Aza anyanzela umntu obedlula kona, u‐Simone wase‐Kirene, evela ezindleni, uyise bo‐Aletsandere no‐Rufusi, ukuba atwale ikuruse yake.
22
Aza amzisa endaweni e‐ kutiwa yi‐Gologota, okukuti ngokukunyushwa, yindawo yenkankani;
23
amnika iveyine ipitikeziwe nemore, ukuba asele; koko engayamkelanga.
24
Ati akuba ebemkuruseshile, azaba ingubo zake, esenza amaqashiso pezu kwazo, okuba asuse nto nina ngamanye.
25
Yabiyiyure yesitatu ke, nxa amkuruseshayo.
26
Saye siba̔lelwa pezulu isiba̔lwa setyala lake sokuti: Ukumkani wamajuda.
27
Kwaye kukuruseshwa ndawonye naye amabada amabini, elinye ngasekunene, nelinye ngasekohlo kuye.
28
Saza sazaliseka isiba̔lo esiti: Wabalwa nabagqita umteto.
29
Baza abo babedlula bamgxeka, behlunguzela intloko zabo, besiti nokuti: He ke! wena uyici̔tayo itempile, ubuye uyake pakati kwentsuku ntatu,
30
zisindise, uze uhle ekuruseni!
31
Kwa njalo ke nabaperisite abakulu, behleka pakati kwabo, kunye nababa̔li, bebesiti: Abanye wabasindisa, yena ngokwake akangezisindise:
32
u‐Kristu, ukumkani wo‐Sirayeli, makehle kaloku nje ekuruseni, size sibone sikolwe nokukolwa. Kanjako abo babekuruseshwa ndawonye naye bebemtuka.
33
Kwati kwakufika iyure yesitandatu, kwabako ubumnyama pezu kwalo lonke ilizwe yada yayiyure yesitoba.
34
Waza ngeyure yesitoba wakala u‐Yesu ngelizwi elikulu, esiti: Eloi! Eloi! lama sabaketani? okukuti ngokukunyushwa: Tixo wam! Tixo wam! undishiyele nina?
35
Baye besiti inxenye yabemi kufupi, bakuva: Bona ke, uyabiza u‐Elija.
36
Wagidima ke omnye, waya wazalisa ikepekepe ngeyasine, walifaka engcongolweni, wamseza, esiti: Yekani, masibone ukuba uyeza na u‐Elija ukuza kumtula.
37
Wati ke u‐Yesu waku̔pa ilizwi elikulu, waqauka umpefumlo.
38
Laza ikuselo lendawo eyingcwele laṙazulwa kubini kwa pezulu kwada kwasezantsi.
39
Kekaloku inkosikulu ebimi kufupi malungana naye, yakubona ukuba wadanduluka njalo waqauka umpefumlo, yati: Ngenyaniso umntu lo ebengunyana katixo.
40
Kwaye kuko nabafazi bebonela bekude, owayeko pakati kwabo no‐Mariya wase‐Magadala, kwa no‐Mariya unina bo‐Yakobi omncinane no‐Jose, no‐Salome,
41
(ababete kanjalo, okuya abese‐Galili, bamlandela, bamkonza nokumkonza,) nabanye abafazi abaninzi abebenyukele e‐Yerusaleme kunye naye.
42
Kwati kwakuba kuse kuhlwile, ngenxa yokuba ibiyimini yokulungiselela, okukuti, yimini epambili kuyo isabata,
43
kweza u‐Josefe, owase‐Arimateya, umpakati odumileyo, obelinda ubukumkani bukatixo naye, wakalipa wangena ku‐Pilati, wacela umzimba ka‐Yesu.
44
Kekaloku u‐Pilati wati nqa ukuba usel’ efile; waza wabiza inkosikulu, wabuza kuyo ukuba kwasekumzuzu efile na.
45
Wati akwazi ngenkosikulu, wampa u‐Josefe umzimba.
46
Waza watenga iqiya eshiceneyo, wamtula, wamsongela kuloqiya eshiceneyo, wamlalisa encw̔abeni ebelimbiwe eweni, waliqengqa ilitye ngasemnyango wencw̔aba.
47
Kekaloku u‐Mariya wase‐Magadala, no‐Mariya unina ka‐Jose, bebebonela apo wayebekelwa kona.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16