bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 10
Mark 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 11 →
1
KEKALOKU esukile apo, weza emideni yase‐Judeya, ngecala elingapesheya kwe‐Yoredane: zati izihlwele zabutela kuye kanjako; waza wazifundisa kanjako, njengokuba ebeqelile ukwenje njalo.
2
Kweza kuye nabafarisi, bambuza ukuba kufanelekile endodeni na ukulahla umfazi, bemlinga.
3
Wapendula wati kubo: Ubeniyalele nto nina u‐Mosesi?
4
Bati ke: u‐Mosesi ubevumela ukuba kuba̔lwe incwadi yokwahlukanisa, nokuba kulahlwe.
5
Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Ngenxa yobulukuni bentliziyo zenu waniba̔lela lomyalelo;
6
kodwa kwa sekuqaleni kwokudalwa, utixo wabenza indoda nomfazi.
7
Ngenxa yoku umntu uya kushiya uyise nonina, anamatele emfazini wake,
8
baze abo babini babe yinyama nye. Ngako oko abasebabini, bayinyama nye.
9
Ngoko ke, oko utixo akubandakanyileyo, makungahlulwa mntu.
10
Bati endlwini ke abadisipile bake babuya bambuza ngaleyo ndawo.
11
Waza wati kubo: Osukuba elahla umfazi wake, aze azeke omnye, uyaṙexeza ngakuye.
12
Kanjalo ukuba umfazi uyalahla indoda yake, aze ende kwenye, uyaṙexeza naye.
13
Kwaza kwaziswa kuye abantwana, ukuze abacu̔kumise; koko abadisipile babebatetisa abo babebazisa.
14
Kodwa akubona oko u‐Yesu, waqumba kakulu, wati kubo: Vumelani abantwana ukuza kum, ize ningabaleli; ngokuba ubukumkani bukatixo bubobabanjalo.
15
Ngokwenene nditi kuni: Osukuba engamkeli ubukumkani bukatixo njengomntwana, akasayi kuza angene kubo.
16
Waza wabasingata ngengalo, wabeka izandla pezu kwabo, wabatamsanqelisa.
17
Kekaloku akupumela endleleni, kweza umntu otile ngokubaleka, waguqa pantsi kuye, wambuza, esiti: Mfundisi olungileyo! ndiya kwenza nto nina ukuze ndidle ilifa lobomi obungunapakade?
18
Wayesiti u‐Yesu kuye: Yinina ukuba uti ndingolungileyo? akuko olungileyo, kupela umnye, o ngutixo.
19
Imiyalelo uyayazi: Akuyi kuṙexeza; akuyi kubulala; akuyi kuba̔; akuyi kunqi̔na ubunqi̔na obubuxoki; akuyi kulumkisa; beka uyihlo nonyoko.
20
Wapendula wati kuye: Mfundisi! ezizinto zonke ndizibambile kwa sebutsheni bam.
21
Waza u‐Yesu emkangele wamtanda, wati kuye: Inye into uyisweleyo: hamba, uye utengise ngako konke onako, upe amahlwempu, wauya kuba nendyebo ezulwini; uze ke, yipate ikuruse, ulandele mna.
22
Kodwa wati kunubembe ngelozwi, wemka elusizi; ngokuba ebe enazo imfuyo ezininzi.
23
Waza wasingasinga u‐Yesu, wati kubadisipile bake: Kungento enqabileyo kangakananina ukuba abo banobutyebi baya kungena ebukumkanini bukatixo!
24
Bati kekaloku abadisipile batela nqa amazwi ake. Kodwa u‐Yesu wabuya wapendula, wati kubo: Lusapo! kunqabile kangakananina ukuba abo batembela ebutyebini bangene ebukumkanini bukatixo!
25
Kulula ukuba inkamela ipumele entunjeni yesinalite, pezu kwokuba isityebi singene ebukumkanini bukatixo.
26
Babemangaliswa ngakumbi ke, besiti pakati kwabo: Ngubanina kanti ongasindiswayo?
27
Koko u‐Yesu ebakangele wati: Ebantwini akwenzeki oku, kodwa aku kokungenzekiyo kutixo; ngokuba zonke izinto zisenzeka kutixo.
28
Waza waqala u‐Petrosi ukuti kuye: Bona ke, tina sikushiyile konke, salandela wena.
29
Wapendula u‐Yesu wati: Ngokwenene nditi kuni: Akuko mntu oshiyileyo indlu, umhlaumbi abaninawe, umhlaumbi odade, umhlaumbi uyise, umhlaumbi unina, umhlaumbi umfazi, umhlaumbi abantwana, umhlaumbi amasimi, ngenxa yam na ngenxa yevangeli,
30
ongayi kuti kaloku nje kwelixesha amkele ngekulu, izindlu, nabaninawe, nodade, nonina, nabantwana, namasimi, kunye nazo intshutshiso, nakwelolizwe lizayo obomi obungunapakade.
31
Kodwa baninzi abangabokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabangabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.
32
KEKALOKU bebesendleleni benyukela e‐Yerusaleme: waye u‐Yesu ebehamba pambili kubo; baza bati nqa, bati belandela boyika. Wabuya watabatela kuye abalishumi linababini, waqala ukubaxelela izinto eziza kumhlela,
33
esiti: Bona ke, siyanyukela e‐Yerusaleme, waeya kuti unyana wesintu anikelwe kubaperisite abakulu nakubaba̔li, abaya kumgweba ukuba afe, bamnikele kubaheyideni;
34
babeya kumhleka, bambete, bamtshicele, bambulale; woti ngomhla wesitatu abuye avuke.
35
Baza basondela kuye u‐Yakobi no‐Johane onyana baka‐Zebedi, besiti: Mfundisi! singa ungasenzela into esukuba sicela yona.
36
Wayesiti kubo: Ninga ndinganenzela nto nina?
37
Baye besiti kuye: Sipe okokuba sihlale, omnye abe ngasekunene kuwe, omnye abe ngasekohlo kuwe, ebungcwaliseni bako.
38
Koko u‐Yesu wati kubo: Aniyazi into eniyicelayo. Ningasela na endebeni endisela kuyo mna? nobapitizesho endibapitizeshwa ngalo mna, ningabapitizeshwa ngalo na?
39
Baye besiti kuye: Singenje njalo. Wati ke u‐Yesu kubo: Londebe okunene endisela kuyo mna, niya kusela kuyo, nobapitizesho endibapitizeshwa ngalo mna, niya kubapitizeshwa ngalo;
40
kodwa ukuhlala ngasekunene kum nangasekohlo kum asi kuko okwam ukupa, kupela ukupa abo balungiselwe kona.
41
Baza bati abalishumi bakuva oku, baqala ukuqumbela u‐Yakobi no‐Johane kakulu.
42
Koko u‐Yesu wababiza wati kubo: Niyazi ukuba abo babalwayo ngokuba zinkosi zabaheyideni bayabapata ngobukosi, nokuba abakulu babo bayenza ngegunya pezu kwabo.
43
Kodwa akuyi kuba njalo pakati kwenu; koko osukuba efuna ukuba mkulu pakati kwenu, woba ngumkonzi wenu;
44
nowakuni osukuba efuna ukuba ngowokuqala, woba sisicaka sabo bonke:
45
ngokuba nonyana wesintu ebengezanga ukuza kukonzwa, koko weza ukukonza, nokunika ubomi bake bube yintlaulelo yabaninzi.
46
Baza bafika e‐Jeriko: kwakute nxa ebepuma e‐Jeriko, kwa nabadisipile bake, nento eninzi yabantu, u‐Baratimeyu oyimfama, unyana ka‐Timeyu, wabehleli ngasendleleni enqiba.
47
Wati akuva ukuba ngu‐Yesu wase‐Nazarete, waqala ukudanduluka nokuti: Yesu, nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum.
48
Baza abaninzi bamyala, ukuba ati tu: kodwa wayedanduluka ngento enkulu ngakumbi, esiti: Nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum.
49
Waza wema u‐Yesu waxela ukuba makabizwe: basuka bambiza oyimfama, besiti kuye: Yomelela; vuka, uyakubiza.
50
Waselelahla ingubo yake, wesuka, weza ku‐Yesu.
51
Waza wapendula u‐Yesu wati kuye: Unga ndingakwenzela nto nina? Wayesiti oyimfama kuye: Raboni! ndinga ndingamkela ukubona kwam.
52
Wayesiti u‐Yesu kuye: Hamba; ukolo lwako lukupilisile. Waza kwa oko wamkela ukubona kwake, wamlandela u‐Yesu endleleni.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16